1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye noMgaqo-nkqubo National Policy pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate Examination, opapashwe kwiZaziso zikaRhulumente 372 no-373 kwiGazethi kaRhulumente, Vol. 587, No. 37652 yomhla we-16 Meyi 2014, ne-Curriculum Assessment Policy Statements (CAPS) ne-Regulations pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the National Curriculum Statement.

2. Iimakhishithi zeSchool-Based Assessment (SBA), ezePractical Assessment Tasks neze-Language Oral
2.1 Iimakhishithi ezivelisiweyo zeemvavanyo ze-SBA, ezePATs neze-Language Oral ziya kusiwa ezikolweni ungadlulanga owe-14 Septemba 2018.
2.2 Zisakuba zifunyenwe iimakhishithi, iinqununu maziqinisekise ukuba zifunyenwe zonke iimakhishithi zezifundo ezifunekayo kwizikolo zazo, ekubhalwe kuzo abaviwa ngesifundo ngasinye.
2.3 Ezi makhishithi zezifundo zilandelayo aziyi kuthunyelwa ezikolweni kodwa ziya kusiwa ngqo kuBacwangcisi bezeKharityhulam aBakhulu kwaNdlunkulu:

Izifundo zobugcisa Izifundo zeprakhtikhali
Electrical Technology:
Digital Systems
Electronics
Power Systems

Mechanical Technology:
Automotive
Fitting and Machining
Welding and Metal Work

Civil Technology:
Civil Services
Construction
Woodworking

Dance studies
Design
Dramatic Arts
Visual Arts
Music
Trinity Music
Unisa Music
2.4 Kucelwa uqaphele ukuba uya kunikwa ikopi enye kuphela yemakhishithi nganye emayizaliswe. Kubalulekile kakhulu ke ngoko ukuba iikopi zeemakhishithi zenziwe zizikolo nangabacebisi bezifundo emva kokumodareyithwa kwazo yaye mazigcinwe esikolweni nakwisithili ukulungiselela iinjongo zeerekhodi.
2.5 Maziqinisekise izikolo ukuba iimakhishithi ziyazaliswa yaye zenziwe zifumaneke kubacebisi bezifundo ngosuku lokumodareyithwa kwazo. Ootitshala bezifundo mabazalise kuphela amanqaku angekamodareyithwa kwikholam ebhalwe "Mark".
2.6 Kuphela kusemva kokumodareyithwa kokugqibela kwesifundo ngasinye, apho kuya kukhutshelwa amanqaku amodareyithiweyo ngokuchanekileyo kwikholam ebhalwe "Mod" kwimakhishithi yeSBA ngabacebisi bezifundo.
2.7 Ukuba isikolo sifumana kuphela iimakhishithi ezivelisiweyo emva kokuba igqityiwe inkqubo yokumodareyithwa kwazo, makwenziwe amalungiselelo afunekayo nabacebisi bezifundo ukulungiselela ukuzaliswa nokusayinelwa kweemakhishithi.

3. Ukwabiwa kwamanqaku eSBA, ePAT naweLanguage Oral
3.1 Kufuneka kwabelwe amanqaku umviwa ngamnye onombolo yoviwo yakhe ivelayo kwimakhishithi.
3.2 Oku makwenziwe nakubaviwa:

  • ababegxothiwe okanye ababenqunyanyiswe okwethutyana esikolweni.
  • abenze izicelo zokutshintsha iziko lokubhalela uviwo;
  • abebengekho esikolweni ithuba elide apha enyakeni;
  • abebengekho ngosuku lokumodareyitha;
  • ababhalisele isifundo kwesinye isikolo okanye kwelinye iziko, umz iziko lobugcisa, okanye
  • ababhaliswe njengabaviwa abaphindayo/aabaviwa abangesosigxina.
4. Amanqaku angafakwanga eSBA, ePAT nawe-Language Oral (abaviwa abebengekho nabo bangenawo amanqaku eSBA, awe-PAT naweLanguage Oral)
4.1 Ukuba umfundi akayenzanga ikhomponenti okanye iikhomponethi zeSBA, zePAT okanye eze-Language Oral apha enyakeni, yaye kunikwe izizathu ezibambekayo, umfundi makanikwe elinye ithuba lokuvavanywa kwimisebenzi ayinikiweyo okanye umfundi makangenise umsebenzi ongafakwanga phambi kokuqala kweemviwo zokuphela konyaka zokugqibela (ungadlulanga owe-22 Oktobha 2018). Apho kungenakwenzeka oku, makangathathelwa ngqalelo amanqaku alo khomponenti okanye ezoo khomponenti zeSBA, ezePAT kunye/okanye neze-Language Oral yaye awona manqaku maninzi, kule meko, makabalwe kwakhona kususelwa kwinani eliseleyo lemisebenzi (makujongwe kwiTheyibhile 1).

