1. Iincwadi zomsebenzi (zamaBakala R ukuya ku–9) zesiqingatha sesibini sonyaka ka-2018, zasiwa kuzo zonke izikolo njengoko kwakuchaziwe kwiSetyhula 0026/2017 yomhla we-09 Agasti 2017.
2. Ukwenzela ukuba izikolo zikwazi kwangexesha ukuziqaphela iincwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko zamaBakala R ukuya ku–9 kwisiqingatha sesibini sonyaka ka-2018, zonke izikolo zikarhulumente mazingene kwi-CEMIS phakathi kowe-07 nowe-11 kuMeyi 2018. Ngeli thuba, izikolo zimele ukuwafaka ekhompyutheni yaye ziwasayinele amanani kanye ngqo eencwadi zomsebenzi ezifunyenweyo kwibakala ngalinye, ziwathelekisa namanani obhaliso lwabafundi aqikelelweyo angoJulayi 2018.
3. Xa izikolo zingena kwi-CEMIS, zifanele ukukhetha u-"Administration" option okwi-menu bar. Kwi-drop down list, mazikhethe u-"Workbooks" zize zikhethe u-"Welcome and guidelines" okanye iskrini i-"Capture" screen.
4. Kunokuqhagamshelwana naba bantu balandelayo ukufumana uncedo ngokufaka iinkcukacha nangenkqubo yokuzisayinela (sign off process):

Vuyelwa Madasi kule nombolo yefoni 021 467 2108, okanye kule dilesi ye-imeyili
Vuyelwa.Madasi@westerncape.gov.za

Kashiefa Sedien kule nombolo yefoni 021 467 2553, okanye kule dilesi ye-imeyili
Kashiefa.Sedien@westerncape.gov.za

5. Zakuba zifakiwe zonke iinkcukacha zeencwadi zomsebenzi zesikolo zezo zigaba zithile, mayigqitywe inkqubo yokusayinelwa kwazo.
6. Ingcaciso efunyenweyo ngokumalunga neencwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko iya kwenziwa ifumaneke kumagosa ezithili ngokuqala kugqithwe kwi-EduInfoSearch, yaye aya kuba noxanduva lokuququzelela nokulungiselela ukuhanjiswa nokuthathwa kweencwadi zomsebenzi ezishotayo okanye ezingaphezu kwemfuneko.
7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:02:22