1. Ukhuphiswano i-Science Schools Debates Competition yiprojekthi exhaswa ngemali yi-South African Agency for Science and Technology Advancement (SAASTA). Iinjongo eziphambili zokhuphiswano lweengxoxo (Debates Competition) zezi:

  • kukhuthaza abafundi bamaBakala 9 ukuya ku-11 baphengulule yaye bathethe ngemiba yezenzululwazi abathi baqubisane nayo kwiindawo abahlala kuzo, kumaphondo nakuzwelonke nokuba inzululwazi nethekhnoloji zinganako okanye zingangabinako njani na ukuyisombulula le miba;
  • kukuhanjiswa kwengcaciso yezenzululwazi (scientific information) kubafundi bezikolo eziphakamileyo ngendlela eyonwabisayo nangentsebenziswano ukwenzela ukukhuthaza umdla wabafundi; kunye
  • nokukhuthaza umdla wabafundi kumakhondo omsebenzi anxulumene nezenzululwazi, ezobunjineli nezethekhnoloji eMzantsi Afrika ukwenzela ukuba bakhuthalele ukufundela la makhondo omsebenzi.
2. Ukhuphiswano luvuleleke kubo bonke abafundi abenza i-Nzululwazi (Sciences) kumaBakala 9-11 kuzo zonke izikolo eziziisekondari neziphakamileyo ezikumanqanaba 1, 2, 3 no-4 entlupheko:

  • abanomdla wokuphuhlisa izakhono zophando (scientific research) ezokuzikisa ukucinga nezengcaciso yolwazi lokufunda nokubhala (information literacy skills),
  • babe ngabafundi abacinga ngokuphangaleleyo; kwakunye
  • nabavumayo ukusebenza ngamaqela ukuza nemiba emakuxoxwe ngayo esengqiqweni nenentsingiselo ecacileyo.
3. Umbutho i-SAASTA Schools Debates uvumela abafundi abaxoxayo basebenzisane yaye bafumane izisombululo ezamkelekileyo. Olunye uphawu olunomdla ziimbizo ezincinane (mini-imbizos) nabafundi apho abafundi banako ukusebenzisana bebonke yaye babelane ngezimvo ngethuba leengxoxo zamaqelana amancinci nangokusebenzisa amaqonga onxibelelwano (social media).

4. Ukungenela ukhuphiswano, izikolo:

  • mazikhethe abafundi abahlanu kumaBakala 9-11 benze iqela eliya kumela isikolo kukhuphiswano lweengxoxo;
  • mazikhethe umcebisi (ongutitshala ) omakaqeqeshe abafundi; yaye
  • mazithumele i-imeyili enamagama omcebisi (ongutitshala), inombolo yefoni negama lesikolo apha: debates@saasta.ac.za (Ifom yokungenela iqhotyoshelwe njengesiHlomelo 1).
5. Izikolo ezingenele ukhuphiswano ziya kumenywa zithathe inxaxheba kumasifundisane wezakhono oqhutywa ngoMgqibelo we-19 kuCanzibe 2018:

  • wokuxhobisa abafundi ngezakhono zonxibelelwano;
  • ukubakhuthaza bazithembe xa beveza izimvo zabo; kwakunye
  • nokuvuselela umdla phakathi kwabafundi wokuba bafunde izifundo zamakhondo ezenzululwazi, ezobunjineli nezethekhnoloji (science, engineering and technology (SET)) ngokwenza uphando nokuxoxa ngezihloko ezikumgangatho ophezulu.
6. Amaqela angenele ukhuphiswano alindeleke ukuba enze inkcazo yokuvula yemizuzu emibini nenkcazo yokuvala yemizuzu emibini esekelwe kwisihloko abaya kusinikwa kumasifundisane wephondo ngoMgqibelo we-19 kuCanzibe 2018. Iimanyuwali zeqeqesho nezengxoxo ziya kubonelelwa ngexesha likamasifundisane.

7. Izikolo ezigqwesileyo ezilishumi ezichongiweyo ngethuba loqeqesho, ziya kuthatha inxaxheba emva koko kukhuphiswano lweengxoxo lwephondo ngoMgqibelo we-26 kuCanzibe 2018 apho amaqela aya kukhuphisana phakathi kwawo. Olu khuphiswano luya kusingathwa ligqiza labagwebi bephondo.

8. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, kucetyiswa izikolo ukuba zindwendwele iziko lewebhu i-SAASTA Schools Debates Competition website apha www.saasta.ac.za.

9. Umhla omisiweyo wokuvala ukungenela ukhuphiswano nguLwesibini we-8 kuCanzibe 2018, ezinzulwini zobusuku.

10. Isikolo esiphumelelayo kukhuphiswano lweengxoxo zezikolo ezilishumi ezigqwesileyo kwiphondo, siya kumela iphondo kukhuphiswano lokugqibela lwabagqwesileyo ngoLwesihlanu we-05 KweyeDwarha 2018.

11. Umba ongundoqo kukuqatshelwa, ukulawulwa nokukhuthazwa kwetalente yezenzululwazi kwizikolo zethu.

12. ISebe iWCED ke ngoko licela izikolo ukuba zingenele abafundi abayithanda ngokumangalisayo inzululwazi abakumaBakala 9-11 kuKhuphiswano i-2018 National Natural Science Schools Debates Competition.

13. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
IBAMBELA USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:04:18

IsiHlomelo 1: "2018 SAASTA National Schools Debates entry form"  (ubukhulu: 249 KB)