1. IMimiselo i-Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate Examinations, eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No 37651 yange-16 Meyi 2014, icacisa imigaqo yamanqaku okupasa okugqibela eSifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation (LO)) ngokusekelwe kuvavanyo lwangaphakathi, nomalumodareyithwe ngaphandle, kwakunye noMsebenzi woVavanyo okuMgangatho ofanayo (Common Assessment Task (CAT)) osetwa uze umodareyithwe ngaphandle.
2. Le ngcaciso imfutshane ke ngoko yazisa izikolo ngenkqubo emayilandelwe kulawulo lwe-CAT yeSifundo seLO ngo-2018.
3. Ukubhalwa kwe-CAT yeSifundo seLO
3.1 I-CAT yeSifundo seLO yinxalenye yamanqaku okupasa okugqibela kwiBakala 12 yaye ke ngoko mayibhalwe ngabo bonke abafundi beBakala 12.
3.2 Umhla wokubhalwa kweCAT yeSifundo seLO ngowe-03 Septemba 2018, ukususela ngo-09:00 ukuya ku-11:00. Nakuphi na ukushenxa kulo mhla neli xesha kuya kuthathwa njengesitenxo esixhomisa amehlo.
3.3 I-CAT yeSifundo seLO iya kuba nephepha eliziiyure ezimbini elinamanqaku ayi-80 ewonke. Liya kuthatha indawo yoMsebenzi 4 kwiKota 3 yaye liya kwenza u-20% kumanqaku okugqibela (final mark) eSifundo seLO.
3.4 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kuprinta amaphepha emibuzo eCAT yeSifundo seLO abo bonke abafundi kwiphondo ngokwedatha yobhaliso lokugqibela (final registration data) echazwe kwi-Centralised Education Management Information System (CEMIS) lize liwase kuzo zonke izikolo ezifundisa iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)).
3.5 Kwakufunyanwa amaphepha emibuzo ekwizingxobo ii-Smartlock canvas bags, iinqununu mazithwale uxanduva ngokupheleleyo njengabagadi babaviwa abaziintloko ukuqinisekisa ukuba iyathotyelwa yonke imiqathango nemigaqo emalunga neemviwo zeNSC.
3.6 Iinqununu maziwavule amaphepha emibuzo ngomhla woviwo bekho nabafundi zize zikubeke esweni ukuhanjiswa kwamaphepha emibuzo.
3.7 Iinqununu maziqinisekise ukuba abagadi babaviwa bahlala bebagadile ngeliso elibukhali abafundi lo gama bebhala iCAT yeSifundo seLO.
3.8 Emva kokubhalwa kwe-CAT yeSifundo seLO, abagadi babaviwa mabazingqinelanise iincwadi zeempendulo nenani labafundi abakhoyo.
3.9 Iincwadi zeempendulo mazifakwe kwingxowa ekubonelelwe ngayo emayitywinwe, ize itshixelwe kwingxowa yekhanvasi (canvas bag) emayigcinwe kwigumbi elinqatyisiweyo lesikolo kude kuqaliswe inkqubo yokumakisha.
3.10 Inkqubo yokungenisa amagama abafundi abebengekho xa kubhalwa uviwo iya kuchazelwa izikolo ngexesha elifanelekileyo.
3.11 Kubalulekile ukuba amaxwebhu abubungqina ezizathu ezivakalayo zokungabikho komfundi kuviwo mawagcinwe kwifayili yesikolo yaye mawabenako ukufumaneka kwaNdlunkulu nakwi-ofisi yezithili xa kuceliwe.
3.12 "Izizathu ezivakalayo" zokungabikho komfundi kuviwo ziquka kule meko oku kulandelayo:

  1. ukugula okuxhaswa sisatifikethi sokugula esisemthethweni, esikhutshwe ligosa/yingcali yezonyango ebhalisiweyo (registered medical practitioner);
  2. izizathu eziphenjelelwa luvelwano lobuntu ezibandakanya ukusweleka kwelungu losapho elisondeleyo kumfundi ezixhaswa yikopi yesatifikethi sokusweleka;
  3. umfundi oya kuvela enkundleni yamatyala, yaye oko makuxhaswe bubungqina obuyincwadi ebhaliweyo; okanye
  4. nasiphi na esinye isizathu esinokwamkelwa njengesizathu esivakalayo yintloko yequmrhu lovavanyo okanye ngummeli wayo.
4. Iingxoxo ezingesikhokelo sokumakisha
4.1 Iintlanganiso zeengxoxo ezingesikhokelo sokumakisha kuzwelonke, kwiphondo nakwizithili, ziya kuqhubeka ngoSeptemba 2018. Izikolo ziya kusifumana isikhokelo sokumakisha sokugqibela kwintlanganiso yeengxoxo zesikhokelo sokumakisha yesithili.
4.2 Iincwadi zeempendulo mazikhutshwe kwigumbi elinqatyisiweyo kuphela emva kokugqitywa kweentlanganiso zeengxoxo ezingesikhokelo sokumakisha zezithili.

5. Ukumakishwa kwe-CAT yeSifundo se-LO
5.1 Ukumakishwa kwe-CAT makuqhutyelwe esikolweni phantsi kweliso lenqununu notitshala oneqhuzu okanye elentloko yesifundo ebambeleyo njengemodareyitha yangaphakathi.
5.2 Inkqubo yokumakisha mayigqitywe ngowe-27 Septemba 2018.
5.3 Apho kukho ngaphezu kotitshala omnye ofundisa iSifundo se-LO esikolweni, inqununu mayiqinisekise ukuba ootitshala abazimakishi iincwadi zeempendulo zabafundi ababafundisayo.

6. Ukumodareyithwa kwamaxwebhu abubungqina omfundi
6.1 Ubuncinane ziipesenti ezilishumi zeencwadi zeempendulo ezimakishiweyo ezimele ukumodareyithwa ngutitshala oneqhuzu okanye yintloko yesifundo.
6.2 UMcebisi weSifundo we-LO makamodareyithe isampula yeencwadi zeempendulo kwizikolo ezikhethiweyo.
6.3 Ukumodareyithwa kwe-CAT yeLO kwiphondo kuya kuqhutywa ukususela kwi-01 ukuya kwi-03 Oktobha 2018.

7. Ukufakwa kwamanqaku eCAT yeSifundo se-LO
7.1 Iimakhishithi ezimbini ezahlukeneyo ziya kunikwa izikolo ukwenzela ukurekhoda amanqaku eCAT yeLO.
7.2 Imakhishithi enye iya kusetyenziselwa ukufaka amanqaku eCAT (amanqaku ayi-80) yaye enye iya kusetyenziselwa ukufaka amanqaku ovavanyo oluqhubekela esikolweni (school-based assessment (SBA)) (amanqaku ayi-320).

8. Ziyacelwa iinqununu zenze amalungiselelo ayimfuneko okubhalwa kolu vavanyo.

9. Kucelwa wazise ngale ngcaciso kubo bonke ootitshala nabafundi beSifundo seLife Orientation ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:08:02