1. IGunya leCandelo lezeMali loKuziphatha (Financial Sector Conduct Authority) (FSCA), libambisene neSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), licela izikolo ukuba mazingenele ukhuphiswano i-2018 Interprovincial Financial Literacy Speech competition.

2. Ukhuphiswano ngentetho ecwangcisiweyo lunika ubuncinane abafundi beBakala 11 abenza esinye sezifundo ze-Business, i-Commerce kunye ne-Management (BCM), o.k.t. i-Accounting, i-Business Studies kunye/okanye i-Economics, ithuba lokuba bathathe inxaxheba.

3. Abathathi-nxaxheba mabenze ingcaciso-ntetho yemizuzu emihlanu ngenye yezihloko ezahlukeneyo ezibhekisele kulwazi lwemali njengoko kuchaziweyo kumgaqo-sikhokelo wokhuphiswano i-2018 Speech competition framework isiHlomelo A (umhlathi 10). Ngokwenza uphando nokucwangcisa kwabo ingcaciso-ntetho baya komeleza izakhono zolwazi lwemali (financial literacy skills) zabo. Abafundi mabalinikwe ithuba lokwenza intetho yabo ingolwimi lwesiNgesi.

4. Olu khuphiswano luya kuqhutywa ngokwemijikelo emine ebhalwe kwimihla esikiweyo echaziweyo kumjikelo ngamnye, o.k.t.

  • Umjikelo wokuqala (esikolweni) - uya kuzaliswa ungadlulanga owe-10 Agasti 2018
  • Umjikelo wesibini (kwisithili) - uya kuzaliswa ungadlulanga owe-31 Agasti 2018
  • Umjikelo wesithathu (kwiphondo) - uya kuzaliswa ungadlulanga owe-28 Septemba 2018
  • Umjikelo wesine (phakathi kwamaphondo ngamaphondo) - ucwangciselwe owe-12 Oktobha 2018

Kucelwa ufunde isiHlomelo A (imihlathi 5 no-15) ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu.


5. Amabhaso:

  • Amabhaso ayimali alungiselelwe abathathu abaphumelele emagqabini phakathi kwamaphondo ngamaphondo kunye nabaphumeleleyo kwiphondo ngamabhaso alutyalo-mali yaye akusayi kuhlawulwa ngemali. Utyalo-mali nengcebiso ngezocwangciso-mali ziya kunikwa liziko i-Financial Planning Institute of Southern Africa (FPI).
  • Abathathu abaphumelele emagqabini kumaphondo ngamaphondo nabaphumeleleyo bephondo baya kufumana umntu ngamnye amabhaso axabisa R20 000, R10 000 kunye ne-R5 000 ngokulandelelanayo.
  • Bonke abakhiqiweyo kwiphondo baya kufumana ithablethi enoqhagamshelwaniso lwe-intanethi, isim car ne-once-off 500 MB data bundle.
  • Abathathi-nxaxheba bezithili baya kufumana iziqinisekiso zokuthatha inxaxheba neengxowa ezinezinto-yinto (goody bags). Abathathi-nxaxheba abaphumelele emagqabini baya kufumana iimbasa yaye bathathe inxaxheba kumjikelo wephondo.
  • Mnye utitshala wabaphumelele emagqabini kwabakhiqiweyo bephondo abathathu oya kufumana ngamnye isiqinisekiso sokuthatha inxaxheba kunye nevawutsha ye-R1 000.
  • Isikolo esisingethe ukhuphiswano lokukhiqana lephondo siya kufumana isiqinisekiso sokuthakazelelwa kwakunye nevawutsha yesipho eyi-R2 000.

Funda isiHlomelo A (umhlathi 9) ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu malunga namabhaso.


6. Izihloko zokhuphiswano lwentetho neenkcazo kunye nemithetho-siseko ekhokelayo ikhankanyiwe kwisiHlomelo A (umhlathi 10). Zezi:

  • Being money wise is LIT!
  • With a little help from my friend, the financial planner ...
  • Working for myself, that's what I want to do.
7. Irubrikhi, efakiweyo kwisiHlomelo A, iya kusebenza njengesikhokelo sokugweba nemayiqwalaselwe xa kusenziwa amalungiselelo entetho nokwenziwa kwayo.

8. Imibuzo yokhuphiswano ngentetho mayithunyelwe kubacebisi ngezifundo zeBCM zezithili.

9. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 11 bezifundo zeAccounting, Business Studies abe-Economics ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:07:16

"IsiHlomelo A"  (ubukhulu: 145 KB)