Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20181005-7083
12/17/9
IMIBUZO:   TG Cloete    IFONI:   021 467 2000  IFEKSI:   021 483 7658

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOKUXHASA AMAZIKO NGEZIBONELELO:  0010/2018


IYA:   

KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KWIINTLOKO ZOKUNIKA INKXASO KWIKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZIFUNDO, KUBASEBENZI BESLES, NAKWIINQUNUNU KUNYE NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO EZIZIIPRAYIMARI NEZIZIISEKONDARI


 

INYANGA YELAYIBRARI YESIKOLO KUMAZWE NGAMAZWE — NGO-OKTOBHA 2018


1. Iilayibrari zibaluleke gqitha kuthungelwano lwamazwe ngamazwe (global network) olwenza ukuba sikwazi ukufumana ingcaciso. Kuyimfuneko ngoko ke ukuba iilayibrari zezikolo zethu zibe ngawona maziko okwenene angumthombo wolwazi ekufundwa kuwo kwanokuba ubaluleko lweelayibrari zezikolo lunikwe ingqwalaselo ngokubanzi.

2. Ngo-Oktobha 2018, iilayibrari zezikolo eMzantsi Afrika nakwihlabathi liphela ziya kube zibhiyoza zikwakhuthaza iinkonzo zelayibrari nengcaciso ezikolweni, zisebenzisa umxholo othi, "Why I Love My School Library". Ugxininiso luya kuba kwimpembelelo iilayibrari zezikolo ezinayo yaye ngolu suku injongo kukubandakanya abathathinxaxheba abaneminyaka yobudala eyi-3 ukuya kweyi-20.

3. Ukubhiyozela i-ISLM makubonwe njengokuqaphela indima nobaluleko lweelayibrari kwimfundo yobomi bonke (lifelong learning), o.k.t. ukuxhobisa ngezakhono eziyimfuneko zolwazi lokufunda nokubhala (literacy) nezixhobo zokufunda nokufundisa (learning and teaching support material) (LTSM) kwinkqubo yesikolo iphela. Uphando kumazwe ngamazwe lubonise ukuba abafundi baphumelela kumgangatho ophezulu yaye baba ngabafundi abanobuchule xa besebenzisa ilayibrari yesikolo enengqokelela yeencwadi eziluncedo.

4. I-ISLM inika ithuba abo basekongameni kwiilayibrari zezikolo kwihlabathi jikelele lokukhetha usuku okanye iveki okanye inyanga yonke kaOktobha ukubhiyozela ukubaluleka kweelayibrari zezikolo nokubhiyozela yonke into ebalulekileyo malunga nazo.

5. Kucelwa uvule esi sihlomelo sikhaphayo ekufumaneka kuso:
5.1 uluhlu lweengcebiso ngeendlela izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ezinokuyibhiyozela ngayo i-ISLM ka-2018;
5.2 amaziko ewebhu aluncedo ekunokungenwa kuwo; kunye
5.3 nelogo esemthethweni ye-ISLM, iphowusta neebhukhumakha eziya kusetyenziswa njengezinto zokwazisa (promotional material) (qaphela ukuba le logo inokusetyenziswa kuphela ekupapasheni i-ISLM hayi kwiinjongo zoshishino).

6. Kukhuthazwa izikolo ukuba zithumele ingxelo (kuqukwa nemifanekiso) malunga nezikwenzileyo xa bekuqhubeka i-ISLM kula magosa ee-ofisi zezithili alandelayo:

Faith Lawrence UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo,
ISithili seMfundo iWest Coast
Ifoni 021 860 1562
Janine Ontong UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo,
ISithili seMfundo iCape Winelands
Ifoni 023 348 4657


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:10:09


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
IMISEBENZI ECETYISWAYO YENYANGA YELAYIBRARI YESIKOLO KUMAZWE NGAMAZWE  (ubukhulu: 51 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe