1. |
ISigqibo soThetha-thethwano neMibutho yaBasebenzi No. 3 sika-2017 (esiqhotyoshelweyo) sagqitywa kwiBhunga lezeMfundo lezoBudlelwane emSebenzini (Education Labour Relations Council (ELRC)) nge-18 Oktobha 2017. Injongo yesi sigqibo kukubonelela ngesikhokelo esihlaziyiweyo sokulawula intsebenzo nophuhliso lootisthala abasezi-ofisini. |
2. |
Esi sigqibo sisebenza yaye siyimbophelelo ephakathi komqeshi (ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED)) nootitshala abasezi-ofisini, njengoko kucacisiwe kuMthetho weNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998) (Employment of Educators Act, 1998 (Act 76 of 1998)), ofakelwe izilungiso, ukuba ngaba ootitshala abalolu hlobo bangamalungu emibutho yabasebenzi ayinxenye yesi sigqibo okanye akunjalo. |
3. |
I-The Education Management Service: Performance Management and Development System (EMS: PMDS) ithatha indawo yeSkim soLawulo noPhuhliso lweNtsebenzi (Performance Management and Development Scheme (PMDS)) yootitshala abasezi-ofisini, njengoko kuchaziweyo kwiSigqibo soThetha-thethwano neMibutho yaBasebenzi No. 3 ka-2002. |
4. |
Eminye kwimiba engumahluko ophambili phakathi kwePMDS ne-EMS: PMDS icaciswe apha ngezantsi:
I-PMDS (CA 3 of 2002) |
I-EMS: PMDS (CA 3 of 2017) |
Inkcazo yoMsebenzi neSicwangciso soMsebenzi |
Inkcazo yoMsebenzi neMvumelwano yeNtsebenzo |
Iinjongo eziPhambili |
IMisebenzi ePhambili yoMqeshwa (Key Result Areas (KRAs)) |
Izakhono |
IiKhrayitheriya zoLawulo ezinguNdoqo (CMCs) |
IsiCwangciso soMsebenzi : Iinjongo eziPhambili (50% +Izakhono (50%) =100% |
Ii-KRAs (70%) + CMCs (30%) = 100% Ikhaltyhuleyitha isetyenziselwa ukubala amanqaku okugqibela |
Iirivyu zaqho ngekota nokuhlolwa kwentsebenzo kwaqho ngonyaka |
Ukuhlolwa okumiselweyo kwaphakathi enyakeni nokuhlolwa kwaqho ngonyaka (ikota yesibini neyesine) Iirivyu ezingamiselwanga (ikota yokuqala neyesithathu) |
|
5. |
Iimpawu eziphambili ze-EMS: PMDS |
5.1 |
IMvumelwano yeNtsebenzo (Performance Agreement (PA)) luphawu oluphambili lolawulo lwentsebenzo kwinqanaba lomntu ngamnye. |
5.2 |
Bonke abaqeshwa kufuneka bangene kwimvumelwano yaye basayine iMvumelwano yeNtsebenzo (PA) neesuphavayiza zabo ngqo, ingadlulanga inyanga enye emva kokuqala komjikelo omtsha oko kukuthi nge-01 Apreli 2018. |
5.3 |
IMvumelwano yeNtsebenzo mayibandakanye oku kulandelayo: |
5.3.1 |
Idatha yomqeshwa (IPesali, isikhundla somsebenzi nenqanaba lomvuzo) kwakunye nenkcazo yomsebenzi ecacileyo yomqeshwa, kugxininiswa kwiinjongo eziphambili, injongo yomsebenzi nee-KRAs nee-CMCs ezichaphazelekayo. |
5.3.2 |
IsiCwangciso soMsebenzi esiqulethe ii-KRAs, iziphumo (outputs) imisebenzi neemfuno zezibonelelo. |
5.3.3 |
IsiCwangciso soPhuhliso soMntu ngamnye (Personal Development Plan) (PDP)) esichaza iimfuno zobuchule nezinye iimfuno zophuhliso (developmental needs) zomsebenzi kwakunye neendlela zokuziphucula. |
5.4 |
Imiba yeSicwangciso soMsebenzi |
5.4.1 |
Imisebenzi ePhambili yoMqeshwa (Key Result Areas (KRAs)) ichaza oko kulindelekileyo kumqeshwa ngokumalunga nenkcazo yomsebenzi wakhe yaye igxininisa ekuqatshelweni kwamanyathelo nemisebenzi eya kunceda icandelo neSebe iWCED ekwenzeni umsebenzi ngokuyimpumelelo.
