Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20180604-2828
12/2/8/17/1/2
IMIBUZO:   K Lackay    IFONI:   021 467 2327  IFEKSI:   021 483 7658

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOKUXHASA AMAZIKO NGEZIBONELELO:  0004/2018


IYA:   

KUMLAWULI OYINTLOKO KWIZITHILI, KUBALAWULI BEZITHILI, KUMASEKELA BALAWULI BEENKONZO ZEZIKO (KWII-OFISI ZEZITHILI), KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO


 

IZICELO ZEENKONZO EZINTSHA ZOTHUTHO LWABAFUNDI UKULUNGISELELA U-2019 (EZEENKONZO EZINTSHA NEZABAFUNDI ABONGEZELELWEYO)


1. Kucelwa izikolo zigxininise kuphela kwizicelo zesikim sothutho lwabafundi (learner transport scheme (LTS)) ukulungiselela unyaka wesikolo ka-2019 ukususela kwikota yesithathu ka-2018. Ukusetyenzwa (processing) kwezicelo zeLTS ezikhoyo zonyaka wesikolo ka-2018 kuyaqukunjelwa kwaye ziyacelwa izikolo zingangenisi ezinye izicelo ezitsha zeLTS zika-2018.
2. Izicelo zeziko zeendlela ezintsha kunye nokufakwa kwabafundi abongezelelweyo kwiindlela ezikhoyo ngoJanuwari 2019 mazingeniswe kumphathi wesekethe ochaphazelekayo ungadlulanga owe-31 Julayi 2018.
3. Izikolo maziqalise ukulungiselela izicelo ekunikwe uzathuzo olupheleleyo ngezicelo ezo xa kuvulwa kwakhona izikolo kwikota yesikolo yesithathu ka-2018.
4. Kucelwa abaphathi besekethe bangqinisise okanye baqinisekise ukuba ingaba abafundi banokufakwa na kwizikolo okanye kwiihostele kunye nokuzalisa isiHlomelo B sefom yesicelo phambi kokuba kuqwalaselwe umba wokufakwa kwaba bafundi kwiskim sezothutho.
5. Amagosa ezithili achaphazelekayo aya kusebenza ezo zicelo njengoko kuyimfuneko aze angenise izicelo ezisayiniweyo ezineemephu zeendlela kwiCandelo lokuXhasa amaZiko ngeziBonelelo ukwenzela ukuba zifumane ukuqwalaselwa nguMnu Keith Lackay, onguSekela Mlawuli weCandelo leLTS, ungadlulanga owe-24 Agasti 2018.
6. Fumana apha kuqhotyoshelwe ikopi yefom yakutshanje yokwenza isicelo seLTS, yangoJulayi 2015, eya kusetyenziselwa le njongo ikhankanywe ngentla. Kucelwa uqinisekise ukuba onke amacandelo ale fom yesicelo azalisiwe.
7. Kubaluleke gqitha ukuba izicelo zeendlela ezintsha kunye nabafundi abongezelelweyo bafumaneke kwangethuba ukuze kuthengwe iinkonzo neziya kufumaneka kwangosuku lokuqala lwesikolo luka-2019. Izicelo ezingeniswe emva kwalo mhla ukhankanywe ngentla zisengozini yokungavunywa kwangexesha ukulungiselela usuku lokuqala lonyaka wesikolo ka-2019.


ISAYINWE: NGU-S ABRAHAMS
IBAMBELA LESEKELA-MLAWULI KUCWANGCISO JIKELELE
UMHLA: 2018:06:14


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
IsiHlomelo A: "Application - Learner Transport Schemes"  (ubukhulu: 61 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe