1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lenza izifundo ezisasazwa ngeqonga loqhagamshelwano eliyi-interactive telematics platform (izifundo zithiwa thaa (beamed) ngethekhinoloji yesathalayithi) ngoFebruwari ukuya kuNovemba 2018. |
2. |
Kwiminyaka embalwa edlulileyo ezi zifundo zazijoliswe ngokukodwa kubafundi beBakala 12, kungoko kumiselwe iziko ledatha elandisiweyo ukwenzela ukuquka izifundo ezithile ngokukodwa okuqulethwe liBakala 12. |
3. |
Abaviwa ababhala iiMviwo zokuXabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (iNSC) zingakufumana okuqulethwe liBakala 12 ngokuthenga izifundo zokuncedisa ezifumaneka kwiDVD ngexabiso elingephi ukusuka eWCED ngokufonela u-021 689 9536. |
4. |
Ugxininiso lwango-2018 luya kuba kumaBakala 10, 11 nele-12 (khangela umhlathi 7 olapha ngezantsi). |
5. |
Ukongeza kwiinkqubo ezisasazelwa abafundi, iiseshoni zophuhliso lootitshala ziya kwenzelwa ootitshala besiNgesi, abezeMbali, abeBusiness Studies kunye nabeMathematika. |
6. |
Ngenxa yokuba ithayimtheyibhile iquka inani lezifundo namabakala ahlukeneyo, kubalulekile ukuba ootitshala nabafundi balandele le thayimtheyibhile ngenkathalo enkulu. |
7. |
Kuya kwenziwa ezi zifundo zilandelayo:
- IsiNgesi FAL (iBakala 11 nele-12)
- IsiNgesi HL (iBakala 11 nele-12)
- IFizikhali Sayensi (iBakala 11 nele-12)
- IAkhawuntingi (iBakala 11 nele-12)
- IJografi (iBakala 12)
|
- IsiAfrikansi HL (iBakala 12)
- EzeMbali (iBakala 10 no-12)
- IiSayensi zoBomi (iBakala 10 nele-11)
- IBusiness Studies (iBakala 11 nele-12)
- IMathematika (iBakala 11 nele-12)
|
|
8. |
IsiHlomelo A esiqhotyoshelweyo apha sichaza ithayimthebhile yezifundo nezihloko. |
9. |
Izihloko zezifundo ziya kuprintwa kwiincwadana zabafundi eziya kunikwa umfundi ngamnye kwisifundo ngasinye kwezichaziweyo. |
10. |
Abeniki-ngcaciso (presenters) iya kuba ngootishala abakhokelayo (lead teachers) ngenxa yobungcali babo kwizifundo zabo. |
11. |
Ngenxa yokuba izifundo ziqhutywa apha evekini emva kweeyure zesikolo, kubalulekile ukuba iinqununu zixoxe ngamalungiselelo namabhunga olawulo azo kunye nabazali babafundi. |
12. |
Ukuya qho kwabafundi kwezi zifundo kuya kubekwa esweni qho nguNdlunkulu nangamagosa ezithili. |
13. |
Kuya kulindeleka iinqununu zinike ingxelo qho ngekota ngokuya kwabafundi kule nkqubo, kwakunye nempumelelo okanye ubunzima abadibene nabo kule nkqubo. |
14. |
Usasazo lwenziwa ngaxeshanye (simulcast) ngosasazo lwe-telematics oluthiwa thaa (beamed) kwakhona ngosasazo ngqo (live streaming). Oku kuyenzeka ngenxa yenkonzo ye-intanethi i-broadband kwizikolo zaseWCED. Izikolo ezingenayo ithekhinoloji yesathalayithi kodwa ezikwaziyo ukungena kwinkonzo ye-intanethi i-broadband ziyakhuthazwa zisebenzise le program yasimahla negqwesileyo. Ezi nkqubo zosasazo neemathiriyeli ezinxulumene nazo zingafumaneka apha https://wcedonline.westerncape.gov.za/documents/telematics/telematics.html. Izikolo ezinqwenela ukufumana ezi zifundo zisasazwa ngqo mazibhalise ngokuzalisa ifom kaGoogle apha https://goo.gl/forms/027fKIZJRltwlUoq1 phambi kwe-31 Januwari 2018. |
16. |
Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala abachaphazelekayo, abafundi bamaBakala 10, 11 no-12 kwanabazali okanye abagcini babo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-H. MAHOMED
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:01:26
|
 |