1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lilungise incwadana u-Tips for Success ukulungiselela umfundi ngamnye waseNtshona Koloni ka-2018 weSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ukubanceda ekulungiseleleni iimviwo zabo. Le ncwadana inika iingcebiso ngokufunda, iingcebiso ngeemviwo, iinkcukacha ngeebhasari, iingcebiso ngokuphumelela kwanenye ingcaciso eluncedo.
2. Le ncwadana mayinikwe umfundi ngamnye weBakala 12 kwikota yokuqala ka-2018.
3. Ukongeza kwiincwadana eziya kubafundi, kuya kufakwa iincwadi ezongezelelweyo kwisikolo ngasinye kutitshala ngamnye weBakala 12. Ezi ncwadana ziya kusiwa ngamagosa ezithili kuzo zonke izikolo eziphakamileyo.
4. Ukuba kuthe kanti inani leencwadana ezisiwe esikolweni alichanekanga, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili sakho. Iincwadana ezingaphezu kwemfuneko mazibuyiselwe kwi-ofisi yesithili.
5. Ukwenzela ukuba ezi ncwadana zibe nesiphumo esinqwenelekayo sokuncedisa abafundi ngamalungiselelo eemviwo zabo, kucetyiswa ngamandla ukuba ootitshala mabaxoxe ngokuqulethwe yile ncwadana neeklasi zabo zeBakala 12 kwaye bakhuthazwe abafundi ukuba bayifunde.
6. Amaphepha emibuzo eemviwo zeNSC ezidlulileyo neememorandam zokumakisha zingafumaneka apha https://wcedonline.westerncape.gov.za/documents/Matric/matric-n/index.html
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:01:19