1. Uqinisekiso lwezithuthi zeZikim zoThutho lwaBafundi kwindlela nganye yokuthutha abafundi
1.1 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) kutshanje liqalise ukusebenzisa iziko ledatha lasekhompyutheni kwiCentral Education Management Information System (CEMIS). Zonke izithuthi ezivunyiweyo kwiindlela zeLTS ziyavela kweli ziko ledatha.
1.2 Injongo yeli ziko ledatha kukubeka esweni ukuhambelana mbo neekhontraki zeLTS nokuqinisekisa ukuba izithuthi ezisetyenziselwa ukuthutha abafundi zizithuthi ezivunyiweyo. Usetyenziso lwezithuthi ezingagunyaziswanga malungavunyelwa, kuba lusisoyikiso kukhuseleko lwabafundi.
1.3 Iinqununu zezikolo ukwenjenje ziyacelwa ukuba zingene kwi-CEMIS ngethuba lomhla we-16 ukuya kowe-20 Apreli 2018 ukujonga iinkcukacha zezithuthi ezivunyiweyo zendlela yothutho lwabafundi ethile.
1.4 Ukuze kube nokungenwa kwiinkcukacha zesithuthi kwindlela nganye kwi-CEMIS, makulandelwe lo mgaqo:

  • Ngena kwiCEMIS.
  • Kwikhasi lemenyu, yalatha kwisihloko u-"Administration". Kuya kuvela u-"Learner Transport" kuluhlu.
  • Yalatha kukhetho lwe-"Learner Transport" apho ii-"Capture Screens" ziya kuvela khona kuluhlu.
  • Klikha ku-"Capture Screens".
  • Kwisikrini esilandelayo, klikha ku-"Proceed" ungakhange ude ube ukhethe ibakala.
  • Kwiskrini esilandelayo, klikha ku-"Summary Section" uze ukhethe inombolo yendlela efanelekileyo.
  • Kuya kuboniswa ngoku uluhlu oluveza izithuthi ezivunyiweyo kwindlela leyo kwakunye nabafundi abagunyazisiweyo kuloo ndlela imiselweyo.
1.5 Nje ukuba kugqitywe ukujonga iziko ledatha yasekhompyutheni, iinkcukacha zesithuthi esivunyiweyo ngasinye mazirekhodwe kwaye zithelekiswe neenkcukacha zezithuthi zeLTS ezisetyenziswayo ngoku kwindlela ethile.
1.6 Ifom i-Learner Transport Verification Form (isiHlomelo A) eqhotyoshelweyo mayizaliswe ngolu hlobo lulandelayo:

  • Ukuba zonke izithuthi ezivunyiweyo kwi-CEMIS ziyasetyenziswa ngoku, tikisha ibhokisi yokuqala ekumhlathi wokuqala wandule ukusayina ifom.
  • Ukuba isithuthi esinye okanye nangaphezulu ezikwiCEMIS azisetyenziswa ngoku kwindlela leyo, tikisha ibhokisi yesibini wandule ukuzalisa iinkcukacha zesithuthi esitshintshwayo endaweni yesinye (iinkcukacha zezithuthi ezitshintshwayo endaweni zezinye izithuthi) kwitheyibhile engezantsi komhlathi wesibini wandule ukusayina ifom.
1.7 Ifom yokungqinisisa ezaliswe ngokupheleleyo mayingeniswe nge-imeyili apha wcedlts@westerncape.gov.za, ukuze ifumane ukuqwalaselwa nguSekela Mlawuli weCandelwana leLTS kwaNdlunkulu ungadlulanga owe-20 Apreli 2018.
1.8 Ukuba kunokwenzeka udibane nazo naziphi iingxaki ekuqondeni oko kufunekayo kule mihlathi ikhankanywe ngentla kunye/okanye xa ungena kwi-CEMIS, aba bantu balandelayo banokubizwa ukunika uncedo: Nks A Mvelase, kwifoni 021 467 2356, okanye umthumele nge-imeyili apha Amanda.Mvelase@westerncape.gov.za okanye kuMnu G Fransman kwifoni 021 467 2247, okanye umthumele nge-imeyili apha GriffetTrevor.Fransman@westerncape.gov.za.

