1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) likubeke phambili ukunika uqeqesho kubo bonke ootitshala beSigaba esiPhakamileyo kwiMfundo ngezeSini.

2. Uqeqesho luya kuqhutyelwa ehotele eya kungqinisiswa eKapa kwithuba leentsuku ezimbini.

3. Le ngcaciso imfutshane yeyokwazisa bonke ootitshala boLwazi ngezoBomi kwiSigaba esiPhakamileyo ukuba olu qeqesho lungentla luya kuqhubeka ngokulandelayo:

NgoLwesihlanu ukuya ngoMgqibelo,
18 – 19 Januwari 2019
Amaxesha oqeqesho:

  • NgoLwesihlanu: Lubhaliso ngo-13:00
  • NgoLwesihlanu: 13:30 - 20:00
    nangoMgqibelo: 08:30 - 16:00
4. Inkqubo yokubhalisa

Kucelwa ootitshala babhalise ekhompyutheni besebenzisa le linki ilandelayo: https://goo.gl/forms/96rSX0ro8FtChNnk1 okanye ngokuskena ikhowudi eyiQR elapha ngezantsi, ungadlulanga okanye phambi kwangoLwesine, nge-10 Januwari 2019. Kubaluleke gqitha ukuba izikolo zinike iinkcukacha zobhaliso ezichanekileyo ukuze naziphi iingxaki zamalungiselelo zibe nokuthintelwa kwindawo yoqeqesho.


5. Ezohambo
5.1 Kuya kuhlawulwa isibonelelo sohambo, phantsi kwale miqathango ilandelayo:

  • Makungqinisiswe ukuba kuyiwe kuyo yonke ikhosi yoqeqesho.
  • Umgama uwonke ohanjiweyo kwithuba leentsuku ezimbini mawudlule kwi-120 km.
  • Umgama uwonke ohanjiweyo kwithuba leentsuku ezimbini mawungadluli kwi-800 km.
5.2 Izicelo zamabango ziya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

Usetyenziso lwemoto yakho Kangangoko kunako, ootitshala mababelane ngesithuthi.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-sithuthi onokwenza ibango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makudweliswe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo oyi-R3,00 ngekhilomitha nganye. Umthamo wenjini awusayi kusebenza.
Usetyenziso lweklabhu yelifti (ehlawulwayo okanye esimahla) kwimoto yakho Kuphela ngumqhubi okanye umnini-sithuthi onokwenza ibango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makudweliswe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo oyi-R3,00 ngekhilomitha nganye. Umthamo wenjini awusayi kusebenza.
Usetyenziso lwebhasi yesikolo Isikolo masifake ileta echaza ukuba ibhasi yesikolo ibisetyenziselwe le khosi, amagama abakhweli kunye nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo oyi-R3,00 ngekhilomitha nganye.
Umthamo wenjini awusayi kusebenza.
Usetyenziso lomboneleli-nkonzo obhalisiweyo

OKUBALULEKE GQITHA: Makufumaneke imvume kwangaphambili ebhaliweyo esuka kumququzeleli weGET wesithili.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikoteyishini zibe ntathu phambi koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masingenise ezi koteyishini kumququzeleli weGET wesithili. Kuya kwamkelwa eyona koteyishini ixabisa kancinci.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu isiqinisekiso esiyincwadi ebhaliweyo sokuba inkonzo leyo inokufumaneka ngemvumelwano.
Inyathelo 4) Isikolo masilungiselele ukuqeshisa ngenkonzo leyo.
Inyathelo 5) Emva kokuba yenzekile inkonzo isikolo masihlawule umboneleli-nkonzo kwaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukuze kwenziwe imbuyiselo yemali, isikolo masifake ileta kumphathi ojongene nezicelo zamabango wesithili echaza ukuba kusetyenziswe umboneleli-nkonzo kuze kudweliswe namagama abakhweli kunye neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe iikoteyishini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawulweyo.

