1. I-National Policy on the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate ngumgaqo-nkqubo ofuna ukuba amasebe emfundo amaphondo makaqinisekise ukuba bonke abagadi babaviwa baqeqeshelwe ngokufanelekileyo ukuba baqhube iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)), ezeSatifikethi seMatriki (Senior Certificate(SC)) neze-Adult Education Training (AET) Level 4, ngokwalo mgaqo-nkqubo ukhoyo njengangoku.

2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kuqalisa iprogram yoqeqesho yephondo eya kwenziwa kwiphondo liphela ukususela kwi-20 Agasti 2018 ukuya kwi-20 Septemba 2018 ukuqinisekisa ukuba zonke iinqununu/abaphathi bamaziko, abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu bawo onke amaziko okubhalela iimviwo, bafumana uqeqesho olufanelekileyo; ngokungakumbi ekusetyenzisweni kweenkqubo zeemviwo ezintsha eziqaliswe ngenjongo yokuphucula ukhuseleko nentembeko yenkqubo yeemviwo.

3. Ukulungiselela iimviwo zeNSC zango-2018, kunyanzelekile ukuba baye kwiiseshoni zoqeqesho aba bathunywa balandelayo bachaphazelekayo ekuqhutyweni, ekulawulweni nasekuphathweni kweemviwo zeNSC, eze-SC neze-AET Level 4:

  • Inqununu/umphathi weziko (umgadi wabaviwa oyintloko),
  • Amalungu amabini ekomiti yolawulo yesikolo (school management team (SMT)),
  • Umgadi wabaviwa oneqhuzu
  • Amagosa ezithili athatha inxaxheba ekuqhutyweni, ekulawulweni, nasekuphathweni kweemviwo ze-NSC, zeSC, neze-AET Level 4 ngo-2018/19
4. Isistim eyi-Smartlock Security System eqaliswe ukusetyenziswa kwezinye izithili ukususela ngo-2016, iya kuqaliswa kuzo zonke izithili ezisibhozo eNtshona Koloni ukuqalela kulo nyaka. Iiseshoni zoqeqesho ezikhethekileyo ze-Smartlock Security System ziya kufakwa kwiiprogram zoqeqesho zephondo. Kunyanzelekile ukuba babekho bonke abathunywa abafanelekileyo kuqeqesho.

5. Iinqununu/abaphathi bamaziko kunye neeSMT zabo baya kunikwa izinto zokuqhuba uqeqesho (training material) kwaye kuya kufuneka badlulisele uqeqesho nengcaciso abayifumeneyo kwabanye kuze kwabelwana ngayo kwiiseshoni zoqeqesho zephondo nabanye abagadi babaviwa.

6. Ukuqaliswa kweenkqubo ezintsha zeemviwo zokuhanjiswa kwamaphepha emibuzo oviwo lweNSC nokulawulwa kweencwadi zeempendulo zoviwo kwenza uqeqesho lube lolunyanzelekileyo kuwo onke amaqela achaphazelekayo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kubekho utshintsho olungenazimpazamo xa kutshintshelwa kwinkqubo entsha eyi-Smartlock Security System.

7. Nangona uqeqesho lwalunyanzelekile ukususela ngo-2014 ukuya ku-2017 kwaqatshelwa yaye kwenziwa neengxelo ngeqela lezenzo zolwaphulo-mthetho, ezokuziphatha ngendlela engeyiyo nezokunganyaniseki kwiimviwo zeNSC zango-2017. Oku kubonisa ngokucacileyo imfuneko yokuqeqeshwa kwabagadi babaviwa neenqununu ukulungiselela iimviwo zeNCS zango-2018, neemviwo zika 2019 zangoJuni/Julayi neze-AET Level 4 zango-Novemba 2018/Juni 2019.

8. Okuqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo A yishedyuli ebonisa imihla yoqeqesho, amaxesha neendawo zoqeqesho kwisekethe nakwisithili ngasinye. Igosa (amagosa) lesithili, njengoko kubonisiwe kwishedyuli yoqeqesho, liya kuququzelela amalungiselelo okuqhutywa koqeqesho.

9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.

10. Kuya kuthakazelelwa kakhulu ukukuqonda kwenu ukubaluleka kolu qeqesho nentsebenziswano yenu ngokunjalo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:05:25

"IsiHlomelo A"  (ubukhulu: 70 KB)