1. IMimiselo Regulations Pertaining to the National Curriculum Statement Grades R–12, 2016 epapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 40472 ye-02 Disemba 2016 neSetyhula 0028/2016, yomhla we-30 Julayi 2016, zacacisa ukuba imihla yokugqibela kubazali nakubafundi yokucela utshintsho lwezifundo kumaBakala 10– 12 imi ngolu hlobo lulandelayo:

IBakala Utshintsho lwezifundo oluvumelekileyo Isicelo somzali/somfundi Okwenziwa sisikolo
10 2 30 Juni 31 Julayi kwi-CEMIS
11 2 31 Matshi 30 Apreli kwi-CEMIS
12 Sinye (1) kuphela kwiimeko ezizodwa 15 Disemba kunyaka weBakala 11 20 Januwari kunyaka weBakala 12 kwi-CEMIS
12 Izicelo zezibheno 31 Januwari 08 Februwari kumphathi wesekethe

2. Maziqinisekise iinqununu ukuba bonke abafundi bamaBakala 10, 11 no-12 babhaliswe ngokuchanekileyo kwizifundo abazibhalayo kwanokuba iinkcukacha zabo zifakiwe kwiCEMIS ungadlulanga owe-31 Januwari qho kunyaka ngamnye.

3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lifumanisa ukuba ezinye iinqununu zisazingenisa emva kwexesha izicelo zotshintsho lwezifundo kunye/okanye nezezilungiso kuwo onke amabakala nezabafundi beBakala 12 emva kokuba sele zifunyenwe iishedyuli ezandulelayo (preliminary schedules).

4. Izicelo ezingeniswe emva kwexesha zotshintsho kwizifundo kunye/okanye izilungiso zisoloko zibonisa ukuba izikolo aziwusebenzisi umgaqo-nkqubo nemihla emisiwe ngokungqongqo, okanye iinkcukacha zomfundi zisoloko zihlaziywa ngokungatshintshiyo kwi-CEMIS.

5. Izikolo ezingawuthobeliyo umgaqo-nkqubo okanye ezineenkcukacha zabafundi nezifundo ezingachanekanga kwi-CEMIS, ziya kuthunyelwa kuMlawuli oyiNtloko: weCandelo loVavanyo neeMviwo ukwenzela ukuba kwenziwe uphando olungaphezulu yaye kunokwenzeka ukuba kuthathwe inyathelo loluleko.

6. Apho kucelwe utshintsho lwesifundo somfundi weBakala 11 ngoDisemba, kucelwa iinqununu zinike ubungqina bokuba ziye zahlangana nabazali abalindelekileyo beBakala 12 phakathi koNovemba nowe-15 Disemba kunyaka weBakala 11 yaye ziyinikile inkcazelo ngokuqhubekayo nengcebiso eyimfuneko ngokumalunga neziphumo zeBakala 11 ukwenzela ukuba zonke izicelo zotshintsho lwezifundo kuvunyelwane ngazo ngabazali nootitshala yaye zisingathwe ungadlulanga owe-15 Disemba qho ngonyaka.

7. Abafundi abathatha isifundo sesibhozo okanye ezingaphezulu mabakwenze oko ukususela kwiBakala 10. Abafundi abavumelekanga ukubhalisa izifundo ezongezelelweyo kwiBakala 11 okanye 12.

8. Izikolo ezinqwenela ukufaka izicelo zezibheno ngakuso nasiphi na isigqibo esithathiweyo nguMlawuli weCandelo loLawulo loVavanyo ngokumalunga notshintsho lwesifundo, mazikwenze oko Ngalomhla we-31 Januwari kunyaka ngamnye. Akukho zicelo zezibheno ziya kuthathelwa ingqalelo emva kwalo mhla.

9. Ukufaka isicelo sokubhena kwisigqibo esithathiweyo, uyacelwa unike oku kulandelayo:
9.1 Isicelo sesibheno esidraftwe yinqununu kwiletahedi yesikolo nesiya kuMlawuli oyiNtloko weCandelo loVavanyo neeMviwo esicacisa isizathu (izizathu) sesicelo (sezicelo) sotshintsho lwezifundo.
9.2 Ileta evela kutitshala yomfundi ngamnye kunye nesifundo ngasinye aza kusithatha, necacisa iprogram emayilandelwe ukuncedisa abafundi bafikelele kwezo nkalo zokufunda zeNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement) zesifundo esitsha (zezifundo ezitsha) ebekumelwe zifundwe kwiBakala 10 no11.
9.3 Ileta evela kumzali (kumzali)/kumgcini (kubagcini) enika inkxaso ukutshintswa kwesifundo (kwezifundo)

10. Zonke izicelo zezibheno mazibhekiswe kumphathi wesekethe oya kuzigqithisela ku-Nks T Singh, onguMlawuli oyiNtloko weCandelo loLawulo lweKharityhulam noVavanyo. Isicelo masizaliswe ngawo onke amaqela achaphazelekayo yaye masihambe kunye nawo onke amaxwebhu afunekayo. (Makufundwe isiHlomelo A,)

11. Isicelo sesibheno siya kuqwalaselwa kuphela xa ngaba isicelo sokutshintshwa kwesifundo sangeniswa ngamaxesha amisiweyo achazwe kwingongoma 1 nokuba asizange sivunywe ke ngelo thuba isicelo.

12. Azivumelekanga iinqununu ukuba zenze naluphi na utshintsho lwezifundo kubafundi bazo beBakala 12 yaye zingavumelekanga nokuba zibase kwiklasi yesifundo esitsha abafundi ngaphandle kwemvume evela kwiSebe iWCED.

13. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba idatha yobhaliso kwiCEMIS isetyenziselwa ukubhalisa abafundi beBakala 12 kwisistim i-Integrated Examination Computer System (IECS). Le datha isetyenziselwa ukuprinta iishedyuli ezandulelayo (preliminary schedules), iishedyuli zokugqibela neeleta zokwamkelwa kwabafundi. Kubalulekile kakhulu ke ngoko ukuba izikolo ziqinisekise ukuba yonke idatha yabafundi ifakwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS.

14. Naziphi na izicelo zokutshintshwa kwezifundo okanye ezezilungiso kumaBakala 10 no-11 ezifike emva kwexesha mazibhekiswe kumququzeleli wovavanyo neemviwo wesithili ochaphazelekayo.

15. Ziyacelwa iinqununu namagosa ezithili ukuba bazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, abazali/abagcini nabafundi bamaBakala 9-12 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:12:06

IsiHlomelo A: Appeal form – Grade 12 subject changes  (ubukhulu: 53 KB)