1. |
Ngo-2013, ISebe leMfundo esiSiseko (ISebe i-DBE) laqulunqa umgaqo-sikhokelo weKharityhulam, i-South African National Curriculum Framework (NCF) for Children from Birth to Four. Lo mgaqo-sikhokelo wekharityhulam kazwelonke ujolise ekuphuculeni umgangatho wemfundo esisiseko ngokumisela isiseko esiluqilima kwakwiminyaka yasekuqaleni. Ukwabonelela nangesikhokelo sokwenza iiprogram zokufunda nezokusebenza neemveku nabantwana abancinci ukususela ekuzalweni kwabo ukuya kwiminyaka emine yokuzalwa. Ukwalungele nokusetyenziselwa iimekobume, iinjongo nabathathi nenxaxheba abaziindidi ezininzi. I-NCF inokufumaneka kweli ziko lewebhu leSebe iDBE: https://tinyurl.com/m99omqf |
2. |
Kugunyaziswe amaSebe eMfundo amaphondo ukuba aziqeqeshe zonke iipraktishina zeBakala eliphambi kweBakala R (pre-Grade R practitioners) kwi-NCF engadlulanga u-2019 ngokwethagethi ezimiselwe liSebe i-DBE. |
3. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) lenze izicwangciso zoqeqesho lweNCF kwiphondo ngokubanzi lwazo zonke iipraktishina zeBakala eliphambi kweBakala R ukususela ngoJulayi 2018 ukubheka phambili. Aya kunikwa ithuba lokubakho kolu qeqesho lweNCF amaqela awahlukileyo eepraktishina zeBakala eliphambi kweBakala R ngamaxesha awahlukileyo kwithuba leminyaka emibini ezayo. |
4. |
IiKholeji zaseNtshona Koloni ii-Western Cape Technical and Vocational Education and Training (TVET) colleges ziya kuqhuba olu qeqesho zisebenzisana neSebe iWCED. |
5. |
Umasifundisane uya kuqhubeka ngolu hlobo lulandelayo:
Umasifundisane weentsuku ezintlanu eziphakathi kowe-02 nowe-20 Julayi 2018 ngo-08:00 ukuya ku-16:00 |
Uqeqesho lweNCF lwangoJulayi 2018 lolweepraktishina ze-Level 1, 4 no-5 neenqununu zamaziko e-ECD abhalisiweyo kwiSebe iWCED kunye nakwiSebe iDSD (Department of Social Development) |
|
6. |
Ukubhalisela uqeqesho lweNCF lwangoJulayi 2018 |
6.1 |
Umhla wokugqibela wobhaliso ngumhla we-15 Juni 2018. |
6.2 |
Ziyacelwa iinqununu zamaziko e-ECD abhaliswe neSebe iWCED kunye neSebe i-DSD, zizibhalise zona kwakunye neepraktishina zeBakala eliphambi kweBakala R ezinamabanga emfundo (qualified pre-Grade R L4 practitioners) (ezifundisa abantwana ukususela ekuzalweni kwabo ukuya kwiminyaka emine) ukulungiselela uqeqesho lweNCF kwikholeji ye-TVET ekufutshane nazo. Ikopi nganye yesatifikethi se-ECD L1, L4 no-L5 sepraktishina nganye mayihanjiswe nefom yobhaliso. |
6.3 |
Lonke ubhaliso luya kwenziwa zii-TVET colleges ezidweliswe kwisiHlomelo B. Akukho lubhaliso luya kuqhubeka kwii-ofisi zezithili zeSebe iWCED. |
6.4 |
Indawo ezikhoyo (spaces) kuqeqesho zilinani eliqingqiweyo. Ubhaliso luya kwenziwa ngokuthi kuqwalaselwe abafike kuqala yaye iSebe iWCED kunye/okanye iikholeji ze-TVET zinelungelo lokumisela oku kulandelayo:
- amanani abathunywa ngokweziko le-ECD ngalinye
- ukwabiwa kwamaqela ngokweeveki zoqeqesho
|
6.5 |
Umenzi-sicelo obhalise ngokuyimpumelelo kwifom yesicelo yokubhalisa, uya kufumana ingqinisekiso nge-SMS okanye nge-imeyili zingadlulanga iintsuku zomsebenzi ezilishumi ifunyenwe ifom yobhaliso. Ukuba umenzi-sicelo akayifumananga ingqinisekiso yokubhaliswa kwakhe, umele ukuqhagamshelana ne-ofisi yeTVET ungadlulanga owe-18 Juni 2018 ukufumana inkcazo ngokuqhubekayo malunga nemeko yokubhaliswa kwakhe. Ngabenzi-sicelo ababhalise ngokuyimpumelelo kuphela abaya kulungiselelwa kuqeqesho. |
6.6 |
Iziphungo nesidlwana sasemini, ziya kubonelelwa kulo masifundisane. Abathathi-nxaxheba abaneemfuno ezizodwa zezidlo ezithile baya kulungiselelwa kangangoko kunokwenzeka; nakuba kunjalo, kucetyiswa bonke abathunywa ukuba beze nezinto eziziimfuno ezizodwa/ezongezelelweyo abazifunayo. |
6.7 |
Akukho nkxaso-mali iya kuhlawulelwa izithuthi zokukhwela. Ngako oko kucetyiswa ukuba abathathi-nxaxheba benze isicelo kwikholeji ye-TVET ekufutshane. |
6.8 |
Le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) mayizaliswe yaye ibuyiselwe kwikholeji ye-TVET college echaphazelekayo ungadlulanga owe-31 Meyi 2018. |
7. |
Yonke imibuzo emalunga nobhaliso lwangoJulayi 2018 mayithunyelwe kwikholeji ye-TVET echaphazelekayo edweliswe kwisiHlomelo B. |
8. |
Emva kwalo masifundisane weentsuku ezintlanu, kuya kulindeleka ukuba bonke abathathi-nxaxheba bazijongisise kwakhona iiprogram zabo zemihla ngemihla kwakunye neeprogram zokufunda zabo ukuqinisekisa ukuba ziyangqinelana ne-NCF. |
9. |
ISebe iWCED lisebenzisana neekholeji ze-TVET, lizimisele ukuzisa uqeqesho lweNCF olusemgangathweni kubo bonke abathathi-nxaxheba ababhalisiweyo. |
10. |
Kucelwa iinqununu zamaziko e-ECD abhaliswe kwiSebe iWCED kunye/okanye kwiSebe i-DSD, zazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kuzo zonke iipraktishina zeBakala eliphambi kweBakala R ezine-ECD Level 1, 4 no-5 ukwenzela ukuba ziyithathele ingqalelo, yaye ziqinisekise ukuba zinikwa ithuba lokuya kolu qeqesho lungayi kuphindwa lwangoJulayi 2018. |
ISAYINWE: NGU-T SINGH
IBAMBELA USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:04:20
|
|