1. Ngokwemimiselo i-Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of National Senior Certificate examination, eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 37651 ye-16 Meyi 2014, amasebe emfundo amaphondo makatyumbe inqununu yesikolo njengomgadi wabaviwa oyintloko weemviwo zeNSC.

2. Iinqununu nabaphathi bamaziko emfundo yabadala banokuwudlulisela lo msebenzi, ngencwadi ebhaliweyo, kwilungu leKomiti yoLawulo yeSikolo (School Management Team (SMT)). Nakuba kunjalo, inqununu/umphathi weziko uya kwamkela uxanduva ngokupheleleyo nokuphendula ngokubhalwa kwazo zonke iimviwo kwisikolo/kwiziko axelenga kulo.

3. Kuviwo lweNSC lwangoNovemba 2018, umgadi wabaviwa oneqhuzu (senior invigilator), ekufuneka abe ungumntu wasekuhlaleni, kulindeleke ukuba ancedise umgadi wabaviwa oyintloko ekulawulweni nasekubhalweni kweemviwo. Akuvumelekile, phantsi kwazo naziphi iimeko ukuba umgadi wabaviwa oneqhuzu makathathe uxanduva ngokupheleleyo lwayo yonke imisebenzi yezolawulo enxulumene noviwo lweNSC lwangoNovemba 2018.

4. Umgadi wabaviwa oneqhuzu uya kusebenza njengomgadi wabaviwa oyintloko weemviwo zokuxabangela zeNSC kunye nezeSC (a) eziya kubhalwa ngoJuni/Julayi 2019.

5. Kucelwa iinqununu nabaphathi bamaziko emfundo yabadala bagaye abantu abafanelekileyo basekuhlaleni abaya kusebenza njengabagadi babaviwa abaneqhuzu kunye nabagadi babaviwa bezi mviwo zikhankanywe ngentla.

6. Inqununu/umphathi weziko okanye lowo kudluliselwe kuye amagunya makaqinisekise ukuba kuzaliswa onke la maxwebhu aqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane:

IsiHlomelo A – Ukutyunjwa komgadi waBaviwa oyiNtloko
IsiHlomelo B – Ukutyunjwa komgadi waBaviwa oneQhuzu
IsiHlomelo C – Ukuqeshwa kwabagadi babaviwa
IsiHlomelo D – I-BAS Entity Maintenance (inombolo yerhafu kufakwe nesitampu sebhanki)
IsiHlomelo E – Ikhontraki yengqesho yethutyana yabantu basekuhlaleni


7. Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabagadi babaviwa
7.1 Phantsi kweemeko zesiqhelo, makungabikho mntu uqwalaselelwa ukuqeshwa njengomgadi wabaviwa oyintloko, umgadi wabaviwa oneqhuzu okanye umgadi wabaviwa ukuba:
7.1.1 ungaphantsi kweminyaka eyi-25 okanye ungaphezu kweminyaka eyi-65 ubudala;
7.1.2 usisizalwane somfundi obhala iimviwo; okanye
7.1.3 ungumyeni okanye inkosikazi yesizalwane somgadi wabaviwa oyintloko.
7.2 Ukongeza kumgadi wabaviwa oyintloko, makuqeshwe umgadi wabaviwa abe mnye kwi-30 nganye yabaviwa. Onke amagumbi makasetyenziswe ngokomthamo wawo opheleleyo phambi kokuba kusetyenziswe elinye igumbi elongezelelweyo.
7.3 Kwiiseshoni apho kukho kuphela inani elincinane labaviwa (ababini ilelona nani lisezantsi), ziya kwanela iinkonzo zomgadi wabaviwa omnye. Kwimeko enjalo, umgadi wabaviwa oneqhuzu okanye oyintloko akasayi kwenza misebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa, ngaphandle nje kokubambela umgadi wabaviwa xa kufuneka ekhaphe umviwa ukuya kwigumbi langasese.
7.4 Ukuba bonke abaviwa ngamadoda, kucetyiswa ukuba umgadi wabaviwa oyintloko, umgadi wabaviwa oneqhuzu nabagadi babaviwa mababe ngamadoda ngokunjalo. Ukuba bonke abaviwa ngamabhinqa, kucetyiswa ukuba umgadi wabaviwa oyintloko, umgadi wabaviwa oneqhuzu nabagadi babaviwa mababe ngamabhinqa.

