1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lenza isixhobo sovavanyo i-diagnostic assessment tool seBakala 8 seeLwimi, iMathematika ne-Natural Sciences ngo-2016

2. Siyazidla ngokwenza isibhengezo sokuba esi sixhobo sovavanyo ngoku senziwe ukuba sisebenze ngekhompyutha (digitised) ukunciphisa umthwalo womsebenzi wezolawulo waso.

3. Apha kwaziswa izikolo ukuba zenze amalungiselelo ovavanyo oluqhutywa kwikhompyutha oluyi-online diagnostic assessment ukususela kwi-28 Januwari ukuya kwi-08 Februwari 2019. Ukuba isikolo sifuna ithuba elingaphezulu, kucelwa inqununu ibonisane neNtloko yeCandelo loKunika inkxaso kwiKharityhulam kwisithili esichaphazelekayo.

4. Akukho maxesha asikiweyo ahamba kunye nokugqitywa kovavanyo njengoko kubalulekile ukuba kufunyanwe inkcazo yokwandlalela (baseline overview) ngomfundi ngamnye. Nakuba kunjalo, kucetyiswa ukuba iinqununu ziyisingathe le nkqubo yaye zisebenzise isikhokelo samanqaku ayi-50 ngeyure.

5. Isiphumo sohlalutyo lombuzo ngamnye sandlalela uthelekiso lwamanqanaba nobuchule bomfundi ngamnye kwiMathematika, kwiiLwimi nakwii-Natural Sciences xa bengena kwiBakala 8.

6. Injongo yesi sixhobo:

  • kukwandisa amaqondo okuthatha inxaxheba komfundi kwiMathematika nakwi-Physical Sciences kwicandelo leFET;
  • kukunceda ootitshala babenolwazi ngezakhono zabafundi babo yaye babenako ukusebenzisa iindlela zokufundisa ezihambelana neemfuno zabafundi ukunika kwinkxaso yenkqubo yokufunda ephuculweyo kumfundi ngamnye; kunye
  • nokuvala izikhewu ezinokubakho kubafundi beBakala 8 nele-9 nokuphucula umgangatho wendlela abaqhuba ngayo abo bafundi kumanqanaba aphezulu.
7. Umboneleli-nkonzo onyuliweyo uqhube uqeqesho loqhelwaniso ukususela kwi-12 ukuya kwi-26 Novemba kwisithili ngasinye. Iiseshoni zoqhelwaniso ezijolise kwindlela yokwenziwa kwamalungiselelo nokubhalwa kwezi mviwo kwikhompyutha. Ixesha elimisiweyo elicetyiswayo lichazwe kwisiHlomelo A.

8. Umboneleli-nkonzo uya kubonelela ngenkxaso ekusetyenzisweni kwekhompyutha ngethuba leeveki ekubhalwa ngazo iimvavanyo.

9. Ukunika inkxaso yokuphumeza olu vavanyo kufakelwe uluhlu lwemibuzo ebuzwa rhoqo ehamba neempendulo ezinokwamkeleka. Jonga kwisiHlomelo B.

10. ISebe iWCED linolwazi lokuba izikolo ezininzi zilufumana luluncedo ulwazi ezilufumene kolu vavanyo lokubonelela abafundi ngenkxaso elungelelene nezakhono zabo ukulungiselela ukujongana nezikhewu ezinokwenzeka kwizifundo ezichaphazelekayo. Siziqhwabela izandla ngemigudu yazo izikolo ngokuzuza lukhulu kwezi mvavanyo.

11. Izikolo ezifumana ingxaki ezimalunga ne-IT ngoJanuwari nezo zikhetha ukubhala uvavanyo olukwifomathi ebhalwa ephepheni (paper-based format) lunokukhutshelwa apha: http://resources.wcedgrade8diagnostic.co.za/ Eli ziko lewebhu liya kubonelela ngevidiyo yemiyalelo (instructional video) eyongezelelweyo echaza indlela yokulungiselela nokubhalwa kovavanyo. Ziyakhuthazwa izikolo zinike ingxelo ngayo nayiphi na imingeni ekusetyenzisweni kwekhompyutha phambi komhla wokuvalwa kwezikolo nge-14 Disemba 2018 kwi-candelo elinika inkxaso ngezethekhnoloji (IT Helpdesk).

12. Ziyacelwa iinqununu ziqinisekise ukuba ingcaciso equlethwe kule ngcaciso imfutshane yaziswa kubo bonke ootitshala beMathematika, beeLwimi nabe-Natural Sciences ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:12:10

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 57 KB)
IsiHlomelo B  (ubukhulu: 68 KB)