1. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) laqalisa iprogram eyi-Early Grade Reading Assessment (EGRA) ngo-2015 ukuphucula ukufunda nolwazi lokuqonda kwiSigaba esiSiseko (FP). Olu vavanyo luqhutywa ngutitshala weklasi yaye injongo yalo kukuqonda iingxaki zokufunda zabafundi. Malungasetyenziselwa injongo yokupasa komfundi adlulelele kwelinye ibakala okanye ukupasa adlulela kwesinye isigaba.
2. Ngo-2015 kuqaliswe iprogram ye-EGRA liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED kwizikolo eziyi-96 (kwiSigaba 1). Le program yanatyiselwa kwizikolo eziyi-103 ezingaphezulu ngo-2016 (kwiSigaba 2) nakuzo zonke izikolo ezifumene iziphumo ezingaphantsi ko-60% ngo-2017 kwiimvavanyo zango-2016 zoLwimi zenkqubo yemfundo kwiBakala 3 (iSigaba 3).
3. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa izikolo ezingekaqeqeshwa kwi-EGRA ukuba ziya kubandakanywa kwiSigaba 4 sale program.
4. Uqeqesho lwe-EGRA lwezikolo kwiSigaba 4 luya kuqhubeka ngo-Oktobha 2018.
5. Ixesha eliya kuthathwa lolu qeqesho liya kuba ziiyure ezintathu. Intloko yesifundo yeSigaba seSiseko kunye notitshala omnye ubuncinane weSigaba seSiseko, kufuneka baye kuqeqesho olupheleleyo. Nakuba kunjalo, izithili zinokuzikhethela ukuba zibandakanye ootitshala abaninzi.
6. Amalungiselelo okuqhubeka koqeqesho aquka imihla, amaxesha neendawo, aya kuchazelwa zonke izikolo zii-ofisi zezithili.
7. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weSigaba seSiseko (FP) wesithili ochaphazelekayo:

ISithili Umququzeleli Inombolo yefoni I-imeyili Inombolo yefeksi
Metro North Jenny Daniëls 021 938 3044
084 388 5920
Jennifer.Daniels@westerncape.gov.za 021 938 3183
086 666 0875
Metro Central Juanita van der Merwe 021 514 6773 Juanita.vandermerwe@westerncape.gov.za 086 402 3087
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2061 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 086 492 1242
Metro East Marie Engelbecht 021 900 7191 Marie.Engelbrecht@westerncape.gov.za 086 556 9519
West Coast Michelle Delport 021 860 1590
060 508 8305
Michelle.Mcdonald@westerncape.gov.za 086 275 1685
Cape Winelands Diana Niemand 023 348 4606 Diana.Niemand@westerncape.gov.za 086 531 0476
Overberg Lynn le Grange 028 214 7378 Lynn.Legrange@westerncape.gov.za 028 214 7400
Eden and Central Karoo Nelmarié Kriel 044 803 8336 Cornelie.Kriel@westerncape.gov.za 086 678 7171
8. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beSigaba seSiseko (FP) ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:09:13