1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lenze iNcwadana yeeNgcebiso ngoViwo lweBakala 12 (Examination Techniques Booklet) enenjongo yokuxhasa abafundi beBakala 12 ekubhaleni iimviwo. Le ncwadana inika esi sikhokelo silandelayo kwisifundo ngasinye:

  • Iingcebiso ngokubanzi zokuphendula imibuzo yoviwo
  • Isikhokelo sendlela yokujongana noviwo
  • Iinkcazo ngezenzi ezinika imiyalelo ezixhaphakileyo ukusetyenziswa.
2. Le ncwadana kwakhona iquka isihlomelo apho izenzi ezinika imiyalelo ezixhaphakileyo ziye zaguqulwa zafumana ukucaciswa ngesiXhosa.

3. IKapi yekhompyutha yale ncwadana iyafumaneka kwiWCED ePortal ukuba uzikhuphelele.

Incwadana yesiNgesi: http://wcedeportal.co.za/eresource/72441
Incwadana yeAfrikaans: http://wcedeportal.co.za/eresource/72446


4. Izikolo ziya kufumana iikopi zibe mbini zale ncwadana. Kukhuthazwa iinqununu zisasaze okukule ncwadana kwiintloko zamacandelo ezifundo ezichaphazelekayo kwaye zigcine enye incwadana njengokufundwayo okugciniweyo (backup resource).

5. Ukuba unayo nayiphi imibuzo ngeli phulo, kucelwa ukhululeke uqhagamshelane noGqr GR Schreuder kwifoni 021 467 2630 okanye uyithumele nge-imeyili apha Glynis.Schreuder@westerncape.gov.za.

6. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abaziintloko zesifundo nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:05:30