1. Izikolo zinikwe imvume yokuba zithathe abafundi bazo zibase kwimidlalo yeqonga yoncwadi olumiselwe ukufundwa e-Artscape Theatre Centre ngethuba leeyure zokufunda. Ukubakho kule midlalo yeqonga eleli hlobo, kuya kuthathwa njengohambo lwesikolo lokufunda (excursion).

2. Ezi ncwadi zoncwadi zilandelayo nezimiselwe ukufundwa ziya kudlalwa e-Artscape ngo-2018:

Ulwimi IBakala Itayitile Igama lombhali Imihla Ixesha
IsiNgesi uLwimi lweeNkobe 12 Hamlet William Shakespeare Nge-11 ukuya kwi-21 ku-Apreli 2018

Itikiti: R45,00

NgoMvulo ukuya kuLwesine ngo-11:00

NgoLwesihlanu – Ngo-11:00 & 19:00

NgoMgqibelo – 14: 00 & 19:00

Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe 12 Krismis van Map Jacobs Adam Small Nge-09 ukuya kwi-19 Meyi 2018

Itikiti: R45,00

NgoMvulo ukuya kuLwesine ngo–10:30 & 14:00

NgoLwesihlanu nangoMgqibelo ngo-10:30 & 19:00

IsiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo 12 My Children, My Africa Athol Fugard Nge-16 ukuya kwi-01 Juni 2018

Itikiti: R45,00

NgoMvulo ukuya kuLwesine ngo–11:00 & 15:00

NgoLwesihlanu Ngo11:00 & 19:30

ngoMgqibelo Ngo–19:30

isiXhosa uLwimi lweeNkobe 12 Buzani KuBawo WK Tamsanqa Nge-23 Meyi ukuya kwi-01 Juni 2018

Itikiti: R40,00

NgoMvulo ukuya kuLwesihlanu ngo–10:30 & 14:00

NgoMgqibelo ngo-10:30


3. Ukubhukisha, qhagamshelana naye nayo nayiphi na iComputicket okanye ne-dial-a-seat kule nombolo yefoni: 021 421 7695 ubhukishe phantsi kwegama lesikolo.

4. Ukuthengiswa kwamatikiti ukulungiselela ezi ncwadi zoncwadi zidweliswe apha ngentla, kuya kuvulwa ngolu hlobo lulandelayo:

  • Hamlet - NgoMvulo we-05 Februwari 2018 ngo-09:00

  • Krismis van Map Jacobs - NgoMvulo we-05 Matshi 2018 ngo-09:00

  • My Children, My Africa - NgoMvulo, we-05 Matshi 2018 ngo-09:00

  • Buzani KuBawo - NgoMvulo, we-05 Matshi 2018 ngo-09:00

Akukho mntu uya kuvunyelwa angene kwi-odithoriyam engenalo itikiti elisemthethweni.


5. Ukufumana nayiphi na ingcaciso engaphezulu okanye ukuba unemibuzo, uyacelwa uqhagamshelane no Mammie Qwazi apha: mammieq@artscape.co.za okanye kule nombolo yefoni: 021 410 9959 okanye no Whelan Maarman apha whelanm@artscape.co.za okanye kule nombolo yefoni: 021 410 9938.

6. Iinzuzo zoku kwezemfundo
6.1 Ukubakho kule midlalo yeqonga yeencwadi zoncwadi kuthathwa njengomsebenzi owandisa owokufundisa eklasini.
6.2 Abafundi baya kufumana ulwazi olungaphezulu ngezi ncwadi zimiselwe ukufundwa yaye oko kuya kuphucula indlela abaqhuba ngayo kwiimviwo zabo.
6.3 Abafundi baya kufumana ulwazi ngokuqhubeka kwilizwe langaphandle kunokuqhubeka esikolweni sabo nakwiindawo abahlala kuzo ezibangqongileyo.
6.4 Oku kuya kubanegalelo kumgangatho wobomi babafundi nakuphuhliso lwezakhono zabo.
6.5 Abafundi baya kufumana ulwazi ngezobugcisa nangokuqhubeka kwiziko lemidlalo yeqonga (theatre) njengekhondo lomsebenzi abanokulikhetha.

7. Bayakhuthazwa ootitshala beelwimi ukuba benze izicwangciso ezongezelelweyo zemisebenzi yemidlalo yeqonda yaphambi, yelo thuba lemidlalo neyasemva kwalo, ukulungiselela abafundi baphucule amava abo okufunda.

8. Bayakhuthazwa ngokunjalo nokuba benze konke okusemandleni abo, babathathe abafundi babo baye kubukela le midlalo yeqonga iqhubeka.

9. Izikolo ziya kufumana imbalelwano engaphezulu evela ngqo e-Artscape Theatre Centre.

10. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane ootitshala bazo zonke iiLwimi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:02:09