1. Ukunika inkxaso isiCwangciso se-eLearning Game Changer, esingokufunda kusetyenziswa u-intanethi nezixhobo zethekhinoloji, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) libonelela izikolo ngeSikhokelo soKhuseleko eKusetyenzisweni ko-Intanethi neZixhobo zeThekhnoloji (e-Safety guidelines) esibonelelwe liSebe leMfundo esiSiseko (ISebe iDBE).

2. AmaSebe iDBE neWCED ayaqonda ukuba kubalulekile ukufundisa abafundi bethu ngokhuseleko ekusetyenzisweni ko-intanethi nezixhobo zethekhnoloji (online/cyber safety).

3. Ikopi yekhompyutha (digital copy) yesi sikhokelo eqhotyoshelwe apha kunokwabelwana ngayo nabo bonke ootitshala, abazali namabhunga olawulo. Ikopi eprintiweyo ekwimo yencwadana iya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo kungekudala.

4. Ukwenzela ukuba le ncwadana izifezekise iinjongo ezinqwenelekayo zokwenza ukuba izikolo zibe nolwazi kwanokulungiselela ukuba zikwazi ukulawula ukhuseleko lwabafundi nootitshala ekusebenziseni u-intanethi nezixhobo zethekhinoloji, mayihanjiswe ngokuyimpumelelo kubo bonke abadlala indima.

5. Incwadana ekwikhomputha (electronic booklet) (nekopi yayo eprintiweyo eliphepha) inika ingcaciso ebalulekileyo ngeemfanelo zesikolo, ezeenqununu nootitshala, ezabafundi nezabazali/nezabagcini babafundi malunga nokhuseleko ekusetyenzisweni ko-intanethi nezixhobo zethekhinoloji.

6. Imiba ebangela umdla ekunokuxoxwa ngayo yaye ipapashwe yile ilandelayo:

  • Izinto ezilungileyo nemiba eyinkxalabo malunga nokufikelela kwi-Information and Communication Technology (ICT) ezikolweni
  • Ukuhlukunyezwa nokubhulishwa ku-intanethi (cyberbullying)
  • Ukuba sesichengeni semathiriyeli engafanelekanga kuwe ku-intanethi
  • Iindlela zokuziphatha ku-intanethi ezingafanelekanga nezingekhomthethweni
  • Ukuziphatha ngokungafanelekanga ngokumalunga nezesondo ku-intanethi
  • Ukutyeshelwa kwamalungelo okubhaliweyo (plagiarism) nawokupapashiweyo (copyright)
  • Ukusetyenziswa kuka-intanethi ngaphezu kwemfuneko nangokungalawulekiyo.
7. Siya kunika iingcebiso malunga nokuqulunqwa kwemigaqo-nkqubo ye-Information and Communication Technology (ICT) yesikolo neye-Acceptable Use Policies (AUP) emalunga nokusetyenziswa kuka-Intanethi.

8. Ukuba unemibuzo nokuba yeyiphi na, uyacelwa uqhagamshelane nomcebisi we-eLearning wesithili:

Isithili Umcebisi we-eLearning Idilesi ye-imeyili
Metro North Moederick Jacobs Moederick.Jacobs@westerncape.gov.za
Metro North Esethu Stofile Esethu.Stofile@westerncape.gov.za
Metro Central Husain Mollagee Husain.Mollagee@westerncape.gov.za
Metro Central Gail Valentyn Gail.Valentyn@westerncape.gov.za
Metro South Deon Khan Deon.Khan@westerncape.gov.za
Metro South Trevor Francke Trevor.Francke@westerncape.gov.za
Metro East Jaco Joseph Jaco.Joseph@westerncape.gov.za
Metro East Sipho Didiza Sipho.Didiza@westerncape.gov.za
West Coast Horatio Hart Horatio.Hart@westerncape.gov.za
Cape Winelands Harriet Lakay Harriet.Lakey@westerncape.gov.za
Cape Winelands Leonard Cloete Leonard.Cloete@westerncape.gov.za
Overberg Simonette du Plessis Simonette.DuPlessis@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Sammy Bouwers Samuel.Bouwers@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Eastern Roux Eastern.Roux@westerncape.gov.za

9. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:05:16

"Guidelines on e-Safety in Schools"  (ubukhulu: 1 222 KB)