1. ISebe leMfundo esiSiseko (iSebe iDBE) lakhupha iSetyhula E32 ka-2017 (iqhotyoshelwe njengesiHlomelo A), emalunga neencwadi zoncwadi ezimiselwe ukufundwa kuzo zonke iilwimi zaseburhulumenteni kwinqanaba loLwimi lweeNkobe, kweloLwimi lokuQala nolwesiBini oloNgezelelweyo kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki (SC) eziya kubhalwa ngoMeyi/Juni 2018.
2. ISetyhula E32 ka-2017 ilandela iSetyhula E35 ka-2017, ecacisa ukuba amaphepha emibuzo oncwadi e-SC zangoMeyi/Juni kuzo zonke iilwimi, aya kususelwa kwiincwadi zoncwadi ezintsha ezimiselwe ukufundwa.
3. Nakuba kunjalo, iSebe iDBE lifumanise ukuba ayingabo bonke abaviwa abaya kubhala iimviwo zeSC zangoMeyi/Juni ngo-2018 abaya kuba bekulungele ukubhala amaphepha emibuzo oncwadi auselwa kuncwadi olutsha olumiselwe ukufundwa.
4. Ngenxa yoku kucaciswe ngentla apha, iSebe iDBE lithathe isigqibo sokuseta amaphepha emibuzo oncwadi eemviwo zeSatifikethi seMatriki (SC) zango-Meyi/Juni 2018 kumanqanaba oLwimi lweeNkobe, awoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo noLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo kuncwadi oludala olumiselwe ukufundwa (old prescribed literature), njengoko ludwelisiwe kwiSetyhula E27 ka-2014, noncwadi olutsha olumiselwe ukufundwa olutsha njengoko ludweliswe kwiSetyhula E35 ka-2017.
5. Amaphepha emibuzo oncwadi kuzo zonke iilwimi zaseburhulumenteni, kumanqanaba oLwimi lweeNkobe, awoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo nawoLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo, aya kuvumela bonke abaviwa bayizame imibuzo kuncwadi olumiselwe ukufundwa oludweliswe kwiisetyhula zombini ezikhankanywe kumhlathi 4, naquka uncwadi olumiselwe ukufundwa olutsha noludala.
6. Lo mnyinyiva uya kusebenza kuphela kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki (SC) zangoMeyi/Juni ngo-2018.
7. Ukunenzela lula, apha kuqhotyoshelwe iSetyhula E27 ka-2014 neSetyhula E35 ka-2017, eziqulethe iilisti ezintsha nezindala zoncwadi olumiselwe ukufundwa njengesiHlomelo B no-C ngokulandelelanayo.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:01:19

IsiHlomelo A: "Circular E32 of 2017"  (ubukhulu: 164 KB)
IsiHlomelo B: "Circular E27 of 2014"  (ubukhulu: 526 KB)
IsiHlomelo C: "Circular E35 of 2017"  (ubukhulu: 6 424 KB)