1. Intshayelelo
1.1 Kuye kwasetwa iMisebenzi yoVavanyo lwePrakthikhali (Practical Assessment Tasks) (PATs) kwizifundo ezikhethiweyo liSebe leMfundo esiSiseko (ISebe iDBE). Ezi PATs ziyinxalenye yeemfuno ezimiselweyo zovavanyo kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ngo-2018 njengoko kuchaziwe kwi-Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS) yesifundo ngasinye esichaphazelekayo.
1.2 Ezi PATs zivavanywa ngaphakathi ezikolweni zize zimodareyithwe ngaphandle kwalapha kwiphondo.

2. Izifundo ezibandakanya i-PATs zezi:
2.1 Agricultural Management Practices, Agricultural Technology
2.2 Dance Studies, Design, Dramatic Arts, Music, Visual Arts
2.3 Computer Applications Technology, Information Technology
2.4 Consumer Studies, Hospitality Studies, Tourism
2.5 Civil Technology, Electrical Technology, Engineering Graphics and Design, Mechanical Technology

3. Ukuvavanywa kwee-PATs

Izikhokelo zePATs zango-2018 zinokukhutshelwa (downloaded) kwiziko lewebhu leDBE (DBE website), ngokusebenzisa le linki: http://bit.ly/2ESvFfM (okanye ngokungena kwi-DBE home page uze uklikhe ku-Practical Assessment Tasks naku-2018 Grade 10–12 PATs).

3.1 Mazinikwe ootitshala bezifundo abachaphazelekayo izikhokelo zePATs eziqhotyoshelweyo ukwenzela ukuba bazisebenzisele ukubhajethela nokucwangcisela ukuqaliswa kwezi mvavanyo kwiikota ezintathu zokuqala zika-2018.
3.2 Kuya kunikwa inkxaso ngabacebisi bezifundo nangabacwangcisi bekharityhulam abakhulu abachaphazelekayo kwezi zifundo abakwii-ofisi zezithili zemfundo ekuhambeni konyaka. Ngako oko ke kufuneka izikolo ziqinisekise ukuba ootitshala abachaphazelekayo bayaya kwiintlanganiso zezithili ezisingethe ukuvavanywa nokumodareyithwa kwee-PATs.

4. Ziyacelwa iinqununu namagosa ezithili zemfundo ukuba zazise ootitshala, abazali nabafundi okukule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-H MAHOMED
IBAMBELA SEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:02:01