1. URhulumente weNtshona Koloni wenze ukuba ukuncitshiswa komonakalo obangelwa butywala ezikolweni kwangumba obaluleke gqitha nongomnye weenkqubo ezizisa inguqu ezizii-game changers zakhe kwiphondo.
2. Umkhuba wokusela obangela ingxaki neziphumo zoko ezibi usasele ungowona mngeni uphambili gqitha kwezempilo, kwezentlalo nezoqoqosho kwiphondo; ingakumbi, intengiso enenjongo yokulukuhla nokulobela ulutsha lwethu kwiindlela zokuziphatha ezisa kwantshabalalo, kwindlela yokuziphatha engumngcipheko kwanendlela yokuziqonda egqwethekileyo (distorted sense of identity).
3. Esaxoxwayo iWestern Cape alcohol-related reduction policy: White Paper, engumgaqo-nkqubo owawupapashwe ngoAgasti 2017, ibhalelwe ukusombulula iziphumo zomonakalo onxulumene notywala kwaye yazisa ngokomelezwa kweenkqubo zongenelelo ngoncedo kwimfundo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) nokunika ulwazi olungokuncitshiswa komonakalo odalwa butywala kubantwana abaselula gqitha ngeminyaka (underage persons).
4. I-WCED ithembisa ngokwenza iphulo lokunika ulwazi ngeAlcohol Social Harms Reduction ikwenza oko isebenzisa isifundo soLwazi ngezoBomi kwinqanaba leBakala 11. Eli phulo linenjongo yokuchasa imiyalelo yentengiso elukuhlayo lize ngokwenjenjalo lazise ulutsha ngenkqubo yoshishino yotywala yokubahenda basebenzise iziveliso zalo.
5. Injongo yeli phulo kukomeleza iinzame zeWCED kwimfundo ukulondoloza indlela eyiyo yokuziqonda komfundi ubuqu (positive sense of self), impembelelo yalo eli phulo kubomi babafundi abayinxalenye yesikolo, kwezemfundo nezentlalo, lize kwangaxeshanye linike ulutsha ithuba lokuthathela ezandleni zalo ikamva elililo.
6. Ukuphumeza le njongo, isithili ngasinye siya kunikwa ithuba lokuqaqambisa/ukuveza inkohliso ebangelwa lishishini lotywala kwintengiso leyo ikhethiweyo ifumaneka kumaqonga amajelo onxibelelwano oluntu (social media platforms) nakwezinye iindawo.
7. Sikhuthaza izithili ukuba zibandakanye izikolo ekukhetheni naseku qulunqeni amaqela okuxhasana, azakukuba nabafundi abathandathu bebakala leshumi elinanye 11. Eli phulo lokuxhobisa ngolwazi liya kwenzeka kwiLife Orientation Youth Celebration Morning yangoMgqibelo, we-02 Juni 2018, apho iqela ngalinye lesithili ngasinye liya kubonisa/liya kwenza ingcaciso-ntetho (presentation) yalo. Oku kuya kwenziwa ukulungiselela iNyanga yoLutsha (ngoJuni 2018) nalapho iWCED inenjongo yokunika ithuba lokwandisa ulwazi olubaluleke gqitha ekufezekiseni iziphumo zemfundo ezihle kwiphondo.
8. Fumana apha kolu xwebhu luqhotyoshelweyo kushwankathelwe inkqubo neemfuno ezingummiselo zengcaciso-ntetho kunye nemiboniso yayo (Isihlomelo A).
9. Inkqubo kunye neemfuno zengcaciso-ntetho (presentation) zokuqulunqwa kwamaqela okuxhasana achaziwe kumqulu oqhotyoshelweyo (Isihlomelo B).
10. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:05:04

Isihlomelo A: "Guidelines to raise awareness in schools"  (ubukhulu: 25 KB)
Isihlomelo B: "Guidelines for district focus groups"  (ubukhulu: 43 KB)