1. Intshayelelo
1.1 Ukulandela iNgcaciso eMfutshane yoLawulo loVavanyo 0001/2018 eyayisazisa izikolo ngolawulo lweMisebenzi yoVavanyo lwePrakthikhali (Practical Assessment Tasks) (PATs) kwizifundo ezikhethiweyo), kusetwe ezi PATs zeZifundo zoBugcisa ii-Technical Sciences liSebe leMfundo esiSiseko (ISebe iDBE). Ezi PATs ziyinxalenye yeemfuno ezimiselweyo zovavanyo kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ngo-2018 njengoko kuchaziwe kwi-Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS) yeZifundo zoBugcisa ii-Technical Sciences.
1.2 Ezi PATs zivavanywa ngaphakathi ezikolweni zize zimodareyithwe ngaphandle kwalapha kwiphondo.

2. Ukuvavanywa kwee-PATs
2.1 Izikhokelo zePATs zango-2018 zinokukhutshelwa (downloaded) kwiziko lewebhu leDBE (DBE website), ngokusebenzisa le linki: http://bit.ly/2ESvFfM (okanye ngokungena kwi-DBE home page uze uklikhe ku-Practical Assessment Tasks naku-2018 Grade 10–12 PATs).
2.2 Mazinikwe ootitshala bezifundo abachaphazelekayo izikhokelo zePATs eziqhotyoshelweyo ukwenzela ukuba bazisebenzisele ukubhajethela nokucwangcisela ukuqaliswa kwezi mvavanyo kwiikota ezintathu zokuqala zika-2018.
2.3 Kuya kunikwa inkxaso ngabacebisi bezifundo nangabacwangcisi bekharityhulam abakhulu abachaphazelekayo kwezi zifundo abakwii-ofisi zezithili zemfundo ekuhambeni konyaka. Ngako oko ke kufuneka izikolo ziqinisekise ukuba ootitshala abachaphazelekayo bayaya kwiintlanganiso zezithili ezisingethe ukuvavanywa nokumodareyithwa kwee-PATs.

3. Ziyacelwa iinqununu namagosa ezithili zemfundo ukuba zazise ootitshala, abazali nabafundi okukule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:03:01