1. Umhla wama-25 kuMeyi ukhunjulwa qho ngonyaka eMzantsi Afrika ngokubanzi "njengoSuku lwe-Afrika".

2. Injongo yokukhumbula uSuku lwe-Afrika kukubhiyozela umanyano lwe-Afrika nenkululeko yamazwe ase-Afrika kwiziphatha-mandla zobukoloniyali (colonial powers).

3. Esi sikhumbuzo siya kunika ithuba lokukhuthaza ukuba nolwazi nokuqonda ngeenkcubeko ezahlukeneyo, lo gama siqubisana nabona nobangela bobuhlanga kwizikolo zethu nakwiindawo zoluntu lwasekuhlaleni.

4. Kucelwa iinqununu nootitshala bafumane ixesha elifanelekileyo kwiveki yoSuku lwe-Afrika lokwazisa abafundi ngobaluleko lolu suku kubo bonke abemi.

5. Apha kuqhotyoshelwe ezi zihlomelo zilandelayo:

  • IsiHlomelo A: sokuncedisa kwimisebenzi yolu suku
  • IsiHlomelo B: zoMhobe weManyano ye-Afrika (AU)
6. UMhobe we-AU (AU Anthem) nekliphu yevidiyo ethi The Africa I Want video clip, ziyafumaneka yaye zinokukhutshelwa ngokunjalo kwiziko lewebhu leSebe leNtshona Koloni apha:
http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/index.php/component/jdownloads/category/2346-africa-day-2018?Itemid=-1

7. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane no-Bridget Tobin, oyi-DCES yeHistory, kule dilesi ye-imeyili: Bridget.Tobin@westerncape.gov.za okanye kule foni 021 467 2251.

8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane kwikomiti yolawulo yesikolo nakootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:05:08

IsiHlomelo A: "Activities"  (ubukhulu: 80 KB)
IsiHlomelo B: "African Union (AU) Anthem"  (ubukhulu: 30 KB)