1. UMsebenzi woVavanyo okuMgangatho ofanayo(Common Assessment Task (CAT)) weSifundo soLwazi ngezoBomi (LO) uya kubhalwa nge-03 Septemba 2018 ngokweNgcaciso eMfutshane yeCandelo loVavanyo 0008/2018.

2. Iingxoxo ngesikhokelo sokumakishwa kwe-CAT ye-LO
2.1 Iintlanganiso zeengxoxo ngesikhokelo sokumakisha zezithili ziya kuqhubeka ukususela ngowe-11 ukuya kowe-13 Septemba 2018. Izikolo ziya kufumana isikhokelo sokumakisha sokugqibela kwintlanganiso yeengxoxo zesikhokelo sokumakisha yesithili.
2.2 Kunyanzekile ukuba ibe ngutitshala weSifundo soLwazi ngezoBomi (LO) omnye kwisikolo ngasinye ubuncinane omakabekho kwiintlanganiso zeengxoxo ngesikhokelo sokumakisha.
2.3 Iincwadi zeempendulo zinokukhutshwa kwigumbi elinqatyisiweyo kuphela emva kokugqitywa kwentlanganiso zesikhokelo sokumakisha zesithili.

3. Ukumakishwa nokumodareyithwa kwangaphakathi kwe-CAT ye-LO
3.1 Ukumakishwa kwe-CAT ye-LO makuqhutyelwe esikolweni phantsi kweliso lenqununu notitshala oneqhuzu okanye nentloko yesifundo ebambele njengemodareyitha yangaphakathi.
3.2 Inkqubo yokumakisha ezikolweni iqala nge-14 Septemba 2018 yaye mayigqitywe ungadlulanga owe-21 Septemba2018.
3.3 Apho kukho ngaphezu kotitshala omnye ofundisa i-LO esikolweni, iinqununu zimele ukuqinisekisa ukuba ootitshala abazimakishi iincwadi zeempendulo zabafundi ababafundisayo.
3.4 Ubuncinane ziipesenti ezilishumi zeencwadi zeempendulo ezimakishiweyo emazi modareyithwe ngutitshala oneqhuzu okanye yintloko yesifundo.

4. Ukumodareyithwa kweempendulo zabafundi kwiphondo nakwisithili
4.1 UMcebisi weSifundo se-LO makamodareyithe isampula yeencwadi zeempendulo kwizikolo ezikhethiweyo. Oku kumodareyithwa kuya kuqhubeka ukususela nge-25 ukuya kwi-28 Septemba 2018.
4.2 Ukumodareyithwa kwe-CAT ye-LO kwiphondo kuya kuqhutywa ukususela kwi-01 ukuya kwi-03 Oktobha 2018.

5. Abafundi abangekhoyoesikolweni ngowe-03 Septemba 2018
5.1 Makugcinwe irekhodi echanekileyo yabo bonke abafundi abangayibhaliyo i-CAT ye-LO ngowe-03 Septemba 2018.
5.2 Abafundi abangayibhaliyo i-CAT ye-LO nge-03 Septemba 2018 ngenxa yesizathu esiphathekayo, baya kuvunyelwa ukuba bayibhale i-CAT ye-LO yokuxabangela ecwangciselwe ukubhalwa ngowe-10 Oktobha 2018 ukususela ngo-09:00 ukuya ku-11:00.
5.3 Kule meko, kubandakanywa oku kulandelayo "njengezizathu eziphathekayo":

  1. ukugula, okuxhaswa sisatifikethi sokugula esisemthethweni, esikhutshwe ligosa lezonyango elibhalisiweyo (registered medicalpractitioner);
  2. izizathu eziphenjelelwa luvelwano lobuntu ezibandakanya ukusweleka kwelungu losapho elisondeleyo kumfundi ezixhaswa yikopi yesatifikethi sokusweleka;
  3. umfundi oya kuvela enkundleni yamatyala, yaye oko makuxhaswe bubungqina obubhaliweyo;
  4. nasiphi na esinye isizathu esinokwamkelwa njengesizathu esisemthethweni yintloko yequmrhu lovavanyo okanye ngummeli wayo.
5.4 Ubungqina obungamaxwebhu aphathelele kuzo naziphi na izizathu ezisemthethweni kwezi zingentla makagcinwe efayilini esikolweni yaye makenziwe afumaneke kwaNdlunkulu okanye kwisithili xa eceliwe.

6. Ukulawulwa kokubhalwa kwe-CAT ye-LO yokuxabangela
6.1 Ziyacelwa iinqununu zenze amalungiselelo ayimfuneko okuqhutywa kolu vavanyo yaye maziqinisekise ukuba izikolo zazo ziyayithobela yonke imiqathango nemigaqo emalunga neemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)).
6.2 Amaphepha emibuzo e-CAT ye-LO yokuxabangela aya kunikwa kuphela izikolo ezibaxelileyo abafundi abangekhoyo nge-03 Septemba 2018. Amaphepha emibuzo okuxabangela aya kunikwa izikolo phambi okanye ngowe-10 Oktobha 2018.
6.3 Nayiphi na imibuzo emalunga nokubhalwa kwe-CAT ye-LO mayibheksiwe ku-Mnu Christiaan Klopper nge-imeyili apha: Christiaan.Klopper@westerncape.gov.za okanye ngefoni apha 021 467 2407.
6.4 Ii-ofisi zezithili ziya kuzinika izikolo isikhokelo sokumakisha se-CAT ye-LO yokuxabangela. Ii-ofisi zesithili nazo ziya kuqinisekisa nokuba ukumakishwa kwephepha lokuxabangela kumodareyithwa ngaphakathi ezikolweni kwakunye nangaphandle yi-ofisi yesithili echaphazelekayo.
6.5 Abafundi abangayibhaliyo i-CAT ye-LO okanye i-CAT ye-LO yokuxabangela ngo-2018 baya kufumana iziphumo ezingaphelelanga kwiSifundo se-Life Orientation (LO).Aba bafundi kuya kufuneka basiphinde isifundo, kuqukwa ne-School-based Assessment(SBA) ne-CAT ye-LO.

7. Kucelwa wazise ngale ngcaciso kubo bonke ootitshala nabafundi beBaKala 12 beSifundo seLife Orientation ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:08:31