1. Ukwenjenje kucwangciselwa ukwenza iVeki yoKwazisa ngaMakhondo omSebenzi (Career Awareness Week) ngowe-15 ukuya kwi-19 Oktobha 2019 ukuxhobisa abafundi ekwenzeni izigqibo ezizizo ngamakhondo omsebenzi abo exesha elizayo. Eli lithuba lootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi lokugqibezela icandelo le-World of Work lekharityhulam yabo.
2. Iqela elithagethiweyo ngabafundi besigaba esiphakamileyo (senior phase). Injongo yeVeki yoKwazisa ngaMakhondo oMsebenzi kukwenza abafundi abakumaBakala 7 ukuya kwele-9 bakwazi ukubaluleka kokukhetha izifundo ezichanekileyo zeBakala le-10. Ngale veki kuya kukhuthazwa izikolo ukuba zigxininise kwimisebenzi eya kukhokela abafundi ekwenzeni izigqibo ezizizo benolwazi ngokukhetha amakhondo omsebenzi abo exesha elizayo. Oku kufuneka kuquke ingxoxo ngokumisela iinjongo.
3. Zonke izikolo ziya kufumana iincwadana ezisisikhokelo samakhondo omsebenzi (career guidance booklets) equka uphando ngamakhondo omsebenzi (career research activity). Bayacelwa ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ukuba baqhube uphando ngamakhondo omsebenzi kubafundi bamaBakala 7 ukuya kwele-9 ukuba bancediswe ngabazali babo xa besenza lo msebenzi besebenzisa iincwadana abazifumene ngeVeki yoKwazisa ngaMakhondo oMsebenzi.
4. Bayakhuthazwa ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ukuba bacwangcise imisebenzi yale veki eya kugxininisa kwilizwe lempangelo (World of Work). Kwezinye iimeko, imisebenzi enikwe abafundi malunga nelizwe lempangelo apha enyakeni inokufikelela kuvuthondaba kule veki.
5. IBakala 7

Abafundi beBakala 7 banokugxininisa kwiprojekthi yeveki yonke, equka ukwenziwa kophando ngamakhondo omsebenzi eya kufikelela kuvuthondaba lwesinxibo esingqinelana nemini yekhondo lomsebenzi. Kulo msebenzi msebenzi wabo ngamakhondo omsebenzi exesha elizayo abo, abafundi baya kuza esikolweni benxibele ukumela amakhondo omsebenzi ekamva labo. Umsebenzi wophando Oku kufuneka kwenzeke ngeephiriyodi zesifundo soLwazi ngezoBomi. Makufundwe isiHlomelo A ukufumana iimbono ezingaphezu koku.

6. IBakala 8

Abafundi beBakala kufuneka bagxininise kwimisebenzi yamakhondo, equka ukuzaliswa komsebenzi wophando ngamakhondo omsebenzi. Oku kuya kubenza bakwazi ukuqaphela izinto abaneziphiwo zokuzenza (strengths), iitalente zabo, izinto abangakwaziyo ukuzenza (limitations) nolwazi lwabo kwizifundo ezithile. Makufundwe isiHlomelo A ukufumana iimbono ezingaphezu koku.

7. IBakala 9

Abafundi beBakala 9 kufuneka bacelwe ukuba bathathe inxaxheba kumsebenzi ongamakhondo omsebenzi, oquka ukwenziwa komsebenzi wophando ngamakhondo omsebenzi. Lo msebenzi wophando uyinxalenye yenkqubo yokulungiselela abafundi beBakala 9 ukuba bakhethe izifundo ezichanekileyo zeBakala 10. Makufundwe isiHlomelo A ukufumana iimbono ezingaphezu koku.

Lo msebenzi wophando ngamakhondo omsebenzi wenziwa yi-PACE Career Centre ukukhawulezisa ukuvuthwa ngokwasengqondweni kwabafundi ngokubhekisele kwezamakhondo omsebenzi. Iziphumo ezifunyenwe kumsebenzi wokuzihlola kwiminyaka engaphambili zibonise ukunyuka kweqondo lamanqanaba olwazi lokuzikhethela kubathathi-nxaxheba. Ukwenziwa kwalo msebenzi kuya kukhulisa ulwazi lwabafundi lokuzikhethela izifundo nokulandela amakhondo omsebenzi anokuvela.

8. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu neVeki yoKwazisa ngaMakhondo oMsebenzi, kucelwa uqhagamshelane noMnu I Teladia, onguMcwangcisi oMkhulu wesifundo soLwazi ngezoBomi kwiGET, kule dilesi ye-imeyili Ismail.Teladia@westerncape.gov.za okanye kwifoni 021 467 2199.
9. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:09:13

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 31 KB)