1. Le ngcaciso imfutshane ilandela iNgcaciso eMfutshane yeKharityhulam DCG 0012/2017, yange-10 Julayi 2017, kunye nemizuzu yeKharityhulam neDCG 0018/2017, yange-06 Disemba 2017.
2. Ngo-2013 iSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke lachaza ngezicwangciso zeprogram yoKuqaliswa ngokuMana kuSongezwa ngokwamaBakala iiLwimi zesiNtu (Incremental Introduction of African Languages) (IIAL). I-IIAL yiprogram ebaluleke gqitha enenjongo yokukhuthaza uyondelelwano lwezentlalo (social cohesion) kuluntu lwethu. Inenjongo kwakhona yokuphakamisa nokuphuhlisa iilwimi zesiNtu zaseburhulumenteni ezazisingelwe phantsi njengoko kuxhasiweyo kwimimiselo yoMgaqo-siseko weRiphablikhi yaseMzantsi Afrika, ngo-1996, nakwisiCwangciso soPhuhliso sikaZwelonke (National Development Plan).
3. Zonke izikolo ezingalufundisiyo ngoku ulwimi lwesiNtu lwaseburhulumenteni ezazisingelwe phantsi njengesifundo mazifundise isiXhosa uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo kumaBakala 1 no-2 ngo-2019 nakwiBakala 3 ngo-2020. (Emva koko i-IIAL iya kuqaliswa kwiSigaba esiPhakathi.)
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kubamba iiseshoni zokunika ingcaciso nge-IIAL (iiMbizo/imiBoniso yaseSidlangalaleni) ngoMeyi 2018 kuzo zonke izithili zezo zikolo zityunjwe kwingongoma 3. Oku kuya kunika ezi zikolo ithuba lokufunda ngaphezulu ngeprogram ye-IIAL ukwenzela ukuba zicwangcise kwaye zilungiselele ukuqaliswa kwayo ngoJanuwari 2019. IiNqununu neentloko zezifundo zeSigaba seSiseko (Foundation Phase (FP) departmental heads) ke ngoko kufuneka baye kwiiseshoni zokunika ingcaciso.
5. Le mihla ilandelayo icwangciselwe iiMbizo/imiBoniso yaseSidlangalaleni (Imbizos/Roadshows):

ISithili Umhla Indawo Ixesha
Metros South and Central 07 Meyi 2018 Fairview PS 14:30 – Ubhaliso neziphungo Ixesha

15:00 ukuya ku-17:00

Metros East and North 08 Meyi 2018 Kuils River PS
Overberg 15 Meyi 2018 Swartberg PS
Eden and Central Karoo 28 Meyi 2018 George HS
Cape Winelands 29 Meyi 2018 Indawo izakuchazwa sisithili
West Coast 30 Meyi 2018 Steynville PS
6. Kucelwa iinqununu zizalise iphetshana lokuphendula (isiHlomelo A) zandule ukulibuyisela kumququzeleli weFP wesithili esichaphazelekayo ungadlulanga owe-26 Apreli 2018.
7. Ngayo nayiphi imibuzo onayo kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weFP wesithili ochaphazelekayo odweliswe apha ngezantsi:

ISithili UMququzeleli weFP Iinombolo zoqhagamshelwano I-imeyili
Metro North Jennifer Daniels 021 938 3044/
084 388 5920
Jennifer.Daniels@westerncape.gov.za
Metro Central Juanita van der Merwe 021 514 6939/
079 944 7536
Juanita.VanderMerwe@westerncape.gov.za
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041/
072 405 7825
Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za
Metro East Marie Engelbrecht 021 900 7160/
081 271 1153
Marie.Engelbrecht@westerncape.gov.za
West Coast Ursula Esau 021 860 1569/
083 707 2353
Ursula.Esau@westerncape.gov.za
Cape Winelands Diana Niemand 023 348 4614/
083 234 3202
Diana.Niemand@westerncape.gov.za
Overberg Lynn le Grange 028 214 7378/
082 562 7222
Lynn.LeGrange@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Nelmariél Kriel 044 803 8336/
082 374 2961
Cornelie.Kriel@westerncape.gov.za
8. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bamaBakala 1 no-2 kunye nekomiti yolawulo lwesikolo.
9. Iya kuthakazelelwa kakhulu le program ibaluleke kangaka nekwasiphathela iinguqu.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
IBAMBELA SEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:04:18

IsiHlomelo A: "School profile & reply slip"  (ubukhulu: 52 KB)