1. ISebe leMfundo esiSiseko (iDBE) lakhupha iSetyhula S14 ka-2017 (iqhotyoshelwe njengesiHlomelo A), emalunga noNcwadi oluzimiselwe ukufundwa kuzo zonke iilwimi zasebuRhulumenteni kwinqanaba loLwimi lweeNkobe, kweloLwimi lokuQala nolwesiBini oloNgezelelweyo kwiimviwo eziya kubhalwa Oktobha/Novemba 2018 no Meyi/Juni 2019.
2. Ngo-2017, iSebe leMfundo esiSiseko (iSebe iDBE) laqalisa iincwadi zoncwadi ezintsha ngokwekhathalogu yoncwadi eyakhutshwa ngo-2015. Ngenxa yokungabikho kwemathiriyeli yazo zonke iindidi zoncwadi (genres) nakuzo zonke iilwimi, iSebe iDBE, kwiSetyhula E39 ka-2016, lacacisa inkqubo yokuqaliswa koku emayilandelwe ebhekiselele ekugqityweni kwekhathalogu yokugqibela ngo-2017.
3. Bekucingelwa ukuba inokugqitywa le nkqubo yokuvavanya imathiriyeli yoncwadi entsha nokuba kube nokuqaliswa ngeseti epheleleyo entsha yeencwadi zoncwadi ukususela ngo-2018 kuzo zonke iilwimi zaseburhulumenteni. Kodwa nakuba kwenziwe iinkqubo zovavanyo ezahluka-hlukeneyo, kusekho izikhewu ezithile ezikhoyo kule nkqubo.
4. Ngenxa yoku kucacaiswe ngentla apha, iSebe iDBE liyalela ukuba mayihlale injalo ingatsintshwa inkqubo ecaciswe kwiSetyhula E39 ka-2016 (iqhotyoshelwe njengesiHlolmelo B).
5. ISebe iDBE aliyi kumisela zincwadi zoncwadi zintsha zango-2018 ukulungiselela iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ngo-Oktobha/Novemba 2018 nangoMeyi/Juni 2019. Kucingeleka ukuba iya kukhutshwa ngo-2018 ikhathalogu yokugqibela ukulungiselela ukuqaliswa kwayo ngo-2019.
6. Le nkqubo iya kusebenza kubafundi ababhala iimviwo zeNSC ngo-Oktobha/Novemba ngo-2018 nakwabo babhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki ngoMeyi/Juni 2019.
7. Ziyacelwa izikolo ziqhubeke ukusebenzisa iincwadi zoncwadi ezimiselwe ukufundwa njengoko kucaciswe kwiSetyhula E39 ka-2016.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:01:19

IsiHlolmelo A: "Circular S14 of 2017"  (ubukhulu: 59 KB)
IsiHlolmelo B: "Circular E39 of 2016"  (ubukhulu: 1 811 KB)