1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni lilungise incwadana u-Tips for Success ukulungiselela umviwa ngamnye waseNtshona Koloni ka-2019 weSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ukubanceda ngamalungiselelo eemviwo zabo. Le ncwadana inika iingcebiso ngokufunda, iingcebiso ngeemviwo, iinkcukacha ngeebhasari, iingcebiso zokuphumelela kwanenye ingcaciso eluncedo. |
2. |
Le ncwadana mayinikwe umviwa ngamnye weBakala 12 kwikota yokuqala ka-2019. |
3. |
Ukongeza kwiincwadana eziya kubafundi, kuya kufakwa iincwadi ezongezelelweyo kwisikolo ngasinye kutitshala ngamnye weBakala 12. Ezi ncwadana ziya kusiwa ngamagosa ezithili kuzo zonke izikolo eziphakamileyo ungadlulanga owe-31 Januwari 2019. |
4. |
Ukuba kuthe kanti inani leencwadana ezisiwe esikolweni alichanekanga, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili sakho. Iincwadana ezingaphezu kwemfuneko mazibuyiselwe kwi-ofisi yesithili. |
5. |
Ukwenzela ukuba ezi ncwadana zibe nesiphumo esinqwenelekayo ekuncediseni abaviwa kumalungiselelo eemviwo zabo, kucetyiswa ngamandla ukuba ootitshala mabaxoxe ngokuqulethwe yile ncwadana neeklasi zabo zeBakala 12 yaye bakhuthazwe abaviwa ukuba bayifunde. |
7. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:12:18
|
|