Ukuba kukho abaviwa abangamadoda nabangamabhinqa yaye umgadi wabaviwa oyintloko ngumntu oyindoda, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa makabe libhinqa, okanye, ukuba umgadi wabaviwa oyintloko libhinqa, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa makabe yindoda.

7.5 Xa zifuneka iinkonzo zabagadi babaviwa abongezelelweyo ukulawula amagumbi okubhalela iimviwo amabini okanye ngaphezulu ngaxeshanye, umgadi wabaviwa oyintloko akasayi kwenza misebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa, koko kuya kufuneka ukuba enze imisebenzi yomgadi wabaviwa oyintloko kuwo onke amagumbi ekubhalelwa kuzo.

8. Ukuqeshwa kwabagadi babaviwa
8.1 Iimviwo zeNSC zangoNovemba 2018 neze-AET Level 4 zangoNovemba 2018
8.1.1 Kwiiseshoni zeemviwo zeNSC, inqununu mayiqinisekise ukuba i-50% yabagadi babaviwa ngootitshala ize i-50% ibe ngabantu basekuhlaleni.
8.1.2 Ootitshala abasebenza njengabagadi babaviwa akuyomfuneko ukuba bafakwe kwishedyuli epheleleyo yokugada abaviwa kwiseshoni nganye yoviwo.
8.1.3 Utitshala onomntwana obhala iimviwo zeNSC esikolweni apho utitshala aqeshwe khona, makangaqeshwa njengomgadi wabaviwa.
8.1.4 Kunyanzelekile ukuba utitshala angabandakanyeki ekubagadeni abafundi ababhala isifundo asifundisayo esikolweni.
8.1.5 Inqununu mayiqeshe ngencwadi ebhaliweyo bonke ootitshala abaya kuba besebenza njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeNSC. Ilisti yabo bonke ootitshala nabantu basekuhlaleni abaqeshwe njengabagadi babaviwa mayingeniswe kwi-ofisi yesithili engadlulanga uLwesihlanu, we-01 Juni 2018.
8.1.6 I-ofisi yesithili mayiqokelele kwaye ihlanganise iifom zamagama atyunjiweyo (nomination forms) ezisuka kuwo onke amaziko okubhalela uviwo, izingenise ezi fom kwaNdlunkulu zikwibhetshi enye ehlangeneyo (one collated batch) engadlulanga uLwesihlanu we-08 Juni 2018.
8.2 Uviwo lokuxabangela lweNSC lwangoJuni 2019, olweSC (a) kunye nolwe-AET Level 4
8.2.1 Inqununu/umphathi weziko okanye lowo kudluliselwe kuye amagunya uya kuqeshwa njengegosa loviwo eliyintloko neliya kujongana nokongamela kwanolawulo loviwo lokuxabangela lweNSC lwangoJuni-Julayi 2019/SC (a). Igosa elingumgadi wabaviwa oyintloko liya kuncedwa ekubhaliseni uviwo lokuxabangela lweNSC/SC (a) elingumgadi wabaviwa oneqhuzu (elingumntu wasekuhlaleni) oya kuqeshwa njengomgadi wabaviwa oyintloko.
8.2.2 Inqununu/umphathi weziko makaqeshe, ngencwadi ebhaliweyo, abantu basekuhlaleni abaya kuba besebenza kwisikhundla sokuba ngumgadi wabaviwa oyintloko nanjengabagadi babaviwa boviwo lokuxabangela lweNSC lwangoJuni 2019/SC(a) kunye nolwe-AET Level 4. Ilisti yabo bonke abantu basekuhlaleni abaqeshwe njengabagadi babaviwa kwezi mviwo mayingeniswe kwi-ofisi yesithili ungadlulanga uMvulo, we-18 Matshi 2019.

