1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lilungise iincwadana, ezinesihloko u-Transition from Grade 9 to Grade 10: Tips for Success, ukwenzela umfundi ngamnye wabafundi beBakala 9 baseNtshona Koloni ukubanceda kwizifundo abazikhethileyo kwiBakala 10. Le ncwadana inika iingcebiso zokufunda, iingcebiso zeemviwo, iingcebiso zokuphumelela, iingcebiso zokumisela iinjongo zakho kwanenye ingcaciso eluncedo.
2. Ezi ncwadana ziya kusiwa ngamagosa ezithili kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinabafundi beBakala 9.
3. Le ncwadana mayinikwe umfundi ngamnye weBakala 9 nje ukuba ifumaneke.
4. Ukuba inani leencwadana ezisiwe esikolweni alichanekanga, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili sakho. Iincwadana ezingaphezu kwemfuneko mazibuyiselwe kwi-ofisi yesithili.
5. Ukuze ezi ncwadana zibe nesiphumo esinqwenelekayo sokunceda abafundi ekukhetheni izifundo zabo nasekulungiseleleni iimviwo, kucetyiswa ngamandla ukuba ootitshala mabaxoxe ngokuqulathwe yile ncwadana neeklasi zabo zeBakala 9 kwaye bakhuthaze abafundi bayifunde bayisebenzise.
6. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:12:10