1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (i-DBE) likhuphe iSetyhula E8 ka-2018 (eqhotyoshelweyo njengesiHlomelo A) engokuqaliswa kokufundwa koncwadi olumiselweyo (ngo-2018 ukuya ngo-2021) lweemviwo zeBakala 12 zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) kwisiLatini uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo (kwi-SAL).
2. I-Independent Examination Board (i-IEB) inoxanduva lokulawula uvavanyo lwesiLatini SAL egameni leDBE.
3. I-IEB sele iluthumele uluhlu loncwadi olumiselweyo lwesiLatini SAL kubo bonke ootitshala besifundo beBakala 12. Olu luhlu kwakhona lwalufakiwe kwiziko lewebhu ye-IEB ekupheleni konyaka ka-2017.
4. Kucelwa ujonge isiHlomelo A soluhlu loncwadi olumiselweyo kwisiLatini SAL ngo-2018 ukuya ku-2021.
5. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabafundi beelwimi beBakala 12 ukuqinisekisa ukuba kufundwa iincwadi ezichanekileyo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:04:24

IsiHlomelo A: "DBE Circular E8 of 2018"  (ubukhulu: 136 KB)