1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) likhuthaza ootitshala ukuba babelane ngezibonelelo zasekhompyutheni zabo nabanye ootitshala ngokuzifaka (by uploading) kwiWCED ePortal. Oku kuya kwandisa ukufikeleleka kwezibonelelo zasekhompyutheni kwabanye ootitshala kunye nakubafundi kwiphondo liphela.

2. Ukufaka igalelo kwi-ePortal, makwenziwe nje into elula ngokuzalisa inkqubo yokuzibhalisa (self-registration process). Olu xwebhu luqhotyoshelweyo olunesihloko esithi "How to register on the WCED ePortal" (Annexure A) lucacisa ngale nkqubo yokubhalisa.

3. Kukhuthazwa ootitshala bafake izibonelelo zasekhompyutheni ukulungiselela iinkalo zezifundo zabo kwi-ePortal. Olu xwebhu luqhotyoshelweyo lunesihloko esithi "How to register on the WCED ePortal" (Annexure B) lucacisa ngenkqubo yokufaka izibonelelo zasekhompyutheni kule phothali. Ezi zibonelelo zisengaba-:
3.1 Ngoozenzele beekliphu zevidiyo – Ootitshala bangarekhoda izifundo, okanye inxenye yesifundo, ngokusebenzisa iselula okanye nayo nayiphi na enye idivayisi engumatshini yokurekhoda efanelekileyo. Ikhona i-software yasimahla yokunceda ekwenziweni kweekliphu zevidiyo ezimfutshane. Izibonelelo ezinje zinokufakwa ngqo kuvimba oyiWCED ePortal.
3.2 Izibonelelo ezivulelekileyo zemfundo (open educational resources) (OERs) – ubutyebi bomxholo onxulumene nekharityhulam bufumaneka simahla kwi-intanethi. Phantsi kwelungelo lokukhuphela (copyright) ezi zibonelelo zinokufakwa ngqo (directly uploaded) kuvimba oyiWCED Portal. Ngenye indlela, faka kuphela i-url njengelinki ekusa kuvimba oyiWCED ePortal.

4. Ukufumana uncedo olungaphezulu ngawo nawuphi umba olapha ngentla, kucelwa uqhagamshelane nomcebisi we-eLearning wesithili. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zabacebisi ngeze-eLearning zezi:

Isithili Umcebisi ngeze-eLearning Idilesi ye-imeyili
Metro North Moederick Jacobs Moederick.Jacobs@westerncape.gov.za
Metro North Esethu Stofile Esethu.Stofile@westerncape.gov.za
Metro Central Husain Mollagee Husain.Mollagee@westerncape.gov.za
Metro Central Gail Valentyn Gail.Valentyn@westerncape.gov.za
Metro South Deon Khan Deon.Khan@westerncape.gov.za
Metro South Trevor Francke Trevor.Francke@westerncape.gov.za
Metro East Jaco Joseph Jaco.Joseph@westerncape.gov.za
Metro East Sipho Didiza Sipho.Didiza@westerncape.gov.za
West Coast Horatio Hart Horatio.Hart@westerncape.gov.za
Cape Winelands Harriet Lakay Harriet.Lakey@westerncape.gov.za
Cape Winelands Leonard Cloete Leonard.Cloete@westerncape.gov.za
Overberg Simonette du Plessis Simonette.DuPlessis@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Sammy Bouwers Samuel.Bouwers@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Eastern Roux Eastern.Roux@westerncape.gov.za

5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala noluntu oluyinxalenye yesikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:03:09

"Annexure A: How to register on the WCED ePortal"  (ubukhulu: 92 KB)
"Annexure B: How to add resources to the WCED ePortal"  (ubukhulu: 185 KB)