1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) libambisene nePan South African Language Board (PanSALB), i-Centre for the Book, iSebe lezeNkcubeko neMidlalo (iDCAS), iSixeko saseKapa, iNkonzo yeeLayibrari yeDCAS, i-Afrikaanse Taalraad, i-Publishers’ Association of South Africa (i-PASA) kunye ne-Education Library and Information Services (i-EDULIS) liya kuthi kwakhona libambe ukhuphiswano lokubhala ngobuchule lweBakala 6 kowe-2018.

2. Injongo yolu khuphiswano kukwenza luqilima inkqubo yokubhala ngobuchule (creative writing) kubafundi abaselula nokudala uthando nomdla wokwabelana ngamav ngokusebenzisa inkqubo yokubhala.

3. Njengoko uKubhala ngoBuchule kuyinxalenye yokuqulethwe kwiNkcazelo yoMgaqonkqubo weKharityhulam noVavanyo (i-CAPS), ootitshala banako ukusebenzisa amanqaku azuzwe kukhuphiswano ngokuthi bawafake kuMsebenzi wokuqala woVavanyo oluQingqiweyo (Formal Assessment Task) (i-FAT) kwiKota 1, noluvavanyo oluqhubekela esikolweni kuBhalo ngoBuchule (Creative Writing).

4. IWCED iyathemba ukuba esi siganeko siya kuphembelela ootitshala beeLwimi beBakala 6 bakhuthaze abafundi babo ukuba bathathe inxaxheba kule nkqubo.

5. Olu khuphiswano luya kuqhutywa ngeelwimi zeenkobe zabafundi.

6. Izincoko eziphumeleleyo ziya kupapashwa kwincwadi yamabali engeelwimi ezininzi esihloko sayo sithi, Ngosiba Lomfundi (From the Pen of the Learner).

7. Oomasifundisane baya kulungiselelwa ngabacebisi ngezifundo zeeLwimi kwizithili ngenjongo yokunika inkxaso kwizikolo ekulungiseleleni nasekuqhutyweni kolu khuphiswano.

8. Inkqubo yokhuphiswano
8.1 Kunokukhethwa phakathi kwezihloko ezibalisayo nezichazayo (narrative and descriptive topics) eziqhotyoshelweyo apha njengesiHlomelo A.
8.2 Abafundi kulindeleke babhale idrafti kwakunye nesincoko/ibali elilelokugqibela (final essay/story) kwi-exercise book ngokweekhrayitheriya ezimiselweyo kwisiHlomelo B yaye ootitshala kulindeleke bamakishe umsebenzi obhaliweyo bekhokelwa yimeyitriksi yokumakisha ekwisiHlomelo B kungadlulwanga kwithuba eliphakathi kuMatshi 2018.
8.3 Ootitshala mabakhethe esona sincoko/elona bali ligqwesileyo kubo (o.k.t. masibe sinye/malibe linye kuphela) abaya kusingenisa/kulingenisa kwinqanaba lesithili.
8.4 Izikolo mazingenise idrafti kwakunye nesiqwengana somsebenzi obhalwe ngobuchule ongowokugqibela kwi-A5 exercise book uthunyelwe kumququzeleli weGeneral Education and Training (GET) kwisithili ungadlulanga owe-23 Matshi 2018. Uluhlu lwabantu ekuqhagamshelwana nabo abangabaququzeleli beGET luyavela kule theyibhile ingezantsi.
8.5 IKomiti yeSithili yoKuchonga izincoko/amabali (District Selection Team) iya kwenza uluhlu olufutshane lwesona sincoko/lwelona bali ligqwesileyo kwamathathu (o.k.t. sinye isincoko/linye ibali kulwimi ngalunye) kuze oko kuthunyelwe kwiKomiti ejongene nokuBhala ngoBuchule yePhondo (Provincial Creative Writing Committee) eya kukhetha amabali alishumi elinesibhozo agqwesileyo, o.k.t. amahlanu kwiqela lolwimi ngalunye kuqukwa namathathu kulwimi lwesiSuthu
8.6 Izincoko/amabali alishumi elishumi elinesibhozo agqwesileyo aya kupapashwa kwincwadi yamabali engeelwimi ezininzi.
8.7 Zonke izikolo ezithatha inxaxheba ziya kufumana ikopi yencwadi yamabali engeelwimi ezininzi.
8.8 Umfundi ophumeleleyo nesikolo eso baya kufumana amabhaso anexabiso, naya kunikwa kwitheko lephondo lokumiselwa kwencwadi nakumsitho (gala event) oya kubanjwa ngoSeptemba 2018.

9. Kucelwa ufumane apha kuqhotyoshelwe ishedyuli ekubhalwe kuyo imihla ekuya kuqhubeka ngayo ukhuphiswano kwisiHlomelo C.

10. Kucelwa iinqununu zibhalise izikolo zazo kwangethuba njengoko oku kuya kunceda kumalungiselelo okhuphiswano.

11. Ifom yokubhalisa (isiHlomelo D) mayingeniswe ngoLwesibini, nge-02 Februwari 2018 kumququzeleli weGET ochaphazelekayo.

ISithili UMququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 Anna.Morgendal@westerncape.gov.za 086 236 1892
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro East Benjamin Crombie 021 900 7051 Benjamin.Crombi@westerncape.gov.za 086 664 2631
West Coast Ursula Esau 021 860 1569 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 086 7316639
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 555 0261
Eden and Central Karoo Ulande Europa 044 803 8400 Ulande.Europa@westerncape.gov.za 086 603 7615
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 021 372 1856
Overberg James Daniels 028 214 7363 James.Daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400
12. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabafundi beelwimi beBakala 6 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:01:19

IsiHlomelo A: "Competition topics"  (ubukhulu: 103 KB)
IsiHlomelo B: IMEYITRIKSI YEEKHRAYITHERIYA ZOKUKHETHA KUKHUPHISWANO LOKUBHALA NGOBUCHULE – KWIILWIMI EZININZI  (ubukhulu: 115 KB)
IsiHlomelo B: "Criteria - Sesotho"  (ubukhulu: 67 KB)
IsiHlomelo C: Ishedyuli  (ubukhulu: 61 KB)
IsiHlomelo D: IFOM YOKUBHALISA  (ubukhulu: 50 KB)