9. Imisebenzi yabagadi babaviwa abaziintloko, eyabagadi babaviwa abaneqhuzu neyabagadi babaviwa
9.1 Imisebenzi yabagadi babaviwa abaziintloko, eyabagadi babaviwa abaneqhuzu neyabagadi babaviwa, iyavela kwi-Examination Procedure Manual, eqhotyoshelwe njengesiHlomelo A.
9.2 Abagadi babaviwa mabangabancedisi abaviwa kuyo nayiphi imisebenzi etenxileyo (irregular activities) ngethuba lokubhalwa koviwo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ayisayi kulibazisa ekubekeni izityholo zolwaphulo-mthetho kuye nawuphi na umgadi wabaviwa ofunyenwe enalo ityala lwako nakuphi ukubandakanyeka kwisitenxo (irregularity).
9.3 Abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa mabaphathe izazisi zabo, iirekhodi zezifundo zakutshanje abazipasileyo (ubuncinane iBakala 12) neemvumelwano zengqesho ngalo lonke ithuba lokubhalwa kweemviwo.
9.4 Iinqununu mazenze ithayimthebhile yokugada abaviwa ize ingeniswe kumphathi wesekethe ochaphazelekayo nje ukuba kuvunywe ukuqeshwa kwabagadi babaviwa.
9.5 Ithayimthebhile yokugada abaviwa mayibandakanye abagadi babaviwa nabagadi babaviwa ababambeleyo kwiseshoni yoviwo nganye.

10. Uqeqesho lwabagadi babaviwa beemviwo zeNSC, eze-SC(a) neze-AET Level 4
10.1 Uqeqesho lweenqununu, abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu luya kuqhutywa ngoAgasti nangoSeptemba 2018 kwaye lunyanzelekile.
10.2 Abagadi babaviwa abaneqhuzu abahlala kumgama we-75 km ukusuka esikolweni okanye kwiziko apho uqeqesho lwenzeka khona baya kuhlawulwa ngeseshoni enye eyongezelelweyo ukwenza imbuyiselo yeendleko zokuhamba.
10.3 Abagadi babaviwa abaneqhuzu abahlala kumgama ongaphezulu kwe-75 km ukusuka kwindawo ekwenzekela kuyo uqeqesho baya kuhlawulwa ngeeseshoni ezimbini ezongezelelweyo ukwenza imbuyiselo ngeendleko zokuhamba.
10.4 Inqununu yesikolo mayiqinisekise ukuba bonke ootitshala nabantu basekuhlaleni abaqeshwe njengabagadi babaviwa, baqeqeshwe ngokupheleleyo ekwenzeni imisebenzi yabo yokugada abaviwa.
10.5 Uqeqesho malususele (must be cascaded) kwiinqununu nakubagadi babaviwa abaziintloko ukuya kubo bonke abagadi babaviwa abangekayi kwiseshoni yoqeqesho kwaNdlunkulu.
10.6 Iirejista zababekho kuqeqesho mazizaliswe njengobungqina kwinqanaba lesikolo kwaye mazibonise ixesha nendawo ekwakuqhutyelwa kuyo uqeqesho namagama abagadi babaviwa ababekwiseshoni leyo.

11. Ukutyunjwa nokuvunywa kwamagama abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa ukulungiselela zonke iimviwo
11.1 IsiHlomelo A nesiHlomelo B mazizaliswe yinqununu okanye ngumphathi weziko. Umphathi wesekethe uya kuwangqininisa amagama abatyunjiweyo acebise ngokutyunjwa kwabo emva koko agqithisele amaxwebhu kwaNdlunkulu ukwenzela ukuvunywa kwawo kokugqibela.
11.2 Amagama atyunjiweyo abagadi babaviwa abaneqhuzu, makahanjiswe neekopi ezingqinisisiweyo zesazisi somntu ngamnye otyunjiweyo, ikharityhulam vitheyi (iSivi) eliphepha elinye neziqinisekiso zemfundo zakhe, emaziquke ubuncinane nesatifikethi seBakala 12.
11.3 Inqununu mayilwenze ngokwayo udliwano-ndlebe nalowo (nabo) utyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko kunye nomgadi wabaviwa oneqhuzu ekudluliselwe kuye amagunya.
11.4 Umphathi wesekethe makaqiniseke ukuba umntu ngamnye otyunjiweyo unobuchule obububo bokufunda, ukubhala, ukuva nokubona kwaye usempilweni qete.
11.5 Abenzi-sicelo okanye abatyunjiweyo ababefake izicelo zokuqeshwa ngokusisigxina kwezinye iindawo kukhethwa ukuba mabangaqwalaselelwa ukuqeshwa.
11.6 Inqununu okanye umphathi wesekethe makangqine ukuba umtyunjwa (abatyunjwa) ukufanele na ukwenza imisebenzi yomgadi wabaviwa. Emva koko, umphathi wesekethe makaxele ukuba ingaba angacebisa ngokuba angaqwalaselelwa ukuqeshwa na lowo utyunjiweyo (abo batyunjiweyo). IsiHlomelo C emva koko masizaliswe size sisayinwe ngumgadi wabaviwa (ngabagadi babaviwa).
11.7 Kuphela ngumntu ekuvunyiweyo ukuqeshwa kwakhe nguNdlunkulu onokwenza imisebenzi njengomgadi wabaviwa. Akuvumelekile naphantsi kwazo naziphi iimeko ukuba abagadi babaviwa baqeshe abagadi babaviwa ababambeleyo nakweyiphi inxenye yomsebenzi wabo.

