1. ISebe leMfundo esiSiseko kazwelonke (DBE) likhuphe iSetyhula E34 ka-2018 (eqhotyoshelweyo njengesiHlomelo A) ephathelele ekuqalisweni kokufundwa koncwadi olumiselweyo lwazo zonke iilwimi zaseburhulumenteni kumanqanaba oLwimi lweeNkobe, oloKuqala noLwesibini oloNgezelelweyo kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) eziya kubhalwa ngoNovemba 2019 nangoJuni 2020.
2. Amaphepha emibuzo yoncwadi lweBakala 12 azo zonke iilwimi zaseburhulumenteni kwiimviwo zangoNovemba 2019 nezeNSC ngoJuni 2020 aya kusekelwa kuphela kuncwadi olwalumiselwe iimviwo zangoNovemba 2018 nezangoJuni 2019.
3. Ngoko ke, makuqatshelwe ukuba uluhlu loncwadi olumiselweyo lweemviwo zangoNovemba 2019 nezangoJuni 2020 lunye ngokweSetyhula E39 yeDBE yango-2016 (eqhotyoshelweyo njengesiHlomelo B) neSetyhula E19 yeDBE ka-2018 (eqhotyoshelweyo njengesiHlomelo C).
4. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane onke amaziko nabaviwa abaza kuhlalela iimviwo zangoNovemba 2019 nezangoJuni 2020 zeNSC ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:12:18

IsiHlomelo A: "DBE Circular E34 of 2018"  (ubukhulu: 64 KB)
IsiHlomelo B: "DBE Circular E39 of 2016"  (ubukhulu: 771 KB)
IsiHlomelo C: "DBE Circular E19 of 2018"  (ubukhulu: 1 326 KB)