ITheyibhili 1: Isizathu esibambekayo (Iikhomponenti zeSBA, zePAT neze-Language Oral yesifundo namanqaku omfundi):

  Ikhomp-onenti 1 Ikhomp-onenti 2 Ikhomp-onenti 3 Ikhomp-onenti 4 Ikhomp-onenti 5 Ikhomp-onenti 6 Ikhomp-onenti 7
Amanqaku Amaninzi 5 5 30 20 40 40 40
Umfundi 4 Ayenziwanga (Kunikwe isizathu esibambekayo) 16 Ayenziwanga (Kunikwe isizathu esibambekayo) 20 15 12

Amanqaku eSBA = (4+16+20+15+12)/(5+30+40+40+40)
= 67/155
= 43%
4.1.1 "Isizathu esibambekayo" kule meko, sibandakanya oku kulandelayo:

  1. ukugula, okuxhaswa sisatifikethi sokugula esisemthethweni, esikhutshwe ligosa lezonyango elibhalisiweyo (registered medical practitioner);
  2. izizathu eziphenjelelwa luvelwano lobuntu ezibandakanya ukusweleka kwelungu losapho elisondeleyo kumviwa okuxhaswa sisatifikethi sokusweleka.
  3. umfundi oya kuvela enkundleni yamatyala, yaye oko makuxhaswe bubungqina obubhaliweyo; okanye
  4. nasiphi na esinye isizathu esinokwamkelwa njengesizathu esisemthethweni yintloko yovavanyo okanye ngummeli wayo.
4.1.2 Ubungqina bezo zizathu zibambekayo mabubandakanywe kubungqina bendlela umfundi aqhuba ngayo ngethuba leeseshoni zokumodareyitha.
4.2 Ukuba umfundi akaphumeleli ukwenza ikhomponenti okanye iikhomponenti zeSBA, ezePAT neze-Language Oral, kungekho sizathu sibambekayo, umfundi makawungenise umsebenzi ongenziwanga phambi kokuqala koviwo lokuphela konyaka ungadlulanga owe-22 Oktobha 2018). Ukuba oku akunakwenzeka, umfundi makanikwe amanqaku anguziro "0" kulo khomponenti okanye kwezo khomponenti zeSBA, ezePAT neze-Language Oral. Ngokwale meko, amanqaku angawona maninzi mawabalwe njengoko kubonisiwe apha ngezantsi (makufundwe iTheyibhile 2).

ITheyibhili 2: Akukho sizathu sibambekayo (iikhomponenti zeSBA, ezePATs neze- Language Oral yesifundo namanqaku omfundi):

  Ikhomp-onenti 1 Ikhomp-onenti 2 Ikhomp-onenti 3 Ikhomp-onenti 4 Ikhomp-onenti 5 Ikhomp-onenti 6 Ikhomp-onenti 7
Amanqaku Amaninzi 5 5 30 20 40 40 40
Umfundi 4 Ayenziwanga (akukho sizathu sibambekayo sinikiweyo) 16 Ayenziwanga (akukho sizathu sibambekayo sinikiweyo) 20 15 12

Amanqaku eSBA = 4+0+16+0+20+15+12)/(5+5+30+20+40+40+40)
= 67/180
= 37%
4.3 Ukuba zonke iikhomponenti zinikwe amanqaku anguziro ("0") umfundi uya kufumana amanqaku angaphelelanga yaye makarekhodwe njengongekhoyo.
4.4 Makugxininiswe kwezi meko-bume (scenarios) zilandelayo ngokumalunga nokuzaliswa kweemakhishithi:
4.4.1 Apho umviwa engakhe agqibe nayiphi na imisebenzi, kodwa kube kunikwe isizathu esibambekayo, faka u-"999" kwimakhishithi. Ubungqina besizathu (bezizathu) esibambekayo mabunikwe abacebisi bezifundo ngethuba leseshoni yokumodareyitha yaye mabugqithiselwe kwiCandelolo Lawulo leeMviwo

Okuthethwa ngu-"999":

  • Umviwa uya kufumana iziphumo ezingaphelelanga nkqu nokuba abhaliwe amanye amaphepha oviwo.