- I-KRA nganye mayahlula-hlulwe ibe ziziphumo ezinokulinganiseka (measurable outputs) kunye/okanye imisebenzi okanye izinto eziyimisebenzi eluxanduva kuwe neminye eyenziwayo.
- I-KRA nganye ifanele ukulinganiselwa (nge-1%) ngokumalunga nokubaluleka kwayo kumsebenzi womqeshwa.
- Amanqaku abaliweyo azo zonke ii-KRAs kufanele abe ngu-100% xa zidityanisiwe.
- Akunakunikwa iKRA nganye umlinganiselo ongaphantsi kwe-5% okanye ongaphezu kwe-20%.
- Amanqaku afanele abe ziziphindwa zesihlanu.
|
5.4.2 |
IiKhrayitheriya zoLawulo ezinguNdoqo ii-Core Management Criteria (CMCs) zichaza imiba nemigangatho esetyenziswayo ukuhlola intsebenzo.
- Ezi CMCs zilandelayo zisetyenziselwa ukubala i-30% yamanqaku okuhlolwa komqeshwa.
- Kukho ii-CMCs ezisixhenxe ezinyanzelekileyo.
- ngu-60% wamanqaku omiselwe kwii-CMCs ezine kwezisixhenxe ngolu hlobo lulandelayo:
i) ii) iii) iv) |
Ulwazi lomsebenzi nokusetyenziswa kwalo Isakhono sokukhokela Ubudlelwane nabanye abantu; Inkonzo kubathathi-nxaxheba |
(20%) (20%) (10%) (10%) |
- i-40% yamanqaku amiselwe kwi-CMC nganye eseleyo kwezo zintathu apha ngezantsi, makuvunyelwane ngayo yisuphavayiza nomqeshwa:
i) ii) iii) |
Unxibelelwano Ukwamkela uxanduva Izakhono zobuchule zokuqonda, ukuhlalutya, ukungqinelanisa nokunxulumanisa ingcaciso |
|
5.4.3 |
Xa kubalwa amanqaku okuhlolwa kokugqibela, umqeshwa ngamnye makahlolwe kuthelekiswa zombini ii-KRAs (70%) nee-CMCs (30%). |
6. |
Ukuhlolwa kwentsebenzo nomjikelo wokuhlolwa
Apreli–Juni |
Irivyu yokuqala enenkcazo ngokuqhubekayo yomlomo ukuba intsebenzo yomqeshwa ihlelwa "njengebubuchule" okanye engaphezu koko. Ukuba intsebenzo ihlelwa ngokuthi "yintsebenzo efuna ukuphuculwa" okanye "yintsebenzo engonelisiyo" makubhalwe ke ngoko inkcazo ngokuqhubekayo. |
Julayi–Septemba |
Irivyu yesibini nequlethe "irivyu yekota ephakathi" yaye oko makubhalwe phantsi, kusayinwe ngawo omabini amaqela achaphazelekayo. |
Oktobha–Disemba |
Irivyu yesithathu enenkcazo ngokuqhubekayo yomlomo ukuba intsebenzo yomqeshwa ihlelwa "njengebubuchule" okanye engaphezu koko. Ukuba intsebenzo ihlelwa ngokuthi "yintsebenzo efuna ukuphuculwa" okanye "yintsebenzo engonelisiyo" mayibhalwe ke ngoko inkcazo ngokuqhubekayo. |
Januwari–Matshi |
Eli lithuba lokuhlolwa kokugqibela yaye liqulethe "ukuhlolwa kwentsebenzo kwaqho ngonyaka". Inkcazo ngokuqhubekayo mayibhalwe, itotali yee-KRAs (70%) ne-CMCs (30%). |
|
7. |
Ireyithingi
Irivyu yentsebenzo nokuhlolwa kwabasebenzi kwaqho ngonyaka kuya kusekelwa kwezi reyithingi zilandelayo:
Ireyithingi |
Udidi |
Inkcazo |
1 |
Intsebenzo enganelisiyo |
Intsebenzo ayiyifezekisi imigangatho elindelekileyo kulo msebenzi. |
2 |
Intsebenzo efuna ukuphuculwa |
Intsebenzo iyayifikelela eminye imigangatho elindelekileyo kulo msebenzi. |
3 |
Intsebenzo ebubuchule |
Intsebenzo iyayifezekisa imigangatho elindelekileyo kuzo zonke iinkalo zomsebenzi. |
4 |
Intsebenzo esemgangathweni |
Intsebenzo ingaphezulu ngokubonakalayo kunemigangatho elindelekileyo emsebenzini. |
5 |
Intsebenzo igqwesile |
Intsebenzo iyawogqitha mpela umgangatho olindelekileyo kumqeshwa kweli nqanaba. |
|
8.1 |
Injongo yokumodareyitha kukuqinisekisa kangangoko kunokwenzeka ukuba iisuphavayiza ziyayihlola intsebenzo ngendlela engatshintshiyo ebubulungisa kwiSebe iWCED ngokubanzi, ngemvisiswano nokuqonda ngemigangatho eyimfuneko kwinqanaba ngalinye lesikali sereyitha. |
8.2 |
Ikomiti yokumodareyitha yephondo mayimiselwe yiNtloko yeSebe ngokubonisana nabaphathi abakhulu. |
8.3 |
Ikomitana ekwinqanaba lesithili mayisekwe ngumlawuli wesithili. |
8.4 |
Ezi komiti mazakhiwe ngolu hlobo lulandelayo:
Isitraktsha |
Amalungu eKomiti yoKumodareyitha |
Kwinqanaba lePhondo |
INtloko yeCandelo loLawulo lwezaBasebenzi (Usihlalo) Abameli ababini abavela kubaphathi abakhulu Umququzeleli wePMDS |
Kwinqanaba leSithili |
UMlawuli weSithili (USihlalo) Abameli ababini abavela kwikomiti yolawulo yesithili Umququzeleli wePMDS |
|
8.5 |
Iintlanganiso zeKomiti yoKumodareyitha mazibanjwe kabini ngomjikelo wentsebenzo ngolu hlobo lulandelayo:
- Ekuqaleni komjikelo omtsha wokubeka esweni iziphumo zokucwangcisela intsebenzo nemisebenzi yesivumelwano ukuqinisekisa ukuthotyelwa koku nokufumanisa iingxaki ezinokubakho kwinkqubo.
- Ekupheleni komjikelo wentsebenzo werivyu nokumodareyithwa kweziphumo zentsebenzo iyonke ukuqinisekisa ungqinelwano.
|
9. |
Izizathu ezibhekiselele kwizigqibo ngemivuzo namanye amanyathelo afuna intsebenzo yenqanaba elithile, ziya kusebenza ngokoMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994 (uMthetho 103 ka-1994) ofakelwe izilungiso. |
10. |
Ukuqeqeshwa kootitshala abasezi-ofisini neesuphavayiza zabo kuya kulungiselelwa yaye kuya kuthunyelwa imbalelwano kwangethuba ukulungiselela umjikelo wentsebenzo we-EMS:PMDS ka-2018/2019 we-01 Apreli 2018 ukuya kwi-31 Matshi 2019. |
11. |
Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bayithathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEENKONZO ZEZIKO
UMHLA: 2018:03:20
|
 |