Ukuba iimeko ziyamthintela umgadi wabaviwa oyintloko, umgadi wabaviwa oneqhuzu okanye umgadi wabaviwa ukuba agade abaviwa kuviwo, inqununu okanye umphathi weziko, ngokuthetha-thethana nomphathi wesekethe, makenze amalungiselelo okuqeshwa komgadi wabaviwa obambeleyo kwaye malaziswe ngoko nangoko iCandelo loLawulo lweeMviwo ngolo tshintsho. Abagadi babaviwa ababambeleyo nabo mabangenise ngokunjalo iinkcukacha zabo zeebhanki neenombolo zesalathiso zerhafu (tax reference number) kwifom yesiHlomelo D eqhotyoshelweyo.


12. Imvumelwano yokwenziwa kwenkonzo

Bonke abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa, mabazilungiselele ukungena kwimvumelwano yokwenziwa kwenkonzo (service contract) neWCED emalunga nemisebenzi neemfanelo zabo eziphathelele kwiimviwo. Le mvumelwano iya kusebenza kwiimviwo zangoNovemba 2018 nezangoJuni 2019.


13. Ukungeniswa kweefom zokutyumba abagadi babaviwa
13.1 Emva kokungqinisiswa kweziHlomelo A, B, C, D no-E, umphathi wesekethe makazingenise zikwibhetshi enye kwigosa elichaphazelekayo kula axelwe ngezantsi:

Isithili Igosa elichaphazelekayo Ifoni I-imeyili
Metro North Johnnie Isaacs
(Head Office)
021 467 2974 johnnie.isaacs@westerncape.gov.za
Metro Central Farrel Jacobs
(Head Office)
021 467 2909 farrel.jacobs@westerncape.gov.za
Metro South Linsay van Gensen
(Head Office)
021 467 2917 linsay.vangensen@westerncape.gov.za
Metro East Gideon Dilgee
(Head Office)
021 467 2941 gideon.dilgee@westerncape.gov.za
West Coast Peggy Thomas
(Head Office)
021 467 2930 Peggy.Thomas@westerncape.gov.za
Cape Winelands Lindsay Weber
(Head Office)
021 467 2732 lindsay.weber@westerncape.gov.za
Overberg Patricia Liguma
(Head Office)
021 467 2936 patricia.liguma@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Samuel Adams
(Head Office)
021 467 2914 samuel.adams@westerncape.gov.za
13.2 Isishwankathelo semihla yokungeniswa kweefom zokutyumba abagadi babaviwa
13.2.1 Iimviwo zeNSC zangoNovemba 2018 neze-AET Level 4 - 01 Juni 2018
13.2.2 Uviwo lokuxabangela lweNSC/SC(a) lwangoJuni 2019 nolwe-AET Level 4-18 Matshi 2019

14. Ukuhlawulwa kwabagadi babaviwa
14.1 I-WCED liya kubaqesha libahlawule abagadi babaviwa abangabantu basekuhlaleni ngokungqinelana nemimiselo ye-Personnel Administration Measures (PAM).
14.2 Izikolo ezizimeleyo, iikholeji neentolongo, zinoxanduva lokuhlawula abagadi babaviwa bazo.

