1. |
Ngokwesibhengezo seNkulumbuso yaseNtshona Koloni ngoLwesithathu we-31 Januwari 2018, injongo jikelele ephambili kaRhulumente waseNtshona Koloni kukuqinisekisa ukuba izikolo kwiingingqi ezichaphazeleke ngamandla yimbalela egqugqisileyo kweli phondo, ziya kuhlala zivuliwe emva koSuku lokuPhela tu kwaManzi (Day Zero). Ngokubhekiselele kule meko ikhankanywe ngentla apha, ndiziqhwabela izandla izikolo ngokuthatha amanyathelo okuhlala zisebenza emva koSuku lokuPhela tu kwaManzi. |
2. |
ISaveyi i-School Emergency Water Plan Survey yezikolo eziqhelekileyo neyezikolo ze-LSEN (zabafundi bemfundo eneemfuno ezizodwa), iya kusetyenziselwa ukungqinisisa iziphumo zeesaveyi ezazenziwe ngaphambili ukuqinisekisa ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) linerekhodi echanekileyo yezikolo emalunga nokufikelela nokusebenzisa kwazo izibonelelo zamanzi ezongeziweyo kwakunye nokufumana ingcaciso ngazo naziphi na iinguqu ezenziwe zizikolo njengamanyathelo okuphumeza oku. |
3. |
Phambi kokuba isayinelwe isaveyi kwiCEMIS, inqununu okanye lowo kudluliselwe kuye amagunya, makaqinisekise oku kulandelayo:
- Mayibe yechanekileyo imeko ezikuyo izibonelelo zamanzi ezandisiweyo (umzekelo amapitsi (boreholes) neekhonteyina zokugcina amanzi) nezixhobo zokhuseleko emlilweni (imibhobho yokucima umlilo nezicima-mlilo (fire hose reels and extinguishers).
- Icandelo lokusayinelwa kwesaveyi malizaliswe njengesiqinisekiso sokungqinisiswa kwedatha njengembonakalo echanekileyo njengangoku yemeko yezibonelelo zamanzi ezandisiweyo nezixhobo zokhuseleko emlilweni esikolweni.
|
4. |
Isaveyi eyi-School Emergency Water Plan survey, mayizaliswe ize isayinelwe yinqununu kwiCEMIS ungadlulanga owe-19 Februwari 2018. |
5. |
Apho kuye kwakho naziphi na iingxaki ezimalunga nokuzaliswa kwesaveyi, niyacelwa niqhagamshelane nomphathi wesekethe okanye negosa lesithili elichaphazelekayo elidweliswe apha ngezantsi:
|
6. |
ISebe iWCED liyayithakazelela indima ephambili edlalwa ziinqununu ekulawuleni izibonelelo zamanzi ngenkathalo ukuqinisekisa ukuba izikolo zihlala zivuliwe emva koSuku lokuPhela tu kwamanzi. |
ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:02:09
|
 |