1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (i-DBE) linqwenela ukuba uthathele ingqalelo iinkqubo emazilandelwe ngokuthe mbo xa kuqhutywa iimviwo zepraktikhali zokuphela konyaka zezifundo ze-Design ne-Visual Arts.

2. Amaphepha emibuzo ka-2018 eemviwo zepraktikhali zokuphela konyaka zezifundo ze-Design ne-Visual Arts (Design Paper 2 and Practical and Visual Arts Paper 2) aya kuba nala macandelo mabini alandelayo:

  • Section A: Source Book or Workbook; kunye
  • ne-Section B: The Artwork or Product
3. Izikolo namaziko ezobugcisa makaqinisekise ukuba bonke abaviwa abenza izifundo ze-Design kunye/okanye i-Visual Arts banephepha lemibuzo nge-20 Julayi 2018 ukuze banikwe ithuba lokufumana ingcaciso ngeCandelo A lephepha lemibuzo. Abaviwa mabasayine irejista bakunikwa iphepha lemibuzo.

4. KwiKota 3, abaviwa mabenze balugqibe uphando olwaneleyo baqokelele yaye badibanise zonke izinto ezifanelekileyo (appropriate material) zokulungiselela iCandelo A lephepha lemibuzo yomviwo. ICandelo A lingaqhutywa nokuba kungexesha lokufundisa okanye emva kweeyure zesikolo.

5. ICandelo A loviwo lwepraktikhali maligqitywe ngaphambi kokuqala iCandelo B loviwo lwepraktikhali.

6. ICandelo B malibe seligqityiwe nge-19 Oktobha 2018.

7. ICandelo B loviwo lwepraktikhali maligqitywe kwindawo yokubhalela uviwo ngethuba lokufundisa eliqhelekileyo kungabi ngexesha lasemva kweeyure zesikolo okanye ngeempela-veki. Kucetyiswa ukuba kulungiselelwe iiseshoni ezithatha iiyure ezine ukuya kwezintandathu iintsuku eziliqela, bade bonke abaviwa babe bawugqibile umsebenzi wabo wezobugcisa (artwork) okanye isiveliso sabo (product), okanye zide zigqithe iiyure eziyi-24 ezabelwe lo msebenzi. Makwenziwe amalungiselelo angaphakathi kwisikolo ngasinye okanye kwiziko ngalinye ukulungiselela imisebenzi yezifundo zobugcisa enokufunwa likhondo elithile lezobugcisa, umz. eleesiramikhi (ceramics).

8. Kufuneka kugadwe ngokungqongqo ngutitshala we-Design kunye/okanye we-Visual Arts kunye nomgadi wabaviwa ngethuba lokuqhutywa koviwo.

9. Abaviwa mabangaze bashiywe bebodwa xa besenza iCandelo B, yaye bangaze bavunyelwe ukuba bagoduke nemisebenzi yobugcisa okanye eyenziwayo engagqitywanga. Yonke imisebenzi yobugcisa okanye iiprojekthi zepraktikhali ezingagqitywanga mazigcinwe esikolweni kude kube yiseshoni elandelayo ebhalwe kwithayimthebhile.

10. Kucelwa zonke izikolo okanye amaziko afundisa izifundo i-Design kunye/okanye i-Visual Arts ukuba zingenise ngokuthumela nge-imeyili ku-: Ellene.Louw@westerncape.gov.za iithayimthebhile zalo zokwenziwa kweCandelo B kumCwangcisi weMfundo oneQhuzu wezifundo ze-Design ne-Visual Arts phambi kowe-08 Agasti 2018. INgcali yeMfundo eneQhuzu mayidibanise iithayimthebhile.

11. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) neDBE baya kuthi kwakhona babeke esweni ukubhalwa kwezi mviwo zepraktikhali. Ishedyuli yokubekwa esweni kwezi mviwo zepraktikhali, esekelwe kwiithayimtheyibhile ezingeniswe zizikolo nangamaziko, ziya kuqulunqwa zize zithunyelwe kwiDBE.

12. IWCED iya kucwangcisa imihla yokumakisha nokumodareyitha ukuqinisekisa ukuba yonke imisebenzi yepraktikhali iyamakishwa yaye imodareyithwe ungadlulanga owe-16 Novemba 2018.

13. Nayiphi na imibuzo engokuqhutywa kweemviwo zepraktikhali zokuphela konyaka zezifundo ze-Design ne-Visual Arts zinokuthunyelwa kuNks Ellené Louw kule dilesi ye-imeyili Ellene.Louw@westerncape.gov.za.

14. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:07:06