1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED), ngentsebenziswano neStellenbosch University (US) lenze amalungiselelo okuqhuba ikhosi yoqeqesho olugxilayo (focused training) lootitshala be-Economic and Management Sciences (EMS) kumaBakala 8 no-9.

2. Injongo yolu qeqesho kukomeleza ukufundiswa kwecandelo le-Financial Literacy le-EMS kumaBakala 8 no-9 ngokunika ulwazi nezakhono ootitshala abafundisa esi sifundo.

3. Le khosi iya kuqhutywa ngabahlohli abasuka e-SU kwaye zonke izinto eziza kufundwa kwikhosi leyo zivunywe yiyunivesithi kunye neBhunga looTitshala laseMzantsi Africa (South African Council of Educators) (SACE).

4. Uqeqesho luya kuqhubeka ngolu hlobo lulandelayo:

NgoMvulo, nge-25 Juni - ngoLwesibini, nge-26 Juni 2018 Amaxesha oqeqesho:

  • NgoMvulo: 09:00 - 17:00
  • NgoLwesibini: 09:00 - 15:00

5. Uqeqesho luya kuqhutywa kwezi ndawo zimbini zahlukileyo:

Isithili Indawo Ulwimi loqeqesho
Zonke izithili Stellenbosch University NgesiNgesi nangesiAfrikansi
Kucelwa uqaphele: Amalungiselelo endawo yokulala aya kwenzelwa ootitshala abasuka kwizithili ezisemaphandleni abanqwenela ukubakho kolu qeqesho.

6. Ukubakho kule khosi yoqeqesho kuya kukhokelela ekufunyanweni kwesatifikethi esingqina ukuba lo ufumene inkxaso eluncedo olukhulu kwisifundo i-EMS e-yunivesithi yaseStellenbosch.

7. Ukubhalisa

Kucelwa ootitshala babhalise ekhompyutheni besebenzisa le linki ilandelayo: https://goo.gl/forms/KzKUYt6bhKOabc923 ngomhla okanye phambi kwangoLwesihlanu, uLwesine, 26 UTshazimpuzi 2018. Kubalulekile gqitha ukuba izikolo zinike iinkcukacha zokubhalisa ezichanekileyo ukwenzela ukuba naziphi iingxaki eziphathelele kumalungiselelo zibe nokuthintelwa kuqeqesho.


8. Ezohambo
8.1 Isibonelelo sohambo siya kuhlawulwa ngokwale miqathango ilandelayo:

  • Makungqinisiswe abantu abayileyo kuqeqesho luphela.
  • Umgama uwonke ohanjiweyo kwithuba leentsuku ezimbini mawugqithe kwi-100 km.
  • Umgama uwonke ekwenziwe amabango wawo kwithuba leentsuku ezimbini mawungagqithi kwi-800 km.
8.2 Izicelo zamabango eehambo ziya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

Ukusebenzisa imoto yakho Kangangoko kunako, ootitshala mabakhwelisane kwizithuthi.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza isicelo sebango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makwenziwe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo we-R3,00 ngekhilomitha nganye.
Akusayi kusetyenziswa mthamo wenjini.
Ukusebenzisa iklabhu yelifti (ehlawulwayo okanye esimahla) kwimoto yakho Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza isicelo sebango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makwenziwe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo oyi-R3,00 ngekhilomitha nganye.
Akusayi kusetyenziswa mthamo wenjini.
Ukusebenzisa ibhasi yesikolo Isikolo masifake ileta echaza ukuba kwakusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, amagama abakhweli nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo oyi-R3,00 ngekhilomitha nganye. Akusayi kusetyenziswa mthamo wenjini.
Ukusebenzisa umboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Qaphela: makufumaneke imvume ebhaliweyo kwangaphambili kumququzeleli weGET wesithili.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikoteshini zibe ntathu phambi kokuqhubeka koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masifake ezi koteshini kumququzeleli weGET wesithili. Kuya kwamkelwa eyona koteshini isezantsi ngexabiso.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu isiqinisekiso ngencwadi ebhaliweyo sokuba inkonzo ingafumaneka ngokungena kwimvumelwano (can be contracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo okuqesha inkonzo leyo.
Inyathelo 5) Emva kwenkonzo isikolo masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba sifumane imbuyiselo yemali, isikolo masifake ileta kumphathi osingathe izicelo zamabango wesithili echaza ukuba kusetyenziswe umboneleli-nkonzo lowo kuze kudweliswe amagama abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe iikoteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawulweyo.

