1. UMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (CAPS) wezifundo i-Accounting ne-Business Studies ucacisa ukuba uviwo lwezi zifundo maluqulathe iphepha libe linye leeyure ezintathu lamanqaku ayi-300.
2. IBhunga laBaphathiswa beMfundo likwamkele ukwahlulwa phakathi koviwo lwangoku lwe-Accounting ne-Business Studies lube ngamaphepha amabini eeyure ezimbini anamanqaku ayi-150 kwiphepha ngalinye.
3. ISetyhula 0003/2018, yange-23 Januwari 2018, yachaza imihla yokuqalisa nemo yephepha elitsha le-Accounting ne-Business Studies.
4. Ukuqinisekisa ukuqaliswa ngokungenamagingxi-gingxi kwenkqubo, iSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (iDBE) lenze isikhokelo soviwo se-Accounting ne-Business Studies.
5. Fumana isikhokelo soviwo seBakala 10 kwi-Accounting siqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo A.
6. Fumana isikhokelo soviwo seBakala 10 kwi-Accounting siqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo B.
7. Kucelwa iinqununu zazise le ngcaciso bonke ootitshala bezikolo zikarhulumente nezikolo ezizimeleyo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:11:13

IsiHlomelo A: "Accounting examination guidelines"  (ubukhulu: 83 KB)
IsiHlomelo B: "Business studies examination guidelines"  (ubukhulu: 198 KB)