1. Kwinjongo yokunika inkxaso isistim yethekhinoloji eyi-eLearning Game Changer, iSebe leMfundo leNtshona leNtshona Koloni (iWCED) linika isikhokelo esingosetyenziso lweeselula nezinye iithekhinoloji eziziimobhayili kwizikolo zikarhulumente.

2. Olu xwebhu lunenjongo yokunika izikolo esi sikhokelo silandelayo:
2.1 Ukunika imbono nolwazi ngamathuba anikwa ziiselula naziidivayisi eziziimobhayili zabafundi, ootitshala, iiKomiti zoLawulo lweZikolo (School Management Teams) (SMTs), abazali kunye nezikolo ngaphakathi kwimeko yokufunda.
2.2 Izinto ezingalulutho kunye neziyimingcipheko ezinxulumene nokuphunyezwa kunye nokusetyenziswa kweedivayisi eziziimobhayili kwimeko yasesikolweni.
2.3 Ukubethelela ubungakanani boko kufundwayo nokufikeleleka okukhatshwa kukusetyenziswa kweethekhinoloji eziziimobhayili kunye neeselula kwimeko yokufunda.
2.4 Ukunceda izikolo zikarhulumente ekubeni zibhale eyazo imigaqo-nkqubo ukuze zibe nako ukulawula ukusetyenziswa kweeselula kunye needivayisi eziziimobhayili ezikolweni.

3. Ukuba unayo nayiphi imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomcebisi ngeze-eLearning wesithili sakho.

ISithili Umcebisi nge-eLearning Idilesi ye-imeyili
Metro North Moederick Jacobs Moederick.Jacobs@westerncape.gov.za
Metro North Esethu Stofile Esethu.Stofile@westerncape.gov.za
Metro Central Husain Mollagee Husain.Mollagee@westerncape.gov.za
Metro Central Gail Valentyn Gail.Valentyn@westerncape.gov.za
Metro South Deon Khan Deon.Khan@westerncape.gov.za
Metro South Trevor Francke Trevor.Francke@westerncape.gov.za
Metro East Jaco Joseph Jaco.Joseph@westerncape.gov.za
Metro East Sipho Didiza Sipho.Didiza@westerncape.gov.za
West Coast Horatio Hart Horatio.Hart@westerncape.gov.za
Cape Winelands Harriet Lakay Harriet.Lakey@westerncape.gov.za
Cape Winelands Leonard Cloete Leonard.Cloete@westerncape.gov.za
Overberg Simonette du Plessis Simonette.DuPlessis@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Sammy Bouwers Samuel.Bouwers@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Eastern Roux Eastern.Roux@westerncape.gov.za

4. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:05:09

ISIKHOKELO ESIMALUNGA NEESELULA NEZINYE IIDIVAYISI ZETHEKHNOLOJI EZIPHATHWAYO (MOBILE TECHNOLOGIES) KWIZIKOLO ZIKARHULUMENTE, 2018  (ubukhulu: 119 KB)