Onke amaxwebhu makagcinwe njengobungqina bomphicothi-ncwadi wangaphakathi.
I-WCED iya kwenza imbuyiselo yemali kwisikolo KUPHELA sisakuba isikolo sifumene amaxwebhu asayiniweyo, kuqukwa nemvume ngencwadi ebhaliweyo ekhutshwe kwangaphambili (prior) yomququzeleli weGET wesithili.
Ootitshala mabalungiselele ukukhwelisa abantu abaliqela bebathatha kwindawo efikeleleka kumntu wonke.

Ukusebenzisa izithuthi zikawonkewonke, umz. iteksi, ibhasi okanye uloliwe ukuhamba umgama omfutshane Izicelo zamabango makubhalwe kuzo indawo esisiqalo nesigaba sesiphelo sohambo.
Iinkqubo zembuyiselo yemali ziya kwenziwa ngokwemiyinge emiselweyo.
Kusengacelwa ubungqina (amatikiti) ligosa elisingathe izicelo zamabango ukuze zingqinisiswe ngokusemthethweni.
Akuvumelekile ukwenza izicelo zamabango amaxabiso eeteksi ii-metered taxis).

9. Iindawo zokulala nokutya (oku kusebenza kootitshala abasuka kwizithili zasemaphandleni kuphela)
9.1 Iindawo zokulala nokutya (isidlo sakusasa nesidlo sangokuhlwa) ziya kunikwa kwezo ndawo zoqeqesho, ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawudlule kwi-60 km ukuya kwicala elinye, o.k.t. ibe ngumgama we-120 km ukuya nokubuya.
  • Abantu abayileyo kuqeqesho luphela mabangqinisiswe.
  • Ubhaliso malwenziwe lugqitywe kwangaphambili.
  • Mazifezekiswe ngokupheleleyo iimfuneko ezibhalwe ku-9.3 ngezantsi.
  • Kunokukhethwa kuphela into ibe nye (jonga ingongoma 9.3 ngezantsi) yaye abasayi kwenzelwa mbuyiselo yemali ootitshala ngalo naluphi utshintsho okanye kuba befune enye indawo yokulala (alternative accommodation).
9.2 Indawo yokulala iya kufumaneka ukususela ngomhla wokuqala ukuya kumhla wokugqibela wekhosi yoqeqesho, kukho nokukhetha ukufika (check in) ngo-14:00 ukuya kutsho ku-17:00 ngosuku olwandulela ukuqala kukamasifundisane.
9.3 Ootitshala abakufaneleyo ukufumana indawo yokulala banokubhalisela ENYE yezi zikhethwayo zingezantsi:

Indawo yokulala ehostele Kuya kufumaneka indawo yokulala ehostele eStellenbosch High School simahla kootitshala. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ootitshala mababelane ngamagumbi.
  • Ootitshala mabaze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuthambisa.
  • Ixesha lokufika ngeCawa (nge-24 Isilimela 2018) lisusela ngo-15:00 ukuya ku-17:00 kuphela.
Amaziko abhalisiweyo anika inkonzo kwiindwendwe umz. ibhedi nesidlo sakusasa, izindlu zeendwendwe okanye ihotele Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa isicelo sebango ukuya kutsho ku-R400 ngosuku kwisidlo sangokuhlwa, kwibhedi nakwisidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa esuka kwiziko elo mayisanwe ngabantu ababini (countersigned), oko kusenziwa ngumenzi-sicelo yaye ingeniswe ngexa lokuqhubeka kwekhosi yoqeqesho.
  • Ayinikwa ngqiniseko intlawulo yezicelo ezineenkcukacha ezingaphelelanga okanye ezifike emva kwexesha.
Indawo yokulala yosapho/yabahlobo Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa isicelo sebango ukuya kutsho ku-R260 ngosuku kwisidlo sangokuhlwa, kwibhedi nakwisidlo sakusasa.
  • Isicelo sebango masikhatshwe yi-afidavithi efungelweyo esuka kwisizalwana/kumhlobo ochaphazelekayo, esayinwe ngabantu ababini (countersigned), umenzi-sicelo sebango zifakwe kwikhosi yoqeqesho.
Iimvumelwano zokurenta/zokuqeshisa zabucala Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Isikolo siya kujongana namalungiselelo okulala kunye nentlawulo (zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa) yoko.
  • Makulandelwe inkqubo esemthethweni:
  • Inyathelo 1) Isikolo masifake ileta eya kumququzeleli weGET, kwangaphambili, ecela ukusetyenziswa kweziko elirentwayo lokufaka iqela lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kuqukwa imvumelwano yokuqeshisa, namagama ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET makanike imvume ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokwenziwa agqitywe ngaphandle koku.
    Inyathelo 3) Isikolo masihlawule yaye singenise irisithi namaxwebhu akhaphayo (okuqeshisa nokunika imvume yomququzeleli weGET) kwikhosi yoqeqesho.
  • Isicelo sebango siya kuthathwa njengebhili enye, ehlawulwa isikolo eso.
  • Kuya kuhlawulwa isixa esiphezulu seR250 ngosuku ngalunye kutitshala ngamnye - oku kuquka iindleko zokulala, ezesidlo sangokuhlwa, ezebhedi nezebrakfesi. Isixa kanye esibuyiselweyo siya kuthi, nakuba kunjalo, sixhomekeke kwiindleko ncakasana, ukuya kutsho ubuninzi kuma-R250 ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi iindleko ezingaphezulu kwesi sixa azisayi kuhlawulwa yiWCED.
  • Zonke iirisithi zokutya zentsusa (original), amaphetshana eethili, njl. njl. makafakwe kunye nengcaciso esisishwankathelo.
  • Sonke isicelo sebango masifakwe njengebhili enye kunye neleta enika ingcaciso (covering letter) esuka esikolweni ihamba kunye nawo onke amaxwebhu angengawo awentsusa.

10. Indlela yokufaka isicelo sokwenza ibango
10.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka isicelo sebango mabazalise le Fom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) (isihlomelo B) iqhotyoshelweyo baze bayifake kwi-ofisi ejongene namabango kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala loqeqesho. IFom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) mayifakwe isitampu yibhanki, kufakwe ifom yentsusa (original) kuphela. Ootitshala mabazalise le fom PHAMBI kokuba uqeqesho luqale (oko kukuthi, fika kwindawo yendibano nale fom sele izalisiwe).
10.2 Zonke izicelo zamabango mazikhatshwe ngamaxwebhu entsusa. Azisayi kwamkelwa iifeksi okanye iifotokopi.
10.3 Abenzi bezicelo zamabango baya kuhlawulwa imbuyiselo yemali kuphela emva kokugqitywa kwekhosi yoqeqesho yaye ngoko ke kuya kufuneka ukuba bazihlawulele ngokwabo iindleko zabo kwasekuqaleni. Apho kuyimfuneko, kucelwa izikolo zincedise ootitshala ngokuphathelele koku. Makugcinwe ubungqina beentlawulo.
10.4 Iimali zembuyiselo zemali ziya kwenziwa kuphela emva kokuqwalaselwa ngobunono kwezicelo zamabango, yaye iWCED inelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani okanye ukungathotyelwa komgaqo khona.
10.5 Zonke izicelo zamabango mazifakwe kwindawo ekuqhubekela kuyo uqeqesho apho amagosa aya kufumaneka khona ukunceda abenzi-zicelo zamabango.
10.6 Azisayi kwamkelwa izicelo zamabango ezifika emva kwexesha okanye ezineenkcukacha ezingaphelelanga, ngaphandle kokuba kukho iimeko ezixolelekayo ngokukodwa, kwaye imbuyiselo yemali kungenakuqinisekwa (cannot be guaranteed) ngayo.

11. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi eminye imibuzo, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana noAntoneitte Venter kwifoni 021 467 2501 okanye nge-imeyili: Antoinette.Venter@westerncape.gov.za.


12. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abaziintloko zesifundo se-EMS (subject heads for EMS). Kucelwa uqaphele ukuba ubhaliso luya kuvumeleka kude kube uLwesine, we-26 UTshazimpuzi.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:03:30

"BAS entity maintenance bank details"  (ubukhulu: 21 KB)
"Use of Private vehicle claim form"  (ubukhulu: 53 KB)
"Public transport claim form"  (ubukhulu: 57 KB)