  • Umviwa uya kunikwa iinyanga ezintathu emva kokukhutshwa kweziphumo zokuba angenise amanqaku e-SBA kunye/okanye awe-PAT/Language Oral. Ezi ziphumo mazingeniswe ngabacebisi bezifundo kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ungadlulanga owe-29 Matshi 2019. Ukungaphumeleli ukungenisa amanqaku angafakwanga e-SBA, ePAT kunye/okanye nawe-Language Oral zingadlulanga iinyanga ezintathu emva kokukhutshwa kweziphumo, kuya kuba nesiphumo sokuba umviwa asiphinde isifundo siphela.
4.4.2 Apho umviwa engakhange agqibe nayiphi na imisebenzi, kodwa kube kunganikwanga sizathu sibambekayo, faka u-"444" kwimakhishithi. Umviwa ololu hlobo uya kufumana iziphumo ezingaphelelanga yaye makasiphinde isifundo siphela kuqukwa ne-SBA, i-PAT okanye i-Language Oral kwiimviwo zeNSC zokuphela konyaka ezilandelayo. Lo mviwa akavumelekanga ukuba azibhale iimviwo zokuxabangela ngoMeyi/Juni 2019.
4.4.3 Zonke izilungiso kwizifundo ziya kuthathwa njengezitenxo. Faka u-"888" kwikholam yamanqaku uze ungenise ingxelo ebhaliweyo enezizathu ezivokothekileyo nobungqina (Iripoti yesikolo yeKota 1 yeBakala 11 okanye eyeBakala 12) kunye nefom yesiHlomelo A ezaliswe ngokupheleleyo. Isigqibo malunga neziphumo zomviwa ziya kuthathwa yiNtloko yezeMfundo. Aluyi kuvunyelwa utshintsho kwizifundo.

5. Abaviwa abanezithintelo zokuthetha kunye/okanye zokuva
Abaviwa abanezithintelo zokuthetha kunye/okanye zokuva, kufuneka endaweni yamanqaku e-orali, bafumane amanqaku ngokomlinganiselo osuselwa kumanqaku abawafumane kumsebenzi obhalwayo kwiimviwo zangoJuni nangoSeptemba 2018.

6. Umsebenzi oluxanduva lweenqununu malunga nokuzaliswa kweemakhishithi
Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abaviwa beNSC kwizikolo zabo bawanikiwe amanqaku afunekayo e-SBA, ePAT nawe-Language Oral. Iinqununu maziyisayine imakhishithi emva kokuba izalisiwe ngutitshala ukuqinisekisa ukuthotyelwa kwemiqathango ekule ngcaciso imfutshane.

7. Umsebenzi oluxanduva lwabacebisi bezifundo malunga nokumodareyithwa kweemakhishithi.
Abacebisi bezifundo bathwele uxanduva ngokuphelelyo lwenkqubo yokumodareyithwa kweekhomponenti zeSBA, ezePAT neze-Language Oral kwakunye nokuqinisekisa ukuthotyelwa kwemiqathango malunga nokumodareyithwa, ukuzaliswa kweemakhishithi namanqaku angafakwanga.

Iimakhishithi okanye iifom zesiHlomelo A aziyi kwamkeleka kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ngaphandle kokuba zisayinwe ngutitshala, yinqununu nangumcebisi wezifundo.


8. Umhla wokubuyiswa kweemakhishithi:
Abaququzeleli bovavanyo neemviwo mabaqinisekise ukuba iimakhishithi ezalisiweyo zifika kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ungadlulanga uMvulo, we-29 Oktobha 2018.

9. Amanqaku angafakwanga e-SBA, PAT nawe-Language Oral
Ziyacelwa iinqununu ukuba zingabathumeli abaviwa abangenawo amanqaku eSBA, awePAT nawe-Language Oral ngqo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) emva kokukhutshwa kweziphumo. Inkqubo echanekileyo yokuqhagamshelana neSebe iWCED malunga namanqaku angekhoyo e-SBA, awePAT nawe-Language Oral kukuqala kugqithwe kwi-ofisi yesithili echaphazelekayo.

10. Ziyacelwa iinqununu ukuba zibanike ikopi yale ngcaciso imfutshane bonke abaququzeleli nootitshala beBakala 12 .


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:08:20

"Government Gazette, No 37652"  (ubukhulu: 221 KB)
"IsiHlomelo A"  (ubukhulu: 51 KB)