1. Kulo nyaka, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liza kuphinda kwakhona libhiyozele impumelelo yabafundi bethu kwisifundo soBugcisa boKubonwayo (Visual Art) ngoMboniso weSebe iWCED i-WCED Visual Art Exhibition wesibini obanjwa kwisithili ngasinye kwezi zithili zisibhozo. Umbhiyozo uya kufikelela encotsheni ngoSeptemba ngomboniso wephondo oya kuqhubeka nge-15 Septemba 2018 e-PJ Olivier Art Centre e-Stellenbosch.

2. Kumenywa bonke abafundi bamaBakala R ukuya ku-9 kuzo zonke izikolo zeSebe iWCED ukuba bathathe inxaxheba kwesi siganeko.

3. Injongo yombhiyozo wezobugcisa kukukhuthaza ubuchule babafundi nesakhono sabo sokutolika indlela abayibona ngayo imixholo ekucetyiswa ngayo kumsebenzi wobugcisa bokubonwayo.

4. Njengoko uBugcisa boKubonwayo (Visual Art) buyinxalenye ye-Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS), ye-Creative Arts, ootitshala banokusebenzisa imisebenzi yobugcisa ekumila ku-two-dimensional (2D) okanye engu-threedimensional (3D) eyenzelwe lo mbhiyozo njengoMsebenzi woVavanyo oMiselweyo (Formal Assessment Task (FAT)).

5. Oomasifundisane baya kwenziwa kuzo zosibhozo izithili ngenjongo yokunika inkxaso ootitshala kumalungiselelo nokuqhutywa kwalo mbhiyozo.

6. Kucelwa niqaphele esi sikhokelo silandelayo simalunga nokuthatha inxaxheba:

  • Ukhuphiswano luvuleleke kubo abafundi kwiCandelo le-GET Band, ukususela kwiBakala R ukuya kwiBakala 9, kuqukwa nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa.
  • Abafundi banokungenisa imisebenzi yobugcisa yabo yemilo ye-2D okanye eye-3D.
  • Abafundi bavumelekile bazikhethele naziphi na kwezi zixhobo zokusebenza zimanzi, kunye/okanye zomileyo, nakuba zingaphelelanga kwezi: iipensile, iipeni, ii-watercolours, udidi lwepeyinti ii-temperas, ii-acrylics, iikhrayoni, ii-pastels okanye i-inki, nezinto ngezinto zendalo ezizii-found material, udongwe, umthi, iphepha njalo-njalo.
  • Umfundi ngamnye ungenela ngomsebenzi omnye kuphela.
  • Yonke imisebenzi engeniswayo mayibe yeyomfundi ngayedwa. Ayivumelekanga imisebenzi engeniswa ngamaqela.
  • Yonke imisebenzi yobugcisa engeniswa ngumfundi mayibe ngumsebenzi wentsusa (original work) yaye umfundi akanakutyeshela ilungelo lokupapashiweyo (infringe on any copyright) nokuba leliphi na; umzekelo, ukuzoba into ethile (character) ekwikliphu yomfanekiso (clip art image) okanye ikhathuni (cartoon), kuqukwa no-Manga, ongenakuthathwa njengokuba ngumsebenzi wentsusa.
  • Awuyi kwamkeleka umsebenzi wobugcisa owenziwe ngekhompyutha.
  • Isayizi yomsebenzi wemilo engu-2D ongenisiweyo ayimele kuba ncinane kunephepha elingu-A5 yaye mayingabikho ngaphezulu kwephepha elingu-A2.
  • Umsebenzi wobugcisa wemilo engu-3D mawube yisayizi enako ukulayishwa kwimoto eqhelekileyo.
  • Abafundi nabo mababhale inqaku ngomsebenzi wabo wobugcisa bechaza ukuba bawutolike njani na umxholo abawukhethileyo.
  • Eli nqaku libhaliweyo lihamba nomsebenzi wobugcisa lingaba ngumhlathi, libali, ngumbongo, amagama awahlukeneyo, njalo-njalo yaye oko kunokuselwa kwigama elinye ukuya kumagama ayi-100 ubuninzi.
  • Umsebenzi ngamnye wobugcisa mawuxhonywe kwibhodi emhlophe eyi-white mounting board okanye kwi-white card board.
  • Igama lomfundi, ifani, ibakala nesikolo mazitayitshwe (ifonti: engu-Arial, isayizi yefonti: 11) yaye malincanyathiselwe nge-glue stick ngemva kumsebenzi wobugcisa (uyacelwa ungaliqhobosheli).
7. Ootitshala bayacelwa ukuba baqhagamshelane nomcebisi wesifundo se-Creative Arts kwi-ofisi yesithili yabo ukufumana ingcaciso engaphezulu ngemiboniso yezithili.

Iinkcukacha zoqhagamshelwano zabacebisi bezifundo beCreative Arts zidweliswe apha ngezantsi:

Isithili Umcebisi wezifundo/ Umququzeleli weGET Inombolo yefoni Idilesi ye-imeyili
Cape Winelands Cantél Ross 023 348 4618 Cantel.Ross@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Phillip Jaftha 044 279 1681 Phillip.Jaftha@westerncape.gov.za
Metro Central Betsie Strydom 021 514 6762 Betsie.Strydom@westerncape.gov.za
Metro East Michelle Petersen 021 900 7048 Michelle.Petersen@westerncape.gov.za
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za
Metro South Natasha Esbach 021 370 2045 Natasha.Esbach@westerncape.gov.za
Overberg Margie Clarke 028 214 7372 Margie.Clarke@westerncape.gov.za
West Coast Deon Burger 021 860 1200 Deon.Burger2@westerncape.gov.za

8. Esi siHlomelo A siqhotyoshelweyo siya kunika ingcaciso engaphezulu ngoku kulandelayo:

  • Imixholo ngesigaba ngasinye
  • Iifom zokungenela ezifunekayo nezengqinisekiso yokunyaniseka (declaration of authenticity)
  • Amanqanaba amathathu omboniso neelinki zokungena kwikhompyutha (electronic links) ezisebenzisekayo zokwazisa ngenkqubo zomboniso wobugcisa ezikolweni
  • Imihla yomboniso kwisithili ngasinye
  • Irubrikhi yovavanyo
9. Sithanda ukukhuthaza zonke izikolo zisebenzise eli thuba lokuthatha inxaxheba kule projekthi ibangela umdla.

10. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke ootitshala abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIEKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:04:16

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 194 KB)