1. I-National Heritage Council (NHC) of South Africa, igqibe ekubeni, njengomsebenzi oluxanduva lwayo, ifake igalelo ekufundiseni isizwe ngenkcubeko elilifa lethu. Enye yeeprojekthi efuna ukubandakanya abafundi abaselula ezikolweni yi-Heritage Education Schools Outreach Programme (HESOP).

2. Le program iyinxalenye yephulo eliqhubeka okokoko likazwelonke (iDBE) lokukhuthaza bonke abafundi babe nolwazi ngenkcubeko elilifa lethu yaseMzantsi Afrika neyantlukwano, yaye lithuba kubafundi lokuphucula izakhono zophando ezibaluleke gqitha.

3. Ukhuphiswano lweNkcubeko eliLifa lethu luya kuba yinxalenye yegalelo leDBE lokuphucula ukufunda nokufundiswa kwezeMbali nezoKhenketho ezikolweni.

4. Olu khuphiswano luvuleleke kubo bonke abafundi beBakala 8 ukuya kwele-11. Amaqela makabe nabafundi abane kwaye kucetyiswa izikolo ziyiqwalasele imiba yezesini. Yonke imisebenzi ebhalwayo neengcaciso-ntetho mazibe ngesiNgesi.

5. Olu khuphiswano lwenzeka kumanqanaba amabini:
5.1 Kwinqanaba lephondo nelikazwelonke. Izikolo ezinqwenela ukuthatha inxaxheba mazizalise zize zibuyisele ifom yobhaliso eqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) ne-nephothifoliyo yobungqina kumcebisi ngezihloko zeMbali nezoKhenketho kwisithili, ungadlulanga uLwesithathu, we-01 Agasti 2018.

Ukhuphiswano lwephondo luya kubanjwa ngoMgqibelo, we-01 Septemba 2018. Kuya kukhethwa iqela lesikolo libe linye ukumela iNtshona Koloni kukhuphiswano lukazwelonke. Indawo ekuya kuqhubekela kuyo ukhuphiswano iya kuqinisekiswa kuzo zonke izikolo ezithatha inxaxheba ngokuqala kugqithwe kubacebisi ngezihloko zeMbali nezoKhenketho. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kuzihlawula ngokwalo zonke iindleko zeehambo ukuya nokubuya kukhuphiswano lwephondo.

5.2 Ukhuphiswano lukazwelonke luya kubanjwa ukususela nge-01 ukuya nge-05 Oktobha 2018.

6. Umxholo ka-2018 uthi, Imibhiyozo yeMinyaka eLikhulu kaNelson Mandela.

7. Isicwangciso solu khuphiswano
7.1 Abafundi kulindeleke benze uphando kwizihloko ezithathu (isiHlomelo B). Uphando olwenziweyo malukhatshwe ludliwano-ndlebe (ikhweshine, iishedyuli zodliwano-ndlebe, iitranskripthi nokurekhodwayo kodliwano-ndlebe, ii-apreyizali zokuziphatha ngentsulungeko (ethical considerations) kunye nemifanekiso.
7.2 Ingxelo yophando, kuqukwa nemifanekiso nebhibliyografi mazibe namaphepha ayi-10-12 ubude. Iphepha malibe kwi-font size 12, kwi-Arial style, kunye naku-1,5 spacing. Iphepha lophando maliquke (a) isicatshulwa, (b) ingxoxo engundoqo (iingxoxo ezingundoqo) okanye isiqu, (c) iingcebiso), (d) isiqukumbelo kunye (e) nebhibliyografi okanye uluhlu lweencwadi ezisetyenzisiweyo.
7.3 Amaqela aya kwenza inkcazo-ntetho yomlomo (oral presentation) yemizuzu eyi-20 esebenzisa uPowerPoint, nemizuzu emihlanu engaphezulu yemibuzo esuka kwiphaneli yabagwebi.
7.4 Makungeniswe iphothifoliyo yobungqina nemakufakwe kuyo izinto ezidwelisiweyo kwimihlathi 7.1, 7.2 no-7.3. Iphothifoliyo yobungqina ibe no-(a) isalathisi, (b) itheyibhile yeziqulatho kunye no-(c) ibhibliyografi.

8. Inkqubo yokugweba iingcaciso-ntetho

Iikhrayitheriya zokuphonononga eziya kusetyenziswa ukugweba iingcaciso-ntetho zamanqanaba omabini, elephondo nelikazwelonke, ziyafumaneka kwisiHlomelo C.


9. Ukufumana enye ingcaciso, kucelwa uqhagamshelane noBridget Tobin (kwezeMbali) kwifoni 021 467 2251; uyithumele ngedilesi ye-imeyili apha Bridget.Tobin@westerncape.gov.za. Okanye noRodney Johnson (nezoKhenketho) kwifoni 021 467 2173; uyithumele ngedilesi ye-imeyili apha Rodney.Johnson@westerncape.gov.za.

10. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo lwesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:07:04

IsiHlomelo A: "The heritage education outreach programme"  (ubukhulu: 41 KB)
IsiHlomelo B: "Heritage competition topics"  (ubukhulu: 62 KB)
IsiHlomelo C: "Heritage education outreach programme - DBE and NHC"  (ubukhulu: 37 KB)