1. Ukwenzela ukuba iinqununu zenze amalungiselelo ayimfuneko okuthatha nokutshekisha ezi ziphumo zingentla, kukhutshwa le ngcaciso nemihla elandelayo:
1.1 Iinqununu (okanye ootitshala ekudluliselwe kubo amagunya) banokuzithatha iziphumo zeNSC kwii-ofisi zezithili ngoLwesihlanu we-04 Januwari 2019 ngo-08:00
1.2 Iinqununu (okanye ootitshala ekudluliselwe kubo amagunya) banikwa iiyure ezintathu zokutshekisha iziphumo bakhangele nayiphi na ingcaciso eshiyiweyo okanye iimpazamo ezibonakala ngokulula. Ezi mpazamo mazixelwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo kwezi nombolo zefoni 021 467 2514 / 2924 /2934/2246.
1.3 Iziphumo zinganikwa abaviwa kwizikolo nakumaziko achaphazelekayo ukususela ngo-11:00 ngoLwesihlanu we-04 Januwari 2019.
1.4 Makuqatshelwe: Akukho ziphumo mazaziswe abaviwa yaye kungekho ngcaciso malunga noku mayinikwe abamajelo eendaba namaphephandaba ngaphambi ko-11.00 nge-04 Januwari 2019.
1.5 NgoLwesihlanu, we-04 Januwari 2019 ngo-14:00 Ziyafumaneka iziphumo kwiziko lewebhu leSebe iWCED: https://wcedonline.westerncape.gov.za
Abaviwa kuya kufuneka bafake iinombolo zabo zoviwo neembolo zezazisi (examination and identity numbers) ukwenzela ukuba babone iziphumo zomviwa ngamnye kwiziko lewebhu leSebe iWCED.
1.6 Mabacetyiswe abaviwa ukuba batshekishe amagama abo apheleleyo neenombolo zezazisi ukuba ziboniswe ngokuchanekileyo na kwingxelo yeziphumo zabo (statement of results).
1.7 Imibuzo emalunga neziphumo imele ukungeniswa ukwenzela ukuba kwenziwe uphando ngayo zingadlulanga iintsuku eziyi-30 emva kokukhutshwa kweziphumo. Mayingeniswe yonke imibuzo apha: ExamResults@westerncape.gov.za
1.8 NgoMgqibelo we-05 Januwari 2019 ngo-6:00: Iziphumo zipapashwa Kumaphephandaba.
NgoMgqibelo we-05 Januwari 2019 ngo-08:00 – 13:00 Iziko i-WCED Examination Client Centre Services kwaNdlunkulu, e-Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town, liya kuvulwa ukunika uncedo ngemibuzo emalunga nezi-phumo.
1.9 NgoLwesine we-10 Januwari 2019 ngo-10:00: Itheko lomabhaso eNSC liqhubeka eLeeuwenhof.
1.10 NgoMvulo we-14 Januwari 2019 emva ko-12:00 IiNgxelo zeziphumo ezingathathwanga zizikolo/Ngamaziko ziya kuthunyelwa kuzo zii-ofisi zezithili.

2. Ukumakishwa kwakhona nokutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zeNSC zango-2018
2.1 Izicelo zokumakishwa kwakhona nokutshekishwa kwakhona mazingeniswe kusetyenziswa amaqonga onxibelelwano ngekhompyutha (online platform) apha: www.eservices.gov.za
2.2 Umhla wokuvala kwizicelo zokumakishwa kwakhona ngowe-22 Januwari 2019.
2.3 Kusebenza ezi ntlawulo zilandelayo ngesifundo ngasinye:

Ukumakishwa kwakhona:
Ukutshekishwa kwakhona:
R105
R25

Baxolelwe kwezi ntlawulo abafundi abakwizikolo ezingahlawulisi zifizi kwakunye nabo bakuxolelweyo ukuhlawula iifizi.


3. Isicelo seeMviwo zokuXabangela zeNSC –ngo-Meyi/Juni 2019
3.1 Bonke abaviwa ababebhalisele iimviwo zeNSC ngo-2018 nababengekho kwinxenye yoviwo abanesizathu esamkelekileyo okanye abangazange baphumelele ukufumana iziphumo zokufunda ababenethemba lokuzifumana, banokwenza isicelo sokubhala uviwo lokuxabangela lweNSC ngoMeyi/Juni 2019.
3.2 Iifom zezicelo ziya kufumaneka ezikolweni ezifundisa i-NSC, kwakunye nakwii-ofisi zezithili, kwoZiko i-WCED Examination Client Services Centre, eGrand Central nakwiziko lewebhu leSebe iWCED.
3.3 Umhla wokuvala kwizicelo zeemviwo zokuxabangela zeNSC zango-Meyi/Juni 2019 ngowe-31 Januwari 2019.
3.4 Nayiphi na imibuzo emalunga neemviwo zokuxabangela zeNSC inokuthunyelwa apha: ExamRegistrations@westerncape.gov.za

4. Malaziswe iSebe leMfundo ngamalungiselelo enziwe zizikolo nangamaziko okuya kuthatha iziphumo zazo. Ngako oko ke ziyacelwa inqununu nabaphathi bamaziko ukuba bazalise le fom iqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) baze bayithumele kumlawuli wesithili ochaphazelekayo ungadlulanga owe-03 Disemba 2018.

5. Ukunikwa inkxaso neengcebiso kwabaviwa abangapasanga
5.1 Kubaluleke gqitha ukuba abaviwa abangalupasanga uviwo banikwe inkxaso nentuthuzelo ngokwasemoyeni neengcebiso. Mabaxelelwe aba baviwa ukuba kukho inkonzo yentuthuzelo neengcebiso efumanekayo. Banokunikwa iingcebiso esikolweni xa befumana iziphumo zabo, okanye ukuba kunokwenzeka, kwii-ofisi zezithili zemfundo ezichaphazelekayo apho abasebenzi besebe baya kufumaneka khona.
5.2 Ukuba inqununu, umphathi weziko okanye utitshala ekudluliselwe kuye amagunya uthumela umviwa kwi-ofisi yesithili, makanikwe umviwa lowo inombolo yefoni nedilesi ye-ofisi yesithili yaye makunikwe ne-ofisi yesithili iinkcukacha zomviwa ngokunjalo.
5.3 Njengoko kudla ngokwenzeka, abona baviwa bafanele ukuba banikwe intuthuzelo neengcebiso, baye bangayifuni ngokwabo, kubongozwa izikolo namaziko ukuba zikuthathele ingqalelo oku yaye zibe nemfobe novelwano ngeemvakalelo zabaviwa abaye abaphumelela ngokweminqweno yabo.

6. Ukukhutshwa kwengcaciso engabafundi kumajelo eendaba

Amajelo eendaba aya kuba nomdla wokufumana ingcaciso engabafundi abathe baqhuba kakuhle kakhulu kwimviwo zeSatifikethi seMatriki kuZwelonke. Iinqununu nabaphathi bamaziko banokubonelela ngengcaciso efana nale neefoto kumajelo eendaba ngokuthethana nabazali.



ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:11:09

IsiHlomelo A: UKUTHATHWA KWEZIPHUMO ZOVIWO  (ubukhulu: 50 KB)