1. NgokoMmiselo 27(2) kwi-Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate examination, eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No 37651 ye-16 Meyi 2014, "Onke amaziko okubhalela iimviwo makahlolwe ligosa liqumrhu lovavanyo, ukungqinisisa ukuba zonke iifasilithi eziyimfuneko ekusingatheni iimviwo zikhona kwiziko."
2. Apho kukho ukungathotyelwa kwemigaqo yokuziphatha ngokuphinda-phindayo ngethuba lokubhalwa kweemviwo, iziko linokuphulukana nobume balo bokuba liziko lokubhalela iimviwo. Abafundi bezikolo ezizimeleyo abayi kungqinwa njengabaphumelele amabanga emfundo achaphazelekayo ukuba isikolo esizimeleyo asivunywanga njengesifanelekileyo nguMalusi.
3. Amagosa avela kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni aya kuqhagamshelana nezikolo ukwenza amalungiselelo omhla nexesha lotyelelo lokulungela kweziko ukubhalela iimviwo.
4. Izikolo ziya kutyelelwa ukususela ngoMatshi 2018 ukuya kuSeptemba 2018.
5. Apha kuqhotyoshelwe isixhobo sokuhlola amaziko esiya kusetyenziswa.
6. Okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane makwaziswe abasebenzi abenza umsebenzi wokulawula iimviwo zeNSC zango-2018 ezikolweni.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:00:00

"Audit Instrument 2018-2019"  (ubukhulu: 101 KB)