1. |
Izikhokelo zeemviwo namaphepha emibuzo angumzekelo (exemplar question papers) enzelwe ukuncedisa ootitshala nabafundi kumalungiselelo abo eemviwo zika-2018 zeNSC kwezi zifundo zilandelayo:
- Technical Sciences
- Technical Mathematics
- Mechanical Technology
- Civil Technology
- Electrical Technology
- Information Technology
|
2. |
Izikhokelo zeemviwo namaphepha emibuzo angumzekelo azo zonke izifundo ezidwelisiweyo, ngaphandle kwe-Electrical Technology, ziyafumaneka kwiziko lewebhu leSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (iDBE) apha https://bit.ly/2vDlOuh nalapha https://bit.ly/2HpLdcx ngokulandelelanayo. |
3. |
Ezi zikhokelo zeemviwo namaphepha emibuzo angumzekelo achaphazela ukufunda nokufundisa njengoko enika ingcaciso kwiinkalo ekuthiwa zitolikeka ngokumbonombini (ambiguous) kumanye amaxwebhu eNkcazelo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS) documents). |
4. |
Izikhokelo zeemviwo azithathi ndawo yamaxwebhu eCAPS njengoko zinika nje kuphela ingcaciso ngeemviwo zeNSC zokuphela konyaka kwaye apho kuyimfuneko, zicacisa ngobungakanani (scope) nobunzulu (depth) bekhontenti obuya kuvavanywa. |
5. |
Isikhokelo ngasinye masisoloko sisetyenziswa kunye neCAPS yesifundo ngasinye. |
6. |
Kucelwa iinqununu namagosa ezithili azise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi, abazali kunye nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:05:07
|
 |