1. I-Ofisi kaNondyebo wePhondo leNtshona Koloni (Western Cape Provincial Treasury), isebenzisana no-Nedbank kunye neSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), icela izikolo ukuba zingenele ukhuphiswano lokubhala isincoko, olubizwa i-Western Cape Essay Writing Bursary Competition lwango-2018/2019.

2. Olu khuphiswano lweebhasari lunika abafundi beBakala 11 eNtshona Koloni, abenza izifundo ezidibanisa i-Economics, i-Mathematics ne-Accounting, ithuba lokufumana iibhasari nezinye izipho eziyinkuthazo (incentives) zokuba baqhubele phambili ngezifundo zabo kula macandelo ezifundo eyunivesithi.

3. Iya kuba ziibhasari ezilishumi elinambini (12) ezona zininzi, kwakunye nebhaso lemali eyinkxaso ngethuba lonyaka wabo weBakala 12, eziya kunikwa abafundi abanenjongo yokufumana isidanga kwi-Economics (umz. B.Com (Economics)), kwi-Accounting (umz. B.Acc, B.Compt), kwi-Commerce (umz. B.Bus.Sc) okanye kwi-Mathematics kwiyunivesithi elapha eNtshona Koloni.

4. Iibhasari zezabafundi beBakala 11 abaye bagqwesa (ngo-60% elona nqanaba lokupasa lisezantsi) ubuncinane kwezi zifundo zibini kwezi, i-Economics, i-Mathematics ne-Accounting nabakufaneleyo ukungena eyunivesithi ngo-2020. Abangenela ukhuphiswano mababe ngabemi baseMzantsi Afrika, abahlala eNtshona Koloni, abanobuchule bokuthetha nokubhala isiNgesi.

5. Amabhaso ootitshala babafundi abaphumeleleyo:

  • Ibhaso eliyimali elinikwa utitshala ngamnye wabafundi abangenele ukhuphiswano baza baphumelela kwindawo yokuqala, kweyesibini, nakweyesithathu
  • Amabhaso ayimali anikwa ootitshala babafundi ngabafundi bakhe abathe banikwa ibhasari.
6. Kuya kucelwa iinqununu zezikolo zinike amagama ootitshala abachaphazelekayo.

7. Injongo yolu khuphiswano lwebhasari:

  • kukukhuthaza umdla kwi-Economics, kwiMathematics nakwi-Accounting namathuba amakhondo emisebenzi anokuthi abekho;
  • kukuphuhlisa ulwazi nezakhono kwi-Economics, kwi-Mathematics nakwi-Accounting;
  • kukuphuhlisa izakhono zokukwazi ukusombulula iingxaki nokukwazi ukucazulula idatha;
  • kukunika abafundi amathuba okufumana ulwazi ngeendlela zokwenza uphando (research methodology) nezakhono zokubhala izincoko;
  • kukunika abafundi amathuba okukwazi ukufikelela kwilizwe lempangelo nokukwazi ukuqhagamshelana nalo;
  • kukwenza abantu babe nolwazi ngemiba yezentlalo noqoqosho eMzantsi Afrika.
  • nokuphuhlisa iinkokeli zangomso kumacandelo ezifundo ze-Economics, zeMathematics neze-Accounting; kunye
  • nokukukhuthaza nokuwonga umsebenzi ogqwesileyo.
8. Ixesha elisikelwe olu khuphiswano lokuzuza ibhasari liqala ngoMatshi 2018 ukuya kutsho ngoMatshi 2019.

9. Kucelwa ukuba ufunde ezi zihlomelo ziqhotyoshelweyo eziqulathe ulwazi olumalunga noku kulandelayo:

  • Isihlomelo A :Ingcaciso ebalulekileyo eyongezelelweyo
  • Isihlomelo B :Isihloko sesincoko (esinikwe kuphela ngesiNgesi) nerubrikhi yovavanyo
  • Isihlomelo C :Ifomu yokungenela
  • Isihlomelo D :Isikhokelo sokubhalwa kwesincoko esisemgangathweni
10. Kufuneka izikolo zikhethe abafundi abaqhuba kakuhle kwizifundo zabo ukuba bathathe inxaxheba kolu khuphiswano. Baya kucelwa ukuba babhale isincoko esinamagama amalunga nayi-2 200. Abanye abafundi be-Economics kwiBakala 11 banokubhala isincoko kwangesi sihloko sinye esinamagama ayi-600 awona maninzi, amanqaku esincoko eso ayakubalelwa njenge nxalenye yeProjekti yophando lomsebenzi woHlolo oluSesikweni.

11. Ikomiti yootitshala esikolweni iya kusebenzisa irubrikhi yovavanyo enikiweyo ukukhetha abafundi ababini abagqwesileyo abayizalisekisayo eyona mfuno isezantsi imiselweyo engu-60% (isincoko neenkcazo-ntetho zomlomo) (oral presentations) zidibene)) ukuze bakwazi ukudlulela kumjikelo olandelayo wolu khuphiswano. Izincoko neemakhishithi zabo bafundi bagqwesileyo babini kunye nabo bonke abanye abafundi abaphumelele ngaphezu ko-60% mazingeniswe kwi-ofisi yesithili ukwenzela uvavanyo kwinqanaba lesithili ungadlulanga owe-07 Septemba 2018.

12. Iphaneli yovavanyo kwisithili ngasinye iya kuvavanya izincoko ezifanelekileyo ezivela kwizikolo ize ikhethe abagqwesileyo bokugqibela. Izincoko ezilishumi ezigqwesileyo kwisithili ngasinye ziya kukhethwa yile phaneli zize zithunyelwe kwinqanaba lephondo ungadlulanga owe-21 Septemba 2018.

13. Ezona zincoko zigqwesileyo ezingamashumi amabini anesithandathu (26), ziya kukhethwa yiphaneli ekhetha abokugqibela abagqwesileyo neya kwenziwa ngabameli bakwaNedbank, abe-Ofisi kaNondyebo wePhondo leNtshona Koloni nabeSebe iWCED.

14. Bangamashumi amabini anesithandathu (26), abona baninzi, abangene kumjikelo wokugqibela abaya kucelwa ukuba beze kukhetho lokugqibela eKapa ngoMatshi/Apreli 2019 - ngoLwesihlanu emva kwemini nangentsasa yangoMgqibelo. Baya kucelwa ukuba benze inkcazo-ntetho yomlomo (oral presentation) ngeziphumo zophando lwabo nokuba baphendule imibuzo eya kubuzwa yiphaneli yokhetho. Ootitshala be-Economics babo bagqwesileyo bokugqibela, baya kucelwa ukuba bahambe kunye nabo. Amalungu ephaneli yesithili semfundo aya kucelwa ukuba aye kwitheko lamabhaso ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

15. Imibuzo malunga nokubhalwa nokumakishwa kwesincoko, mayibhekiswe ngqo kubacebisi bezifundo be-Economics kwizithili zemfundo.

16. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 11 bezifundo ze-Economics, Mathematics, Accounting, English ne-Life Orientation ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:05:08

Isihlomelo A: Ingcaciso ebalulekileyo eyongezelelweyo  (ubukhulu: 36 KB)
Isihlomelo B: "Essay topic"  (ubukhulu: 97 KB)
Isihlomelo C: "Entry form"  (ubukhulu: 109 KB)
Isihlomelo D: "Guidelines"  (ubukhulu: 104 KB)