Nakuba kunjalo, iinqununu zezikolo ezizimeleyo, iintloko zeekholeji nezeentolongo maziqaphele ukuba kunyanzelekile ukuzalisa iziHlomelo A, B, C no-E zibuyiselwe kwiWCED nangona abagadi babaviwa bala maziko bengahlawulwa liWCED.

14.3 Abasebenzi abangoomabhalana nootitshala abafumana umvuzo kwiWCED nabasebenza njengabagadi babaviwa, abayi kuhlawulwa yiWCED ngemisebenzi yokugada abaviwa abayenzileyo.
14.4 Ireyithi yentlawulo yokugada abaviwa ngoku (esengatshintsha) yi-R225,55 ngeseshoni kumgadi wabaviwa oneqhuzu ize ibe yi-R150,35 ngeseshoni kumgadi wabaviwa.
14.5 Abagadi babaviwa abasayi kuhlawulwa phantsi kwazo naziphi iimeko ngeendleko zeehambo eziphathelele ekwenzeni imisebenzi yokugada abaviwa. Iinqununu nabaphathi bamaziko, ngoko ke, mabaqeshe abagadi babaviwa abangabantu basekuhlaleni abafumana iinkonzo kweso sikolo okanye kwelo ziko.
14.6 Imimiselo (IRP10) emalunga nokuhlawulwa kwerhafu yabaqeshwa imisela ukuba yonke imivuzo yabantu abaqeshwe ngokungesosigxina mayitsalelwe irhafu ye-25%. I-WCED liya kuthi, ngoko ke, itsale i-25% eyirhafu yezixa zentlawulo yabagadi babaviwa ngeenkonzo abazenzileyo. Ngoko ke, ukungeniswa komyalelo werhafu yabaqeshwa (tax directive) (IRP 3) akusasebenzi.

Abagadi babaviwa abafanele ukuxolelwa ngokupheleleyo okanye ngokuyinxenye kwintlawulo yerhafu yabaqeshwa, mabathi emva kokuba befumene izatifikethi ze-IRP 5 bazingenise kwi-ofisi yabo ye-Receiver of Revenue ekufutshane nabo, kwakunye nefom emiselweyo eyi-IT12 S form. Izatifikethi zerhafu ii-IRP 5 certificates, zidla ngokuposelwa kumakhaya abagadi babaviwa okanye kwiidilesi zeposi ngoJuni okanye ngoJulayi kunyaka olandela lowo bebengabagadi babaviwa ngawo.

14.7 Ukwenzela ukuba kukhawuleziswe intlawulo yamabango, ngamnye umgadi wabaviwa oneqhuzu okanye umgadi wabaviwa makabhale inombolo yesazisi (identity number) yakhe kwifom yokwamkela ukuqeshwa aze aqhoboshele ikopi yesazisi sakhe eqinisekisiweyo. IsiHlomelo D ekubhalwe kuso kwakhona inombolo yesalathiso yerhafu (tax reference number) masizaliswe ngabo bonke abagadi babaviwa abaneqhuzu nangabagadi babaviwa abangabantu basekuhlaleni. Le fom mayizaliswe ize ingqinwe njengechanekileyo kwaye i-akhawunti yebhanki mayingqinwe njengesebenzayo yibhanki echaphazelekayo.

15. Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale ngcaciso imfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo inikwa inqununu okanye umphathi weziko, okanye lowo kudluliselwe kuye amagunya, umgadi wabaviwa oneqhuzu kwanomgadi wabaviwa ngamnye owongezelelweyo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:05:16

IsiHlomelo A: "Nomination and appointment - Chief invigilator"  (ubukhulu: 56 KB)
IsiHlomelo B: "Nomination and appointment - Senior invigilator"  (ubukhulu: 55 KB)
IsiHlomelo C: "Appointment of invigilators"  (ubukhulu: 58 KB)
IsiHlomelo D: "BAS entity maintenance"  (ubukhulu: 52 KB)
IsiHlomelo E: "Contract of temporary employment"  (ubukhulu: 54 KB)