1. |
I-AstroQuiz lukhuphiswano lwesayensi olwenzelwa abafundi beBakala 7 olusekelwe kwimixholo enxulumene ne-astronomi (astronomy-related themes) nolukwanxulumana necandelo i-"Earth and Beyond" lesilabhasi yeeSayensi zeNdalo (Natural Sciences syllabus). |
2. |
I-AstroQuiz yiprojekthi exhaswa ngemali yi-South African Agency for Science and Technology Advancement (SAASTA) neyenziwa ngokwamaphondo yi-South African Astronomical Observatory (SAAO). Injongo yale projekthi:
- kukukhuthaza umdla kwisayensi kwizikolo eziziiprayimari;
- kukuphucula indlela yokufunda nokufundisa eklasini;
- kukunika ulwazi nokucinga nzulu ngemiba esisiseko ye-astronomi, yesayensi nemathematika; kunye
- nokubethelela umdla kumathuba omsebenzi afumaneka kwi-astronomi nakwezinye iisayensi.
|
3. |
I-AstroQuiz iqaliswe ngempumelelo kweli phondo ukususela ngo-2006 yaye umdla kolu khuphiswano ukhule kakhulu. Olu khuphiswano luqhutywa ngesiNgesi kuphela kumanqanaba ephondo nakuzwelonke. |
4. |
Ukususela ngo-2015, ukhuphiswano lweWestern Cape AstroQuiz lukhuphiswano lwasekhompyutheni. Abafundi banokusebenzisa iiselula zabo ukuthatha inxaxheba. |
5. |
Ukungenela i-AstroQuiz izikolo mazityumbe amaqela abafundi abane abasuka kwiBakala 7 bokumela isikolo. |
6. |
Imijikelo emibini yokuqala ye-AstroQuiz yephondo iya kubanjelwa ezikolweni iphantsi kweliso lootitshala abongameleyo. Kukhuthazwa izikolo ukuba zingenele namaqela amaninzi kangangoko zinako. |
7. |
Kuya kubakho umjikelo wokuzivavanya (trial round) ukwenzela ukuba abafundi baprekthize ukwenza ikhwizi ekhompyutheni (quiz online). Izikolo zikhuphisana ekuphenduleni iseti yemibuzo eyi-30 kumjikelo ngamnye. Zonke izikolo ziya kuphendula imibuzo efanayo. Amaqela anikwa imizuzwana eyi-60 eqingqiweyo ngombuzo ngamnye. Amaqela anokuxoxa ngeempendulo bekwenza oko ngenzolo phakathi kwabo. Liqela elinye kuphela kwisikolo ngasinye elinokuthatha inxaxheba kumjikelo wesibini. Akuvumelekanga ukuba abafundi abathatha inxaxheba baze naziphi na izinto zokufunda kwindawo yekhwizi. |
8. |
Imijikelo yephondo yesi-3 neyesi-4 iya kubanjwa ngosuku olunye e-SAAO e-Observatory, eKapa. Zonke izithili kwiphondo ngalinye ziya kumelwa kumjikelo wesithathu kwisiganeko sokugqibela sikazwelonke. I-SAAO iya kuba noxanduva lokuhambisa amaqela aya kwiMijikelo yephondo yesi-3 neyesi-4 nakukhuphiswano lokugqibela lukazwelonke. |
9. |
Imihla ka-2018 ye-AstroQuiz imi ngokulandelayo:
UMJIKELO |
UMHLA |
INDAWO |
1 |
26 Apreli 2018 |
Inqanaba lesikolo |
2 |
24 Meyi 2018 |
Inqanaba lesikolo |
3 & 4 |
27 Julayi 2018 |
SAAO e-Observatory, eKapa |
IMijikelo yoKugqibela kaZwelonke |
01– 03 Oktobha 2018 |
e-Gauteng |
|
10. |
I-resource pack ye-AstroQuiz nephepha lemibuzo elingumzekelo (exemplar question paper) linokukhutshelwa kwiziko lewebhu i-SAAO AstroQuiz apha http://astroquiz.saao.ac.za. Ukuba isikolo sifuna incwadana yeAstroQuiz engamaphepha banokuyicela ngokuthumela i-imeyili negama lesikolo kunye nedilesi yeposi apha help@astroquiz.saao.ac.za. |
11. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) licebisa ukuba zonke izikolo zisebenzise i-AstroQuiz resource pack nephepha lemibuzo elingumzekelo ukunika abafundi amava okubhala ikhwizi. Lo mayibe ngumsebenzi ekusetyenziswa kuwo iincwadi ukufumana iimpendulo zemibuzo (open-book activity) ngamaqela abafundi abane beqela ngalinye, apho iqela ngalinye lisebenza ngokuhlangeneyo. |
12. |
Izikolo ezinomdla mazibhalisele ukungenela le khwizi kanye ngqo kwi-SAAO ngokungena kwiziko lewebhu i-AstroQuiz website apha http://astroquiz.saao.ac.za. Ubhaliso luvula ukususela ngoMatshi 2018. |
13. |
Lonke unxibelelwano oluvela e-SAAO luya kufumaneka nge-imeyili kunye/okanye nge-SMS. Ootitshala banokukhetha iindlela zabo zonxibelelwano abakholwa zizo xa bebhalisa kwaye bayacelwa ukuba bajoyine uluhlu lwembalelwano ye-Astroquiz apha http://astroquiz.saao.ac.za/join-the-mailing-list/ ukuhlala benolwazi ngekhwizi. |
14. |
I-WCED ikhuthaza zonke izikolo ezinabafundi beBakala 7 ukuba bathathe inxaxheba kwi-2018 Astroquiz. |
15. |
Ukuba unayo nayiphi imibuzo okanye ingcaciso oyifunayo ngokuphathelele kolu khuphiswano, kucelwa uqhagamshelane ngqo ne-SAAO okanye ungene kwiziko lewebhu yabo ukufumana enye ingcaciso.
|
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:04:04
|
|