1. ISebe loBugcisa neNkcubeko, ngokubambisene neLibrary and Information Association of South Africa (LIASA), libhengeze ukuba iVeki yeLayibrari yeSikolo yaseMzantsi Afrika (iSALW) ngo-2018 iya kubhiyozelwa ukususela nge-19 ukuya kwi-25 Matshi 2018. Umxholo wayo uya kuthi "Iilayibrari: ZibuBomi boLuntu".

2. Lo mxholo ugxininisa kwakhona imbono yokuba iilayibrari zezoluntu kwaye zibaluleke gqitha kulo. Zonke iilayibrari, nokuba yilayibrari yesikolo, karhulumente, eyezemfundo okanye ilayibrari ekhethekileyo, zibubomi bentlalo yoluntu ukunika izibonelelo eziluncedo gqitha ekusombululeni iimfuno zoluntu, kwaye ziindawo apho uluntu ludibanela khona.

3. Zivuleleke kuluntu oluyinxalenye yazo, kwaye zibonelela ngeenkonzo ezibaluleke gqitha ukunceda abantu kwanoluntu oluzingqongileyo ukuba luphumelele. Ukususela ekungeneni kwi-intanethi nasekufumaneni uncedo ngomsebenzi wasekhaya, iilayibrari zibonelela ngesithuba ekungenwa lula kuso, imithombo yolwazi kwaneenkonzo ezixhanyulwa ngumntu wonke.

4. Lo mxholo kwakhona ukhuthaza wonke umntu aqonde ukuba iilayibrari ziindawo zokuhanjelwa ezikhethekileyo, zizithuba ezivulelekileyo ezibandakanya bonke abantu ukuphucula ulwazi lokufunda nokubhala ngokuphuhlisa ngokwasengqondweni neliso lobuka into entle (intellectual and aesthetic development) ngabantu bobudala bayo yonke iminyaka.

5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) likhuthaza izikolo zithathe inxaxheba kukhuphiswano lwe-LIASA kuzwelonke ngokwenza okulandelayo:
5.1 kucelwa ufake ekhompyutheni kwaye uphendule le mibuzo ilandelayo (le mibuzo iya kukunceda kwisicwangciso sakho setheko/somboniso):

  • Chaza oko ukulungiselele i-SALW ngo-2018.
  • Beziyintoni iinjongo zetheko/zomboniso wakho obuwulungiselele?
  • Ngubani obujonge ukuba makazobukela kwaye ingaba imisebenzi yakho ye-SALW ka-2018 ibachaphazela njani bona?
  • Ingaba itheko/umboniso wakho obuwulungiselele we-SALW ka-2018 ubuyimpumelelo?
  • Kutheni ucinga ukuba abagwebi mabayiqaphelele ibhaso lokuwonga ilayibrari yakho?
  • Okubaluleke gqitha: Kucelwa uthumele nge-imeyili ubuncinane iifoto zibe ne ezisemgangathweni apha: Liasamaig@gmail.com
5.2 Umhla osikelwe ukuvalwa kokhuphiswano nguLwesithathu, 11 Apreli 2018.
5.3 Amangenelo anokufakwa ngekhompyutha ngokulandela le linki ilandelayo: https://goo.gl/forms/k3jPKltyQGRu67qf1.
5.4 Abaphumeleleyo kudidi olo baya kufumana ivawutsha ye-R1000 yakwa-Exclusive Books yelayibrari yabo.
5.5 Imibuzo inokubhekiswa ku-Elsabe Olivier apha: elsabe.olivier@up.ac.za.
5.6 Ukubhengezwa kwabaphumeleleyo: Abaphumeleleyo baya kwaziswa ngefoni okanye nge-imeyili ungadlulanga owe-20 Apreli 2018.
5.7 Ootitshala banokukhuphela le phowusta ye-SALW ka-2018: http://www.liasa-new.org.za/wp-content/uploads/2018/03/A2-Poster-002.pdf.

6. Kunokuqhagamshelwana namagosa esithili eWCED ngeenkonzo zeelayibrari zezikolo.

Faith Lawrence UMcebisi weeLayibrari zeZikolo,
Isithili sase-West Coast
tel. no. 021 860 1562
Janine Ontong UMcebisi weeLayibrari zeZikolo,
Isithili i-Cape Winelands
tel. no. 023 348 4657


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:03:14