Makugcinwe onke amaxwebhu njengobungqina ukwenzela umphicothi-ncwadi wangaphakathi.
I-WCED iya kwenza imbuyiselo yemali kwisikolo kuphela kusakuba kufumaneke amaxwebhu asayiniweyo, kuqukwa nemvume eyincwadi ebhaliweyo ekhutshwe kwangaphambili yomququzeleli weGET wesithili.
Ootitshala mabenze amalungiselelo okukhwelisa abantu abaliqela bebathatha kwindawo efikeleleka kumntu wonke.

Usetyenziso lwezithuthi zikawonkewonke, umz. iiteksi zikawonkewonke, ibhasi okanye uloliwe kumgama omfutshane Kumabango makubhalwe indawo apho kuqalwa khona nalapho kuphelwa khona kwisigaba ngasinye sohambo.
Iinkqubo zembuyiselo yemali ziya kwenziwa ngokwemiyinge emiselweyo.
Kunokucelwa ubungqina (amatikiti) ligosa elijongene nezicelo zamabango ukwenzela ukuba ibango libe nokungqinisiswa ngokusemthethweni.
Makungenziwa mabango eemali ezihlawulwe kwii-metered taxi.

6. Indawo yokulala nokutya 6.1 IWCED iya kuhlawulela indawo yokulala nokutya eCape Teaching and Leadership Institute (CTLI) yootitshala abasuka kwizithili zasemaphandleni kuphela, phantsi kwale miqathango ilandelayo: „h Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawudlule kwi-60 km ukuya kwicala elinye. „h Makungqinisiswe ukuhanjwa kwayo yonke ikhosi yoqeqesho. „h Ubhaliso malugqitywe kwangethuba elingaphambili. 6.2 Kuya kunikwa indawo yokulala ukususela ngomhla wokuqala ukuya kumhla wokugqibela wekhosi yoqeqesho, kukho nokukhetha ukutshekhina ngo-14:00 no-17:00 ngosuku olwandulela ukuqala kwekhosi. 7.
6.1

6.2

7. Indlela yokufaka isicelo sokwenza ibango
7.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka isikhalazo mabazalise le Fom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) iqhotyoshelweyo bayifake kwi-ofisi ejongene namabango kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. IFom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) mayifakwe isitampu yibhanki kwaye ingeniswe iyifom engelokhutshelo (original) kuphela. Akusayi kwamkelwa zifeksi okanye zifotokopi. Ootitshala mabazalise le fom phambi kokuba uqeqesho luqale (oko kukuthi, fika kwindawo yendibano nale fom sele izalisiwe).
7.2 Zonke izicelo zamabango mazikhatshwe ngamaxwebhu angelokhutshelo. Akusayi kwamkelwa zifeksi okanye zifotokopi.
7.3 Abenzi bezicelo zamabango baya kuhlawulwa imbuyiselo yemali kuphela emva kokugqitywa kwekhosi yoqeqesho kwaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele ngokwabo iindleko zabo kwasekuqaleni. Apho kuyimfuneko, kucelwa izikolo zincedise ootitshala ngokumalunga noku. Makugcinwe izinto ezibubungqina beentlawulo.
7.4 Iimali eziyimbuyiselo ziya kwenziwa kuphela emva kokuqwalaselwa ngobunono kwezicelo zamabango, yaye iWCED inelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani okanye ukungathotyelwa komgaqo khona.
7.5 Zonke izicelo zamabango mazifakwe kwindawo yoqeqesho apho amagosa aya kufumaneka khona ukunceda abenzi bezicelo zamabango.
7.6 Azisayi kwamkelwa izicelo zamabango ezifika emva kwexesha okanye ezineenkcukacha ezingaphelelanga, ngaphandle kokuba kukho iimeko ezixolelekayo ezizodwa, kwaye imbuyiselo yemali ayinakuqinisekwa.

8. Imibuzo
8.1 Ukuba unayo nayiphi eminye imibuzo, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana noIsmail Teladia ngefoni 021 467 2199 okanye nge-imeyili apha: Ismail.Teladia@westerncape.gov.za.

9. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala boLwazi ngezoBomi beBakala 7 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:12:11

"Claim in respect of official journeys undertaken by privately owned motor transport"  (ubukhulu: 55 KB)