1. Kucelwa ootitshala, abacebisi bezifundo nabacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abazifezekisayo iikhrayitheriya (ezicaciswe kwisiHlomelo A) ukuba bafake izicelo zezithuba zokuqeshwa njengeemodareyitha zangaphakathi, abamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko nabamakishi abakhulu, nabamakishi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zangoNovemba 2018 ukuya kuNovemba 2020 neemviwo zeSatifikethi seMatriki (SC) ukususela ngoJuni 2019 ukuya kuJuni 2021.

2. Bonke abenzi-sicelo mabafake isicelo besebenzisa isistim entsha yokwenza isicelo kwikhompyutha apha https://wcedonline.westerncape.gov.za/branchCS/Vacancy-Lists/index_vacancy.html ngokuthi balandele la manyathelo acaciswe kwisiHlomelo B.

3. La maxwebhu alandelayo makafakwe kunye nesicelo:

  • Ikopi yesazisi (ID) eqinisekisiweyo/amaxwebhu angaphandle
  • Iikopi/iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo
  • Ikopi yesatifikethi/iikopi zezatifikethi eziqinisekisiweyo zamabanga emfundo yoqeqesho
  • Ubungqina bokuba babhalisile neSouth African Council of Educators (SACE)
  • Ifom eyi-Declaration form esayiniwe ngumenzi-sicelo nayinqununu/nangabalawuli bezithili
4. Izifundo ezineemvavanyo zobuchule (competency tests)
4.1 Ngo-2018, ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kubhalisa iimvavanyo zobuchule kwezi zifundo zilandelayo:

  • Accounting
  • Business Studies
  • Consumer Studies
  • Economics
  • English Home Language
  • Geography
  • History
  • Life Sciences
  • Mathematics
  • Mathematical Literacy
  • Physical Sciences
4.2 Kuphela ngabenzi-sicelo abaphumelele ngo-60% nangaphezulu kwezi mvavanyo zobuchule abaya kuqwalaselelwa ukuqeshwa njengamagosa amakishayo.
4.3 Abenzi-sicelo abalubhalayo uvavanyo lobuchule kwezi zifundo zidwelisweyo phakathi ko-2011 no-2017 nabaphumelela ngereyithi yokupasa engu-60% nangaphezulu akuyomfuneko ukuba baziphinde iimvavanyo zobuchule kwezi zifundo ngo-2018. Nakuba kunjalo, bayakhuthazwa ootitshala ukuba bazibhale iimvavanyo zobuchule xa benqwenela ukuphucula iziphumo zabo.
4.4 Kuya kuthathwa onke amanyathelo ukulungiselela abenzi-sicelo kwindawo ekwisithili semfundo abaphantsi kolawulo lwaso. Iindawo nemihla yeemvavanyo zobuchule ziya kwaziswa umenzi-sicelo ngamnye.
4.5 Iimvavanyo zobuchule ziya kususelwa kwikharityhulam yesifundo okanye yephepha leNSC nakwizakhono zokumakisha ezifanelekileyo kweso sifundo okanye kwelo phepha. Kwimeko ye-Economics ne-Geography, abenzi-sicelo baya kuvavanywa kwikhontenti yekharityhulam yePhepha 1 no-2 edibene. Kwimeko ye-English Home Language, abenzi-sicelo baya kuvavanywa kwikhontenti yekharityhulam yePhepha 1 no-2 edibene.

5. Imihla yezicelo nokungeniswa kwee-declaration forms

Isithuba sesicelo Kuvuliwe ukungeniswa kwezicelo Kuvaliwe ukungeniswa kwezicelo
Imodareyitha yangaphakathi
Ummakishi oyintloko
Usekela-mmakishi oyintloko
06 Apreli 2018 18 Apreli 2018
Ummakishi omkhulu
Ummakishi
10 Apreli 2018 26 Apreli 2018

6. Bonke abenzi sicelo mabazalise ifom eyi- declaration form (eqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane njengesiHlomelo C). Mabaqinisekise ukuba iyasayinwa yaye ifakwe isitampu yinqununu/nangabalawuli bezithili, ize ifakwe kunye nesicelo kwisistim yekhompyutha.

7. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neSebe iWCED. Enye imbalelwano emalunga nenkqubo yokumakisha iya kulandela kamva.

8. Kucelwa uqhagamshelane nala magosa alandelayo ukuba ufuna uncedo nokuba loluphi na:

Isithili Igosa Iinkcukacha zoqhagamshelwano
Cape Winelands
Eden and Central Karoo
Mark Cameron Mark.Cameron@westerncape.gov.za
Inombolo yeFoni: 021 467 2964
Metro East
Metro South
Nompumelelo Kanase Nompumelelo.Kanase@westerncape.gov.za
Inombolo yeFoni: 021 467 2952
Metro North
West Coast
Christal Mentor Christal.Mentor@westerncape.gov.za
Inombolo yeFoni: 021 467 2009
Metro Central
Overberg
Norman Riddles Norman.Riddles@westerncape.gov.za
Inombolo yeFoni: 021 467 2992

9. Ukumakishwa kweencwadi zeempendulo zemviwo zeNSC ngomnye kwimisebe ebaluleke gqitha yenkqubo yoviwo. ISebe iWCED liyazingca ngokuqeshwa kwabamakishi abanobuchule nabanamanga emfundo afanelekileyo. Iinqununu namanye amagosa amakhulu anika iingcebiso ngabamakishi mabawenze umsebenzi wabo ngokunyanisekileyo nangentembeko.

10. Kucelwa iinqununu, abalawuli besithili, abaphathi beesekethe nabacebisi bezifundo, bazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke ootitshala ukwenzela ukuba babenolwazi ngeekhrayitheriya zokuqeshwa nangenkqubo emayilandelwe ukwenzela ukufaka isicelo. lCandelo loLawulo loVavanyo alinako ukuthwaliswa uxanduva ngenxa yokuba ootitshala bengaziswanga ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane nangokuba bengawangenisanga onke amaxwebhu ayimfuneko achaphazelekayo.

11. ISebe iWCED lithembele kwintsebenziswano yenu nenkxaso kulo mbandela ubaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:03:15

IsiHlomelo A: Iikhrayitheriya zokuqeshwa kweemodareyitha  (ubukhulu: 65 KB)
IsiHlomelo B: Inkcazelo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni engenkqubo yokwenza isicelo sesithuba sokumakisha kwikhompyutha  (ubukhulu: 140 KB)
IsiHlomelo C: "Declaration"  (ubukhulu: 63 KB)