2. Iifom ezintsha zotshintsho lwethutyana okanye olusisigxina lwezithuthi zeLTS endaweni yezinye
2.1 Ukwenza izinto ngobuchule obukhulu, kuqulunqwe iifom ezintsha zotshintsho lwethutyana kunye nolusisigxina lwezithuthi zeLTS (iziHlomelo B no-C) endaweni yezinye. Ezi fom zintsha ziya kuthatha indawo yefom u-UB40 ngoko nangoko.
2.2 Inkqubo yotshintsho lwezithuthi lwethutyana endaweni yezinye lusebenza ngokulandelayo:

  • Inqununu mayiluvume utshintsho lwethutyana lwesithuthi endaweni yesinye kwifom i-Temporary Vehicle Replacement Form (isiHlomelo B).
  • Ifom i-Temporary Vehicle Replacement Form isebenza ngokusemthethweni iinyanga ezintathu ususela kumhla wokuvunywa kwayo yinqununu.
  • Isakuba ivunyiwe le fom ikhankanywe ngentla, inqununu mayithumele ngoko nangoko ikopi yayo apha wcedlts@westerncape.gov.za, ukuze ifumane ukuqwalaselwa nguSekela Mlawuli weCandelwana leLTS.
  • I-ofisi kaSekela Mlawuli weCandelwana leLTS iya kuhlaziya ngokutsha iziko ledatha yasekhompyutheni ngoko nangoko isakuyifumana ifom esayiniweyo.
2.3 Inkqubo yotshintsho lwezithuthi olusisigxina isebenza ngokulandelayo:

  • Inqununu mayenze ingcebiso malunga notshintsho olusisigxina lwesithuthi ngesinye kwifom i-Permanent Vehicle Replacement Form (isiHlomelo C).
  • Oku kuya kuvumela ukuba isithuthi sisetyenziswe kangangethuba eliyokutsho kwiinyanga ezintandathu lo gama inkqubo yokunika imvume esisigxina isanikwa ingqwalaselo kwaNdlunkulu.
  • Isakuba yenziwe ingcebiso engotshintsho olusisigxina lwesithuthi endaweni yesinye, inqununu mayithumele ngoko nangoko ikopi yefom i-Permanent Vehicle Replacement Form apha wcedlts@westerncape.gov.za, ukuze ifumane ukuqwalaselwa nguSekela Mlawuli weCandelwana leLTS.
  • I-ofisi kaSekela Mlawuli weCandelwana leLTS iya kuhlaziya ngokutsha iziko ledatha yasekhompyutheni nje ukuba iyifumane ifom esayiniweyo ukubonisa usetyenziso lwethutyana lwesithuthi esitshintshwe kwafakwa sona endaweni yesinye.
  • Sisakuba sivunyiwe isicelo nguNdlunkulu, iya kutshintshwa ikhontraki ukubonisa isithuthi njengoko sivunyiweyo kwaye iziko ledatha yasekhompyutheni liya kuhlaziywa ngokutsha ukubonisa utshintsho olusisigxina lwesithuthi endaweni yesinye.
2.4 Iinqununu zinokuvuma kuphela utshintsho lwethutyana lwesithuthi endaweni yesinye zize zinike ingcebiso ngotshintsho olusisigxina lwezithuthi zeLTS kusakuba kufumaneke ikopi yelayisensi esemthethweni kunye nesatifikethi sokuba semgangathweni wokusetyenziswa endleleni kwesithuthi (neelayisensi ezisemthethweni kunye nezatifikethi zokuba semgangathweni wokusetyenziswa endleleni kwezithuthi). Iirekhodi zezi zinto mazigcinwe kwifayili yeLTS esikolweni.

3. Kucelwa uqaphele xa kukho ngaphezu kwesikolo esinye kwindlela leyo, nayiphi enye yeenqununu inokuluvuma utshintsho lwethutyana lwesithuthi endaweni yesinye okanye inike ingcebiso ngotshintsho lwesithuthi olusisigxina endaweni yesinye.

4. Zonke izikolo zinokungena kwi-CEMIS ngalo naliphi ixesha ukuqaphela ukuhlaziywa ngokutsha kotshintsho olusisigxina okanye lwethutyana lwesithuthi/lwezithuthi zeLTS ngokumalunga neendlela zabafundi ezithile. Oku kuya kwenza ukuba zonke izikolo zikwazi ukubeka esweni ukuba ingaba izithuthi ezivunyiweyo ziyasetyenziswa na.

5. Ithakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu yokuqalisa le sistim yokubeka esweni inkqubo yeLTS ukuqinisekisa ukhuseleko lwabafundi.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:04:03

IsiHlomelo A: "Learner transport vehicle verification form"  (ubukhulu: 65 KB)
IsiHlomelo B: "Application for the temporary replacement of a vehicle"  (ubukhulu: 59 KB)
IsiHlomelo C: "Application for the permanent replacement of a vehicle"  (ubukhulu: 59 KB)